Sondela KuThixo
Xa UYehova Wayezichaza KuMoses
UBUYA kuzichaza njani iimpawu zikaThixo kunye nendlela enza ngayo izinto? Khawube nomfanekiso ngqondweni wakho ucela uThixo akuchazele ukuba ungumntu onjani kanye kanye uze umphulaphule njengoko ezichaza. Yiloo nyhweba kanye eyafunyanwa ngumprofeti uMoses. Okuvuyisayo kukuba waphefumlelwa ukuba ayibhale yonke into eyenzekayo.
Phezu kwentaba yeSinayi uMoses wabongoza uYehova esithi: “Khawuncede, undibonise ubuqaqawuli bakho.” (Eksodus 33:18) Ngemini elandelayo, lo mprofeti wawongwa ngokuboniswa ubuqaqawuli obuncinane bukaThixo.a UMoses akazange achaze yonke into awayibonayo kuloo mbono. Kunoko, wabhala eyona nto yayibalulekile—into eyathethwa nguThixo. Makhe sive ukuba uYehova wathini njengoko amazwi akhe ebhalwe kwiEksodus 34:6, 7.
Into yokuqala uYehova awayichazayo ngaye kukuba ‘unguThixo onenceba nobabalo.’ (Indinyana 6) Ngokutsho komnye umphengululi, igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “inceba” libonisa ukuba uThixo “unemfesane enjengaleyo eboniswa ngutata kubantwana bakhe.” Igama eliguqulelwe ngokuthi “ubabalo” linxulumene nesenzi “esichaza umntu oqhutywa yintliziyo ukuba ancede omnye umntu osweleyo.” Kucacile ukuba uYehova ufuna sazi ukuba abanquli bakhe ubanyamekela ngendlela abazali ababanyamekela ngayo abantwana babo—ngothando nangokuzinyamekela kakuhle iintswelo zabo.—INdumiso 103:8, 13.
UYehova waqhubeka wathi “uzeka kade umsindo.” (Indinyana 6) Akacatshukiswa ngokukhawuleza ngabakhonzi bakhe abasemhlabeni. Kunoko unomonde yaye uyazinyamezela iimpazamo zabo kuba efuna ukubanika ithuba lokutshintsha iindlela zabo zesono.—2 Petros 3:9.
UThixo wahlabela mgama wathi ‘unobubele bothando obuninzi nenyaniso.’ (Indinyana 6) Ububele bothando okanye uthando olunyanisekileyo luphawu oluxabisekileyo olwenza uYehova akwazi ukwenza ubuhlobo obuqinileyo nobungapheliyo nabantu bakhe. (Duteronomi 7:9) Kwakhona uYehova ungumthombo wenyaniso. Akanakukhohlisa yaye naye akanakukhohliswa. Ekubeni ‘enguThixo wenyaniso’ sinokuyithemba ngokupheleleyo nantoni na ayithethayo, kuquka nezinto asithembise zona kwikamva.—INdumiso 31:5.
Enye inyaniso ebalulekileyo afuna siyazi ngaye uYehova kukuba uxolela “isiphoso nokunxaxha nesono.” (Indinyana 7) “Ukulungele ukuxolela” aboni abaguqukayo. (INdumiso 86:5) Kodwa ke, uYehova akabuqwabazeli iliso ubungendawo. Uthi, ‘akasoze amenze msulwa ofanelwe sisohlwayo.’ (Indinyana 7) UThixo ongcwele nokumelayo okusesikweni akayi kubayeka nje bengohlwaywanga abantu abona ngabom. Ekugqibeleni baya kohlwaywa ngenxa yezono zabo.
Indlela uYehova azichaza ngayo iimpawu zakhe ibonisa ngokucacileyo ukuba ufuna simazi size siqhelane nobuntu kunye neendlela zakhe. Ngaba awufuni ukufunda okungakumbi ngeempawu zakhe ezintle?
[Umbhalo osemazantsi]
a UMoses akazange ambone ubuso ngobuso uYehova, kuba akakho umntu onokubona uThixo aze aphile. (Eksodus 33:20) Kucacile ukuba uYehova wambonisa uzuko Lwakhe uMoses emelwe yingelosi.