IBhayibhile Itshintsha Ubomi Babantu
Yintoni eyakhuthaza ibhinqa elalithengisa iidayimani ngokungekho mthethweni nelalisiba emsebenzini ukuba libe ngumsebenzi onyanisekileyo? Yintoni eyanceda elinye ibhinqa elalizame ukuzibulala izihlandlo ezibini laphila ubomi obunenjongo? Kwenzeka njani ukuba umntu owayesebenzisa kakubi utywala neziyobisi abe namandla okwahlukana naloo mikhwa? Makhe sibayeke bazithethele.
INGXELO YOBOMI
IGAMA: MARGARET DEBRUYN
IMINYAKA: 45
ILIZWE: BOTSWANA
UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYELISELA
UBOMI BAM BANGAPHAMBILI: Utata wayengowaseJamani kodwa waba ngummi waseSouth West Africa (ngoku eyiNamibia). Umama wayeyintombi yaseBotswana, kwisizwe samaMangologa. Ndazalelwa eGobabis, eNamibia.
Ngeminyaka yee-1970, urhulumente waseMzantsi Afrika owayexhuzuli’ mikhala eNamibia wanyanzelisa ngokungqongqo imithetho yocalucalulo kuzo zonke iidolophu neelali. Ekubeni utata wayeliJamani umama yena enguMtswanakazi kwathiwa mabahlukane. Ngoko umama wasithatha sonke, mna nabantakwethu abahlanu noodadewethu ababini, saya kuhlala eGhansi, eBotswana.
Ngowe-1979, ndafudukela eLobatse, eBotswana, apho ndakhuliswa ngabanye abazali ngoxa ndandigqibezela isikolo. Emva koko ndafumana umsebenzi wokuba ngumabhalane kwindawo eyayilungisa iimoto. Ekukhuleni kwam ndandikholelwa ukuba kuThixo akabanyamekeli abantu, umntu nomntu umele azibonele nokuba— wenza kanjani na—ukuba nje qha uyazondla yena nentsapho yakhe.
Ukuba nesikhundla esiphezulu emsebenzini, kwandinika ithuba lokuba ezinye zezixhobo zeemoto ezazithengiswa apho. Mna namahlakane am sasigada nawuphi na uloliwe odlula kwidolophu yethu ebusuku size sibe nantoni esasinokuyiba. Kwakhona ndaqalisa ukuba idayimani, igolide nobhedu. Ndaqalisa ukusebenzisa kakubi iziyobisi, ndaba yindlobongela ethanda amadoda.
Ekugqibeleni ngowe-1993, ndabanjwa ndisiba ndaza ndagxothwa emsebenzini. “Abahlobo” bam bandishiya kwesinomhlwa kuba besoyika ukubanjwa nabo. Indlela abandiphatha ngayo yandikhathaza nto leyo eyandenza andathemba mntu kwakhona.
INDLELA EYABUTSHINTSHA NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Ngowe-1994, ndadibana noTim noVirginia ababengabavangeli basemazweni bamaNgqina kaYehova. Babendifundisa iBhayibhile kwindawo entsha endandisebenza kuyo ngexesha lesidlo sasemini. Ndabavumela ukuba baye kundifundisa ekhaya kuphela emva kokuba ndibonile ukuba ndandinokubathemba.
Kungekudala ndaqonda ukuba ukuze ndimkholise uThixo kwakuza kufuneka nditshintshe indlela endandiphila ngayo. Ngokomzekelo ndafunda kweyoku 1 kwabaseKorinte 6:9, 10 ukuba “Abahenyuzi, . . . namasela, nabantu ababawayo, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” Kancinane kancinane ndayiyeka imikhwa yam emibi. Ndayeka ukuba, ndaza ndahlukana nemigulukudu endandikhule nayo. UYehova wandinceda ndahlukana namadoda endandithandana nawo.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Emva kokuwa ndivuka ndiye ndafunda ukuwulawula umsindo wam nokungathethi rhabaxa noonyana bam ababini xa besona. (Efese 4:31) Ndiye ndizame ukuthetha ngoxolo. Ukuthetha ngale ndlela kuzala amaduna namathokazi yaye kuyenza imanyane intsapho yethu.
Abahlobo bam bangaphambili kunye nabamelwane ngoku bayazi ukuba banokundithemba. Ngoku ndingumqeshwa othembekileyo ongebiyo emsebenzini. Ngaloo ndlela ndiyakwazi ukuzixhasa njengoko ndichitha ixesha lam elininzi ndifundisa abanye iBhayibhile. IMizekeliso 10: 22 ichanu’ cwethe xa isithi: “Intsikelelo kaYehova—yiyo etyebisayo, yaye akongezi ntlungu kuyo.”
INGXELO NGOBOMI
IGAMA: GLORIA ELIZARRARAS DE CHOPERENA
IMINYAKA: 37
ILIZWE: MEXICO
UBOMI BANGAPHAMBILI: WAZAMA UKUZIBULALA
UBOMI BAM BANGAPHAMBILI: Ndakhulela eNaucalpan indawo yezigwili zaseMexico State. Ndisemncinane ndandivukela kwaye ndizithanda neepotsoyi. Ndaqalisa ukutshaya ndineminyaka eli-12, ukusela utywala ndineminyaka eli-14, ndaza ndasebenzisa iziyobisi ndineminyaka eli-16. Emva kweminyaka embalwa ndalishiya ikhaya. Abahlobo bam abaninzi babekhulele kwiintsapho ezazineengxaki yaye babexhatshaziwe ngokwasemzimbeni okanye ngamazwi. Ndandiphelelwe lithemba kangangokuba ndazama amatyeli amabini ukuzibulala.
Xa ndandineminyaka eli-19, ndasebenza kwishishini lokubonisa iimpahla yaye ndandiqeshwa ukuba ndipheleke amadoda. Ngenxa yoko, ndadibana nabantu abaninzi kwezopolitiko nakwezolonwabo. Ekugqibeleni ndatshata ndaza ndanabantwana, kodwa yayindim owayesenza zonke izigqibo entsatsheni. Andizange ndiyeke ukutshaya, ukusela nokuphila ngendlela endandiphila ngayo ngaphambili. Intetho yam yayibolile ibe ndandizithanda iziqhulo zamanyala. Ndandinephuku.
Iitshomi zam ezininzi zaziphila njengam. Kubo, ndandiyinto yonke. Kodwa ndaqhubeka ndiziva ndiyinto engento nobomi bam bungenanjongo.
INDLELA IBHAYIBHILE EYABUTSHINTSHA NGAYO UBOMI BAM: Ndaqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova ngowe-1998. IBhayibhile yandifundisa ukuba ubomi bunenjongo. Ndafunda ukuba uYehova uThixo ufuna umhlaba ube yiParadesi kwakhona, nokuba uza kuvusa abantu abafileyo kwaye ndinokuba lapho.
Kwakhona ndafunda ukuba indlela yokubonisa ukuba ndiyamthanda uThixo kukumthobela. (1 Yohane 5:3) Ekuqaleni kwakunzima kuba ndandingakuqhelanga ukuthobela. Noko ke, ekugqibeleni ndaqonda ukuba ndandingenakuqhubeka ndisenza unothanda. (Yeremiya 10:23) Ndathandaza kuYehova ndimcela ukuba andalathise. Ndamcela ukuba andincede ndiphile ubomi bam ngokwemilinganiselo yakhe nokuba ndifundise abantwana bam baphile ubomi obahlukileyo kobo ndandiye ndabuphila.
Kwakunzima ngokwenene ukutshintsha ubomi bam, kodwa ndasebenzisa isiluleko esikweyabase-Efese 4:22-24 esithi: “Nifanele nibulahle ubuntu obudala obuvisisana nehambo yenu yangaphambili . . . nambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.” Kum, ukwambatha ubuntu obutsha kwakuthetha ukwahlukana nemikhuba enjengokutshaya, yaye kwakufuneka ndifunde ukungathuki xa ndithetha. Kwandithabatha iminyaka emithathu ukwenza olu tshintsho ukuze ndibhaptizwe njengeNgqina likaYehova.
Ukongezelela koko, ndaqalisa ukuyazi indawo yam njengomfazi nomama wokwenene. Ndaqalisa ukusebenzisa isiluleko esikweyo-1 kaPetros 3:1, 2 esithi: “Nina bafazi, wathobeleni amadoda enu, ukuze kuthi, nokuba kukho kuwo angalithobeliyo ilizwi, azuzeke ngaphandle kwelizwi ngenxa yehambo yabafazi bawo, kuba eye angamangqina okuzibonela ehambo yenu enyulu ndawonye nentlonelo enzulu.”
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ndiyambulela uYehova kuba ngoku ndiyazi ukuba ubomi bunenjongo. Ndiziva ndingumntu phakathi kwabantu yaye ndiyakwazi ukubaqeqesha kakuhle abantwana bam. Maxa wambi ndiba nomvandedwa ngenxa yezinto endandizenza kodwa uYehova uyazi kakuhle intliziyo yam. (1 Yohane 3:19, 20) Ngaphandle kwamathandabuzo ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile kuye kwandikhusela kwaza kwandinika noxolo lwangaphakathi.
INGXELO NGOBOMI
IGAMA: JAILSON CORREA DE OLIVEIRA
IMINYAKA YOBUDALA: 33
ILIZWE: BRAZIL
UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYELINXILA YAYE ESEBENZISA KAKUBI IZIYOBISI
UBOMI BAM BANGAPHAMBILI: Ndazalelwa eBaģe, isixeko saseBrazil esinabantu abamalunga nama-100 000 kufuphi nomda waseUruguay. Olona shishino luphambili yayikukulima nokufuya iinkomo, ibe kwakuliqhayiya ukuba yigaucho (umalusi). Ndakhulela kwisithili esingathathi’ ntweni esasinemigulukudu enobundlobongela nalapho ulutsha lwaluzintyintya ngotywala neziyobisi.
Ukuphuma kwam esikolweni ndaqalisa ukusela, ukutshaya nokuphulaphula umculo weheavy-metal. Ndandingakholelwa kuThixo. Ndandisithi konke ukubandezeleka nombhodamo oqhubeka ehlabathini zibubungqina bokuba akukho Thixo.
Ndandingumasikhanda wesiginci ndibhala neengoma yaye xa ndizibhala ndandikhuthazwa yincwadi yeBhayibhile yeSityhilelo. Iqela lam lomculo alizange liphumelele njengoko ndandilindele, ngenxa yoko ndaqalisa ukuba likhoboka leziyobisi. Ndandingakhathali nokuba ndandinokufa ngenxa yokuzisebenzisa ngokugqithiseleyo. Iimvumi ezininzi endandizinqula zazife ngolo hlobo.
Imali yokuthenga iziyobisi ndandiyiboleka kumakhulu wam owayendikhulisile. Ndandixoka xa ebuza ukuba yayitshona phi le mali. Eyona nto eyaba mbi nangakumbi ndaye ndasebenzelana nemimoya. Ndakuthanda kakhulu ukusebenzelana nemimoya kuba ndandicinga ukuba kwakuza kundenza ndibe ngumqambi ophumi’ zandla.
INDLELA EYABUTSHINTSHA NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Emva kokuba ndiqalise ukufunda iBhayibhile nokuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova isimo sam sengqondo satshintsha. Ndaya ndisiba nomnqweno wokuphila nokonwaba. Ngenxa yoko ndazicheba iinwele zam ezinde. Ndazikhulisa kuba ndandinganelisekanga yaye ndinomoya wemvukelo. Ndaqonda ukuba, ukuba ndifuna ukwamkeleka kuThixo kwakuza kufuneka ndiyeke ukunxila, ukusebenzisa iziyobisi necuba. Kwakhona ndatshintsha nohlobo lomculo endandiwuphulaphula.
Kusuku lokuqala ndiye kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova ndabona indinyana yeBhayibhile eyayixhonywe eludongeni. Yayingumbhalo weMizekeliso 3:5, 6, othi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” Ukucamgca ngeso Sibhalo kwandiqinesikisa ukuba uYehova uyakundicenda nditshintshe ubomi bam ukuba ndiyamvumela.
Sekunjalo kwakungelulanga ukwahlukana nale mikhwa eyayendele, kwakunzima njengokuzinqumla isandla. (Mateyu18:8, 9) Ndandingenakukwazi ukuyiyeka ngokuthe ngcembe le mikhwa. Ukwenza kanjalo kwakungazi kundinceda mna. Ngoko ndingaphozisanga maseko ndayilahla loo mikhwa ngoko nangoko. Ndayeka nokuya kwiindawo nokuhlala nabantu ababenokundibuyisela umva.
Ndafunda nokuba nelunda ngezinto endandizenza kakuhle, nokungazinanzi kakhulu izinto ezidimazayo. Ndandivakalelwa kukuba iya kuba lilungelo elingathethekiyo ukujongwa nguYehova njengomntu ococekileyo emzimbeni, ngokuziphatha nangokomoya. Ndathandaza kuYehova waza wandinceda andakhangela emva kodwa ndaya phambili. Lalikhe livuke ikakade lam. Nditsho nangamaxesha endandinebhabhalaza ngawo, ndandiye ndicele ukuba isifundo sam seBhayibhile siqhubeke.
Kwaba nengqiqo ukufunda eBhayibhileni inyaniso yokuba uThixo—usikhathalele ngokwabantu ngabanye, nokuba uza kutshabalalisa unqulo lobuxoki yaye ngoku uxhasa umsebenzi wokushumayela ehlabathini lonke. (Mateyu 7:21-23; 24:14; 1 Petros 5:6, 7) Yonke lento yayiyinyaniso engenakuphikiswa. Ekugqibeleni ndahlulela ubomi bam kuThixo. Ndandifuna ukumbulela ngako konke awayendenzele kona.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ngoku ndivakalelwa kukuba ubomi bam bunenjongo ibe ndiyabubona apho buya khona. (INtshumayeli 12:13) Kunokuba ndibe entsatsheni yam, ngoku ndim oyipha izipho. Ndiye ndafundisa umakhulu izinto endizifunde eBhayibhileni, ibe naye ngoku wahlulele ubomi bakhe kuYehova. Amalungu aliqela entsapho yam kunye nomnye endandicula naye baye bazeka mzekweni.
Ngoku nditshatile ibe mna nomfazi wam sichitha ixesha lethu elininzi sifundisa abanye iBhayibhile. Ndizuze ngokwenene kuba ndiye ndafunda ‘ukukholosa ngoYehova ngentliziyo yam yonke.’
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]
“Kwaya kukhula umnqweno wokufuna ukuphila nowokonwaba”