Yiba Nenzondelelo ‘Ngemisebenzi Emihle’!
‘UYesu wazinikela ngenxa yethu ukuze asihlangule kulo lonke uhlobo lokuchasa umthetho aze azihlambululele isizwana esisesakhe ngokukhethekileyo, esizondelela imisebenzi emihle.’—TITO 2:14.
1. Kwenzeka ntoni etempileni xa uYesu efika ngoNisan 10, 33 C.E.?
KUNGONISAN 10, 33 C.E., kwiintsuku nje ezimbalwa ngaphambi kombhiyozo wePasika. Abantu abaninzi abeze etempileni yaseYerusalem bazele yimincili. Kuza kwenzeka ntoni xa kufika uYesu? Ababhali beVangeli abathathu—uMateyu, uMarko noLuka—banikela ingxelo yokuba, okwesihlandlo sesibini uYesu ugxotha abo bathengisayo nabathengayo etempileni. Ubhukuqa iitafile zabatshintshi bemali nezihlalo ezide zabo bathengisa amahobe. (Mat. 21:12; Marko 11:15; Luka 19:45) UYesu usenenzondelelo awayenayo xa wayesenza okufanayo kwiminyaka emithathu ngaphambili.—Yoh. 2:13-17.
2, 3. Sazi njani ukuba uYesu akazange abonise inzondelelo ngokucoca itempile kuphela?
2 Ingxelo kaMateyu ibonisa ukuba uYesu akazange abonise inzondelelo ngokucoca itempile kuphela. Wayephilisa iimfama neziqhwala ezazisiza kuye apho. (Mat. 21:14) Ingxelo kaLuka ithetha ngeminye imisebenzi eyenziwa nguYesu. “[UYesu] waqhubeka efundisa mihla le etempileni.” (Luka 19:47; 20:1) Inzondelelo kaYesu yayibonakala nakubulungiseleli bakhe basesidlangalaleni.
3 Kamva, umpostile uPawulos wabhalela uTito emchazela ukuba uYesu ‘wazinikela ngenxa yethu ukuze asihlangule kulo lonke uhlobo lokuchasa umthetho aze azihlambululele isizwana esisesakhe ngokukhethekileyo, esizondelela imisebenzi emihle.’ (Tito 2:14) Thina namhlanje ‘sinokuyizondelela njani imisebenzi emihle’? Imizekelo yookumkani bakwaYuda abalungileyo inokusikhuthaza njani?
Ukuba Nenzondelelo Ngomsebenzi Wokushumayela Nokufundisa
4, 5. Ookumkani abane bakwaYuda bayibonisa njani inzondelelo ngemisebenzi emihle?
4 UAsa, uYehoshafati, uHezekiya noYosiya baphum’ iphulo lokuluncothula neengcambu unqulo-zithixo kwaYuda. UAsa “washenxisa izibingelelo zasemzini neendawo eziphakamileyo, waziqhekeza iintsika ezingcwele waza wagawula izibonda ezingcwele.” (2 Kron. 14:3) Ngenxa yenzondelelo awayenayo ngonqulo lukaYehova, uYehoshafati “wasusa kwaneendawo eziphakamileyo kwanezibonda ezingcwele kwaYuda.”—2 Kron. 17:6; 19:3.a
5 Emva kombhiyozo wePasika weentsuku ezisixhenxe owawulungiselelwe nguHezekiya eYerusalem, “amaSirayeli onke awayefunyanwa ezixekweni zakwaYuda, aqhekeza iintsika ezingcwele aza agawula izibonda ezingcwele adiliza iindawo eziphakamileyo nezibingelelo kulo lonke elakwaYuda nelakwaBhenjamin nakwaEfrayim nakwaManase bade bazigqiba.” (2 Kron. 31:1) UYosiya waqalisa ukuba ngukumkani xa wayeneminyaka esibhozo ubudala. IZibhalo zithi: “Ngonyaka wesibhozo wokulawula kwakhe, ngoxa wayeseyinkwenkwe, waqalisa ukufuna uThixo kaDavide ukhokho wakhe; waza kunyaka weshumi elinesibini waqalisa ukuhlambulula uYuda neYerusalem ukususela kwiindawo eziphakamileyo nezibonda ezingcwele nemifanekiso eqingqiweyo nemifanekiso etyhidiweyo.” (2 Kron. 34:3) Ngoko, bobane abo kumkani babenenzondelelo ngemisebenzi emihle.
6. Kutheni umsebenzi wethu wokushumayela unokufaniswa nephulo elenziwa ngookumkani bakwaYuda abathembekileyo?
6 Namhlanje, nathi sikwiphulo lokunceda abantu ukuba baphume kunqulo lobuxoki baze bayeke nokunqula izithixo. Kumsebenzi wethu wokushumayela kwindlu ngendlu, sidibana nazo zonke iintlobo zabantu. (1 Tim. 2:4) Enye intwazana yaseAsia ithi unina wayenqula izithixo ezininzi. Kuba yayiqonda ukuba ezo zithixo azinakuba zonke zifanekisela uThixo oyinyaniso, le ntwazana yayidla ngokuthandazela ukwazi oyena Thixo oyinyaniso. Ngenye imini kwankqonkqoza amaNgqina amabini kowayo yaye akuvuyela ukuyinceda yazi igama likaThixo, uYehova. Yakuvuyela gqitha ukwazi inyaniso ngokuphathelele izithixo! Ngoku ibonisa inzondelelo ngokushumayela ngenkuthalo, inceda abanye abantu ngokomoya.—INdu. 83:18; 115:4-8; 1 Yoh. 5:21.
7. Sinokubaxelisa njani abo babefundisa kuzo zonke izixeko ngomhla kaYehoshafati?
7 Xa sisenza umsebenzi wendlu ngendlu, siyigubungela ngokucokiseke kangakanani intsimi yethu? Kubangel’ umdla ukuba ngonyaka wesithathu wolawulo lwakhe, uYehoshafati wathuma iinkosana ezintlanu, abaLevi abasithoba nababingeleli ababini. Wabathuma kuzo zonke izixeko ukuba baye kufundisa abantu imithetho kaYehova. Bawenza ngokucokisekileyo lo msebenzi, kangangokuba abantu beentlanga ezazikufuphi baqalisa ukumoyika uYehova. (Funda eyesi-2 yeziKronike 17:9, 10.) Xa sisiya emakhayeni abantu ngamaxesha awahlukahlukeneyo, sinokudibana namalungu aliqela kwikhaya ngalinye.
8. Sinokubandisa njani ubulungiseleli bethu?
8 Abakhonzi bakaThixo abaninzi kule mihla baye bashiya amakhaya abo baza bafudukela kwiindawo ekufuneka amaNgqina angakumbi akhutheleyo kuzo. Ngaba nawe unokukwenza oko? Abo bangenakufudukela komnye ummandla banokuzama ukushumayela kubantu abathetha olunye ulwimi kwindawo abahlala kuyo. Kuba wayedibana nabantu beentlanga ezahlukahlukeneyo entsimini, uRon oneminyaka engama-81 ubudala wafunda ukubulisa ngeelwimi ezingama-32! Wadibana nesinye isibini saseAfrika esitratweni waza wasibulisa ngolwimi lwaso, isiYoruba. Sambuza ukuba wakha waya na eAfrika. Wathi akazange aye, saza sambuza ukuba ulwazela phi ulwimi lwaso. Wafumana ithuba lokunikela ubungqina kweso sibini. Sathabatha amaphephancwadi saza samnika iadresi yaso waza yena wayidlulisela kubantu bebandla elikwindawo esihlala kuyo ukuze siqhutyelwe isifundo seBhayibhile.
9. Kutheni kubalulekile ukufunda iBhayibhile entsimini? Yenza umzekelo.
9 Abo babethunywe nguYehoshafati ukuba baye kufundisa babephethe ‘incwadi yomthetho kaYehova.’ Ehlabathini lonke sizabalazela ukufundisa abantu ngeBhayibhile kuba iliLizwi likaThixo. Sibafundela ngokuthe ngqo eBhayibhileni ukuze babone oko ikuquletheyo. Omnye umnikazimzi waxelela iNgqina eligama linguLinda ukuba umyeni wakhe uhlaselwe sistroke, ngoko kufuneka amnyamekele. Wathi: “Andazi ukuba ndenzeni le nto uThixo evumele ukuba ndihlelwe yile nto.” ULinda waphendula wathi: “Ungathanda ndikuxelele nto ithile?” Wafunda uYakobi 1:13, waza wathi: “Izinto ezibuhlungu ezisihlelayo thina nabantu esibathandayo azisosohlwayo esivela kuThixo.” Emva koko, eli bhinqa lamanga uLinda. ULinda uthi: “Ndalithuthuzela ndisebenzisa iBhayibhile. Ngamanye amaxesha siye sifunde iindinyana zeBhayibhile abaqalayo ukuziva abaninimzi.” Kwaqaliswa isifundo seBhayibhile nelo bhinqa.
Ulutsha Olunenzondelelo
10. UYosiya walumisela njani umzekelo ulutsha olungamaKristu namhlanje?
10 Xa sibuyela kumzekelo kaYosiya, sifunda ukuba waqalisa eselula ukukhonza uThixo oyinyaniso yaye xa wayemalunga nama-20 eminyaka ubudala wenza umsebenzi omkhulu wokushenxisa izithixo. (Funda eyesi-2 yeziKronike 34:1-3.) Ulutsha oluninzi namhlanje lunenzondelelo efanayo ngobulungiseleli balo.
11-13. Sinokufunda ntoni kulutsha lwanamhlanje olukhonza uYehova ngenzondelelo?
11 UHannah ohlala eNgilani, wayeneminyaka eli-13 ubudala yaye efunda isiFrentshi esikolweni xa weva ukuba kusekwe iqela elithetha isiFrentshi kwidolophu ekufuphi nakowabo. Uyise wavuma ukumsa kwiintlanganiso ezaziqhutyelwa apho. Ngoku uHannah uneminyaka eli-18 ubudala, unguvulindlela othe ngxi onenzondelelo yaye ushumayela ngesiFrentshi. Ngaba nawe unokufunda olunye ulwimi uze uncede abanye abantu bafunde ngoYehova?
12 URachel wakunandipha ukubukela ividiyo ethi Pursue Goals That Honor God. Echaza indlela awayefudula ecinga ngayo ukuqalisa kwakhe ukukhonza uYehova ngowe-1995, uthi: “Ndandicinga ukuba ndiqhuba kakuhle ngokomoya.” Uhlabela mgama athi: “Emva kokubukela le vidiyo, ndaphawula ukuba bendihamba nje yonke loo minyaka. Kwafuneka ndizinikele ngokupheleleyo ekumeleni inyaniso ndize ndizimisele enkonzweni yasentsimini nasekwenzeni ufundisiso.” Ngoku uRachel uvakalelwa kukuba ukhonza uYehova ngenzondelelo. Uye waba yintoni umphumo? “Ndiye ndaba nolwalamano oluqinileyo noYehova. Andisenzi nje imithandazo engenantsingiselo, ndiyazimisela xa ndifundisisa iBhayibhile yaye ndiyangenelwa. Ngenxa yoko, ndiyabuthanda ubulungiseleli yaye ndivuyiswa kakhulu kukubona abantu bethuthuzelwa liLizwi likaYehova.”
13 NoLuke oselula wakhuthazwa yividiyo ethi, Young People Ask—What Will I Do With My Life? Emva kokubukela le vidiyo, uLuke uthi: “Ndifuna ukucingisisa ngosukelo endizibekele lona ebomini. Ngaphambili ndandizibekele usukelo lokufumana imfundo ephakamileyo kuqala ukuze ndifumane umsebenzi ohlawula kakuhle ndize emva koko ndinikele ingqalelo kwizinto zokomoya. Oku akumncedi umntu ukuba enze inkqubela ngokomoya; kodwa kumbuyisela umva.” Bazalwana noodade abaselula, kutheni ningasebenzisi izifundo enizifunde esikolweni ukuze nandise ubulungiseleli benu njengoHannah? Yaye kutheni ningalandeli umzekelo kaRachel nizibekele usukelo oluya kuzukisa uThixo? Landelani umzekelo kaLuke, ngokuphepha iingozi eziye zabambisa ulutsha oluninzi.
Thobela Izilumkiso Ngenzondelelo
14. Luhlobo luni lonqulo olwamkelwa nguYehova yaye kutheni oku kungumlo onzima?
14 Ukuze unqulo lwabo lwamkeleke kuYehova, abakhonzi bakhe bafanele bacoceke. UIsaya uyalumkisa: “Mkani, mkani, phumani apho, ningachukumisi nto ingahlambulukanga; phumani phakathi [kweBhabhiloni], zigcineni nihlambulukile, nina nithwala impahla kaYehova.” (Isa. 52:11) Kwiminyaka emininzi ngaphambi kokuba uIsaya abhale loo mazwi, uKumkani uAsa olungileyo waphum’ iphulo waza waphelisa konke ukuziphatha okubi kwaYuda. (Funda eyoku-1 yooKumkani 15:11-13.) Yaye kwiinkulungwane kamva, umpostile uPawulos waxelela uTito ukuba uYesu wazinikela ukuze ahlambulule abalandeli bakhe ukuze babe ‘sisizwana esisesakhe ngokukhethekileyo, esizondelela imisebenzi emihle.’ (Tito 2:14) Kweli hlabathi lizaliswe kukuziphatha okubi, kunzima—ingakumbi kulutsha—ukuhlala uziphethe kakuhle. Ngokomzekelo, bonke abakhonzi bakaThixo abaselula nabakhulileyo bafanele balwe nzima ukuze baphephe izinto ezingamanyala eziboniswa kwiibhodi zezibhengezo zentengiso, koomabonwakude, kwiimovie nakwi-Internet.
15. Yintoni enokusinceda sithiye okubi?
15 Ukuthobela izilumkiso zikaThixo kunokusinceda sithiye okubi. (INdu. 97:10; Roma 12:9) Sifanele sizenyanye izinto ezingamanyala ukuze “siphuncule kwimpembelelo yazo enamandla,” njengoko watshoyo omnye umKristu. Ukuze ukwazi ukwahlukanisa izinto ezidityaniswe zathi nca, kufuneka usebenzise amandla. Ngokufanayo, kufuneka umgudu ukuze umntu akwazi ukuxhathisa umnqweno wokujonga izinto ezingamanyala. Kodwa ukuqonda umonakalo onokubangelwa kukujonga amanyala, kuya kusinceda siwenyanye. Omnye umzalwana kwafuneka enze umgudu wokuyeka ukuvula amajelo eInternet anemifanekiso engamanyala. Wabeka ikhompyutha yakhe kwindawo enokubonwa yintsapho yonke. Emva koko wazibekela usukelo lokucoca ubomi bakhe aze azondelele imisebenzi emihle. Akazange aphelele apho. Kuba i-Internet wayeyisebenzisela izinto zomsebenzi, wagqiba ekubeni ayivule kuphela xa inkosikazi yakhe ikho.
Iingenelo Zokuziphatha Kakuhle
16, 17. Ukuziphatha kwethu kakuhle kunokuba nayiphi impembelelo kwabo basibukeleyo? Yenza umzekelo.
16 Abafana namabhinqa akhonza uYehova namhlanje babonakalisa isimo sengqondo esihle ngokwenene, yaye oku kuyabachukumisa abo babukeleyo! (Funda eyoku-1 kaPetros 2:12.) Enye indoda eyayiye kulungisa umatshini wokushicilela kwiBheteli yaseLondon yayitshintsha indlela eyayiwajonga ngayo amaNgqina kaYehova emva kokuba ibuye apho. Inkosikazi yayo eyayifunda iBhayibhile nelinye iNgqina elihlala apho, yaphawula ukuba umyeni wayo utshintshile. Ngaphambili, le ndoda yayingafuni ukuba amaNgqina aye emzini wayo. Ukubuya kwayo eBheteli, yayingawuvali umlomo ngenxa yendlela eyayiphethwe ngayo. Yathi akukho bantu bathukayo apho. Bonke abantu balapho banomonde yaye baseluxolweni. Yachukunyiswa kakhulu kukubona abazalwana noodade abaselula besebenza ngenkuthalo nakuba bengazukufumana ntlawulo, benikela ngexesha namandla abo ukuze kusasazwe iindaba ezilungileyo.
17 Ngokufanayo, abazalwana noodade abaphangelayo ukuze baxhase iintsapho zabo bakwenza oko ngomphefumlo uphela. (Kol. 3:23, 24) Oku kudla ngokubangela ukuba abaqeshi bangafuni ukulahlekelwa ngabo ngenxa yokuzibhokoxa kwabo.
18. ‘Sinokuyizondelela njani imisebenzi emihle’?
18 Ukukholosa kwethu ngoYehova, ukuthobela imiyalelo yakhe nokunyamekela iindawo esihlanganisana kuzo, zezinye zeendlela esibonisa ngazo inzondelelo esinayo ngendlu kaYehova. Ngaphezulu, sifuna ukuzibhokoxa kangangoko kunokwenzeka kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi. Enoba siselula okanye sikhulile, xa sisenza konke okusemandleni ukuze sibambelele kwimilinganiselo yonqulo lwethu ecocekileyo, siya kungenelwa kakhulu. Yaye siya kuhlala sisaziwa njengabantu ‘abazondelela imisebenzi emihle.’—Tito 2:14.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kusenokwenzeka ukuba uAsa washenxisa iindawo eziphakamileyo ekwakunqulelwa kuzo oothixo bobuxoki kungekhona ezo abantu babenqulela kuzo uYehova. Okanye kusenokwenzeka ukuba ezo ndawo ziphakamileyo zaphinda zakhiwa ngasekupheleni kolawulo luka-Asa zaza zasuswa ngunyana wakhe uYehoshafati.—1 Kum. 15:14; 2 Kron. 15:17.
Yintoni oyifundileyo kwimizekelo eseBhayibhileni neyanamhlanje
• ngokubonisa inzondelelo kumsebenzi wokushumayela nowokufundisa?
• ngendlela ulutsha olungamaKristu ‘olunokuzondelela ngayo imisebenzi emihle’?
• ngendlela yokuphuncula kwizinto ezonakalisayo?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ngaba uyisebenzisa rhoqo iBhayibhile entsimini?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ukufunda olunye ulwimi esikolweni kunokukunceda wandise ubulungiseleli bakho