Ngaba Uyakhumbula?
Ngaba uye wakuvuyela ukufunda iiMboniselo zakutshanje? Khawubone ukuba unokuyiphendula kusini na le mibuzo ilandelayo:
• Kutheni kubaluleke kangaka ukuhlala sinengqibelelo njengamaKristu?
Ingqibelelo isenza sikwazi ukumela ulongamo lukaYehova ngenxa yokuba simthanda size singqine uSathana elixoki. Ekubeni uThixo esigweba ngokuvisisana nengqibelelo yethu, ibalulekile kwithemba esinalo ngekamva.—12/15, iphepha 4-6.
• Ziziphi izibizo ezibonisa indima kaYesu kwinjongo kaThixo?
UNyana okuphela kozelweyo. ULizwi. UAmen. UMlamli womnqophiso omtsha. UMbingeleli Omkhulu. IMbewu ethenjisiweyo.—12/15, iphepha 15.
• Kutheni kwakubalulekile nje ukucela kukaEliya umlindi wakhe ukuba akhangele kwicala elingaselwandle ngoxa lo mprofeti wayethandazela imvula? (1 Kum. 18:43-45)
UEliya wabonisa ukuba wayewazi umjikelo wamanzi. Amafu awahloma phezu kolwandle ayeza kududulelwa ngasemhlabeni aze afike apho avelise imvula.—1/1, iphepha 15-16.
• Sinokulufumana njani uvuyo olungakumbi kubulungiseleli bethu?
Sinokulungisa iintliziyo zethu size sinikele ingqalelo kwindlela esinokubanceda ngayo abantu. Sifanele sishumayele sinenjongo yokuqalisa izifundo zeBhayibhile. Ukuba abantu abanamdla, sinokuthetha ngezinto eziza kubangela umdla kubantu abakwintsimi esishumayela kuyo.—1/15, iphepha 8-10.
• Ngaba iqhenqa elichazwe eBhayibhileni liyafana nesifo esaziwa ngolo hlobo namhlanje?
Isifo seqhenqa sasikho ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. (Lev. 13:4, 5) IBhayibhile ikwathetha ngeqhenqa elalisiba sezimpahleni nasezindlini. Kusenokwenzeka ukuba elo “qhenqa” lalibhekisela kuhlobo oluthile lokungunda okanye ukufuma. (Lev. 13:47-52)—2/1, iphepha 19.
• Iimfundiso zeBhayibhile zifanele ziyichaphazele njani indlela amaKristu ayijonga nayiqhuba ngayo imingcwabo?
Nangona umKristu enokuba buhlungu xa efelwe ngabantu abathandayo, uyazi ukuba abafileyo abazi nto. Kwanokuba unokugxekwa ngabantu abangakholwayo, uyawaphepha amasiko anento yokwenza nenkolelo yokuba abafileyo banento abanokubenza yona abo basaphilayo. Ukuze aphephe iingxaki, amanye amaKristu ayibhala phantsi indlela afuna iqhutywe ngayo imingcwabo yawo.—2/15, iphepha 29-31.
• Ngokutsho kweNdumiso 1:1, ziziphi izinto ezintathu esifanele siziphephe ukuze sonwabe?
Le ndinyana ikhankanya ‘icebo labangendawo,’ ‘indlela yaboni,’ ‘nesihlalo sabagculeli.’ Ngokwenene, ukuba sifuna ukonwaba, kufuneka sibaphephe abo bayigculelayo okanye abayigatyayo imithetho kaThixo. Kunoko sifanele siyoliswe ngumthetho kaYehova.—3/1, iphepha 17.
• Ngaba ‘incwadi kaYashare’ ‘nencwadi yeeMfazwe zikaYehova’ ziziincwadi ezalahlekayo zeBhayibhile? (Yosh. 10:13; Num. 21:14)
Akunjalo. Kubonakala ukuba la yayingamaxwebhu angaphefumlelwanga awayekho ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile nababebhekisela kuwo ababhali beBhayibhile.—3/15, iphepha 32.
• Luluphi utshintsho olukhulu oluye lwenziwa kwinguqulelo yakutshanje yeBhayibhile ngesiLatini?
Ngowe-1979, uPopu John Paul II wavumela ukusetyenziswa kweNova Vulgata, inguqulelo entsha yesiLatini. Uhlelo lokuqala lwalunegama likaThixo, uIahveh, kwezinye iindawo. (Eks. 3:15; 6:3) Noko ke, kwathi xa kwakupapashwa uhlelo lwesibini olusemthethweni ngowe-1986, kwafakwa uDominus [othetha Nkosi] endaweni kaIahveh.—4/1, iphepha 22.