5 UThixo Wamkela Bonke Abantu Abamnqula Ngokunyaniseka—Ngaba Yinyaniso?
Mhlawumbi wakhe weva kusithiwa: “Kanye njengokuba zininzi iindlela ezigodukayo, zininzi neendlela eziya kuThixo. Mntu ngamnye umele azifumanele indlela eya kuThixo.”
Oko kufundiswa yiBhayibhile: Simele sinyaniseke xa sinqula, singahanahanisi. UYesu waxelela iinkokeli zonqulo isizathu sokuba uThixo azigatye: “UIsaya watyapha ukuprofeta ngani bahanahanisindini, njengoko kubhaliwe kwathiwa, ‘Esi sizwana sindibeka ngemilebe yaso, kodwa iintliziyo zaso zikude lee kum.’” (Marko 7:6) Noko ke, ukunyaniseka kukodwa akusosiqinisekiso sokuba uThixo uyalwamkela unqulo lwethu.
UYesu wakwenza kwacaca oku ngokubhenca ezona zinto zazisilela kuzo iinkokeli zonqulo nabalandeli bazo. Wayewabhekisa kuzo la mazwi kaThixo: “Sindinqulela ilize, kuba sifundisa iimfundiso eziyimiyalelo yabantu.” (Marko 7:7) Unqulo lwazo ‘lwalulilize,’ okanye lungenamsebenzi, kuba lwalukhokelisa izithethe zazo kunokuba zenze izinto ezifunwa nguThixo.
Kunokuba ixhase ingcinga yokuba zininzi iindlela zokusondela kuThixo, iBhayibhile ifundisa ukuba inye kuphela. UMateyu 7:13, 14 uthi: “Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba ibanzi kwaye iphangalele indlela esa entshabalalweni, yaye baninzi abangena ngayo; kanti limxinwa isango kwaye imxinwa indlela esa ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo.”
Indlela ekukunceda ngayo ukwazi inyaniso: Khawucinge ukuba ubuya kuvakalelwa njani xa ubuziqeqeshela ukubaleka ugqatso iinyanga eziliqela uze uphume kwindawo yokuqala kolo gqatso, kodwa ungalifumani ibhaso kuba waphule umthetho othile obungawazi. Ubunokuvakalelwa kukuba udlale ngexesha lakho. Ngaba loo nto inokwenzeka naxa sinqula uThixo?
Ethelekisa unqulo lwethu nokhuphiswano lweembaleki, umpostile uPawulos wabhala wathi: “Nabani na ongenela ezemidlalo, akathweswa sithsaba ngaphandle kokuba uthobela imigaqo.” (2 Timoti 2:5) Samkeleka kuThixo kuba simnqula ‘ngokuthobela imigaqo,’ ngokuvisisana nemithetho ebekwe nguye. Asinakuzikhethela indlela esifuna ukusondela ngayo kuThixo njengokuba nembaleki ingenakubaleka nakanjani ize ilindele ukuba iphumelele ugqatso.
Ukuze sikholise uThixo, kufuneka unqulo lwethu lungabi nabuxoki. UYesu wathi: “Abanquli bokwenyaniso baya kumnqula uBawo ngomoya nenyaniso.” (Yohane 4:23) LiLizwi likaThixo, iBhayibhile, elisibonisa indlela yokusondela kuThixo.—Yohane 17:17.a
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngonqulo olwamkelekileyo kuThixo, funda isahluko 15 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]
Ngaba zonke iinkonzo zifundisa abantu ukuba banqule uThixo ngendlela efunwa nguye?