IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 8/1 iphe. 27-29
  • IBhayibhile Itshintsha Ubomi Babantu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IBhayibhile Itshintsha Ubomi Babantu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubom Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngokutshaya?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
  • UThixo Ukujonga Njani Ukutshaya?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • “Nawe Ungayeka—Kuba Naku Nathi Sayeka!”
    Vukani!—1998
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 8/1 iphe. 27-29

IBhayibhile Itshintsha Ubomi Babantu

Indoda eyaqalisa ukutshaya intsangu necuba xa yayiselula yancedwa yintoni ukuze iyeke? Wona umgewu owawunogonyamelo wancedwa yintoni wakwazi ukulawula umsindo waza wahlukana nobuhlanga? Khawuve ukuba ithini nganye yala madoda.

INGXELO YOBOMI

IGAMA: HEINRICH MAAR

IMINYAKA YOBUDALA: 38

ILIZWE: KAZAKHSTAN

UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYELIKHOBOKA LENTSANGU NECUBA

INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO NGAPHAMBILI: Ndazalelwa kumazantsi eKazakhstan, malunga neekhilomitha ezili-120 ukusuka kwisixeko saseTashkent. Lo mmandla wawomile yaye utshisa kakhulu ehlotyeni ize ingqele iqhaqhazelise amazinyo ebusika—le mozulu yayiyenza ichume intsangu neediliya.

Abazali bam babeziinzalelwane zaseJamani. Bobabini babengamaKristu kodwa ke babengekho bade kangako kunqulo. Noko ke bandifundisa ukucengceleza uBawo Wethu Osezulwini. Xa ndandineminyaka eli-14 ubudala umama nodadewethu omdala bakhe bafunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Ngenye imini ndeva amaNgqina amabini awayefunda nomama embonisa igama likaThixo elinguYehova kwiBhayibhile yakhe endala. Ndayithanda kakhulu loo nto. Umama wayeka ukufunda yaye nam andizange ndibe nomdla kwizinto zonqulo. Noko ke, esikolweni utitshala wam wayesoloko esibalisela bonke ubuxoki abuvileyo ngamaNgqina kaYehova. Ekubeni ndandikhe ndaya nodade wethu kwiintlanganiso zawo, ndamxelela utitshala ukuba zazibubuvuvu ezo zinto wayezithetha.

Xa ndandineminyaka eli-15 ubudala ndaya kufunda eLeningrad, ngoku ekuthiwa yiSt. Petersburg, eRashiya. Ndandidla ngokubalisela abafundi endihlala nabo izinto endizifunde ngoYehova. Kodwa ke ndafunda ukutshaya. Kwakulula ukuthenga intsangu xa ndisekhaya eKazakhstan nangona kwakungekho mthethweni. Kwakhona ndandizinkcinkca ngevodka newayini.

Ukugqiba kwam esikolweni ndaqeqeshwa iminyaka emibini kumkhosi weSoviet. Nakuba kunjalo andizange ndizilibale ezinye izinto endandizifunde eBhayibhileni xa ndandiselula. Ngenxa yoko kwakusithi xa kuvela ithuba ndithethe namanye amajoni ngoYehova yaye ndandiwathethelela amaNgqina xa etyholwa ngobuxoki.

Ukuphuma kwam emkhosini ndaya eJamani. Xa ndandikwinkampu yeembacu ndafumana incwadi yeBhayibhile eyayibhalwe ngamaNgqina. Ndayifunda ngomdla ndaza ndagqiba kwelokuba yayithetha inyaniso. Noko ke andizange ndikwazi ukuliyeka icuba kunye nentsangu. Ethubeni ndafudukela ngakwisixeko saseKarlsruhe. Apho ndadibana neNgqina likaYehova elandifundisa iBhayibhile.

INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Ndandisoloko ndisazi ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo. Ukufunda incwadi endandiyifumene enkampini kwandenza ndeyiseka ukuba iBhayibhile iphendula yonke imibuzo ebalulekileyo ngobomi. Sekunjalo kwadlula ixesha elide ngaphambi kokuba ndiyiyeke imikhwa yam. Kodwa ke ekugqibeleni ndathobela isiluleko seBhayibhile esikweyesi-2 kwabaseKorinte 7:1 yaye ndagqiba kwelokuba ndizihlambulule kuko “konke ukudyobheka kwenyama nokomoya” nto leyo eyayithetha ukuyeka intsangu necuba.

Ndayiyeka ngoko nangoko intsangu. Kodwa kwandithatha iinyanga ezintandathu ukuyeka icuba. Ngenye imini iNgqina elalindifundisa iBhayibhile landibuza lisithi, “Uzimisele ukwenza ntoni ngobomi bakho?” Loo nto yandenza ndacinga nzulu ngecuba. Kwakusele kukudala ndizama ukuliyeka. Kodwa ngoku ndagqiba kwelokuba ndithandaze ngaphambi kokuba nditshaye kunokuba ndicele uxolo kuThixo sele nditshayile. Ngowe-1993 ndamisela usuku endandiza kuyeka ngalo ukutshaya. UYehova uye wandinceda kuba andikaze ndiphinde nditshaye ukususela ngaloo mini.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ngoku ndisempilweni yaye ndiyakwazi nokonga imali kuba andisakhotyokiswa yintsangu necuba. Namhlanje ndikhonza kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova aseJamani. Ndiyavuya kuba ndiye ndaphila ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile! Ukwazi izinto ezifundiswa yiBhayibhile kundenze ndaphila ubomi obunenjongo.

INGXELO YOBOMI

IGAMA: TITUS SHANGADI

IMINYAKA YOBUDALA: 43

ILIZWE: NAMIBIA

UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYEHAMBA NOOTSOTSI YAYE EYINDLOBONGELA

UBOMI BAM BANGAPHAMBILI: Ndakhulela emaphandleni eOhangwena, kumantla eNamibia. Kwimfazwe eyayikuloo mmandla ngeminyaka yee-1980, abantu belali yam babebethwa baze babulawe. Ekukhuleni kwam inkwenkwe yayihlonitshwa kuphela xa ikwazi ukulwa yaye izoyisa iintanga zayo. Ngoko nam ndafunda ukulwa.

Ukugqiba kwam esikolweni ndaya kuhlala kwamalume eSwakopmund, idolophu eselunxwemeni. Ndathi ndifika nje ndabe ndiqhelana namanye amakhwenkwe anemvukelo. Sasithanda ukuya kwiindawo ababengavumelekanga kuzo abantu abamnyama, njengasezihotele nasezibharini ukuze nje sivuse uqhushululu. Amaxesha amaninzi sasisilwa noomantshingilane kunye namapolisa. Xa ndihamba ebusuku ndandiphatha ibhozo okanye ucelemba ukuze ndihlasele nabani na oma endleleni yam.

Ngobunye ubusuku ndaphantse ndabulawa ngabanye ootsotsi. Omnye wabo wayesele eza kundiqubula aze andinqumle intloko xa kwafika omnye wabahlobo bam waza wambetha akabikho zingqondweni. Nangona ndasinda cebetshu ekufeni andizange ndiyeke ukuba yindlobongela. Xa ndixabana nomntu, enoba yindoda okanye ibhinqa ndandibetha kuqala.

INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: INgqina likaYehova lokuqala endadibana nalo yaba libhinqa elandifundela iNdumiso 37 laza landixelela ukuba incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo inezinye izithembiso ezimangalisayo ngekamva. Ekubeni lingazange lindixelele isahluko etsho kuso, ndafuna iBhayibhile ndaza ndasifunda sonke iSityhilelo ngobo busuku. Ndasithanda isithembiso esikwiSityhilelo 21:3, 4 esithi “kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.” Ukubuya kwalo ndavuma ukuba lindifundise iBhayibhile.

Kwakunzima kakhulu ukutshintsha indlela endandicinga nendandiphila ngayo. Kodwa ndafunda kwiZenzo 10:34, 35 ukuba “uThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” Kwakhona kwafuneka ndizabalaze nzima ukuze ndiphile ngokuvisisana nesiluleko esikumaRoma 12:18 esithi: “Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.”

Ukongezelela kwimigudu yokulawula umsindo kwakufuneka ndahlukane nokutshaya. Ndandidla ngokuthandaza kuYehova ndiyengezelisa iinyembezi ndimbongoza ukuba andincede. Impazamo endandiyenza yayikukusoloko ndiqala ngokutshaya, ndisithi “kokokugqibela” ndize ndithandaze emva koko. INgqina elalindifundisa iBhayibhile landinceda ndabona ukubaluleka kokuthandaza ngaphambi kokuba nditshaye. Enye into eyayifuneka kukuba ndingahlali nabantu abatshayayo. Nam ndasebenzisa icebiso lalo lokuba ndifundise abantu endisebenza nabo ngeengozi zokutshaya. Eli cebiso landinceda kuba kaloku labenza bayeka ukundincazela.

Ekugqibeleni ndahlukana necuba nendlela endandiphila ngayo ngaphambili. Emva kweenyanga ezintandathu ndifunda iBhayibhile yaye ndisenza ngokuvisisana nayo ndabhaptizwa ndaba liNgqina likaYehova.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Xa ndabona indlela awayethandana ngayo amaNgqina kaYehova eentlanga ezahlukeneyo ndaqonda ukuba ayelunqulo lokwenene. Kwangaphambi kokuba ndibhaptizwe, elinye iNgqina elimhlophe landimema ukuba ndiye emzini walo. Kwakungathi ndiyaphupha. Kaloku ndandingazange ndikhe ndihlale ngoxolo nomlungu, ingasathethwa ke eyokutya naye. Naku ngoku ndandiyinxalenye yabazalwana bokwenene abasehlabathini lonke.

Oomantshingilane namapolisa babekhe bazama ukunditshintsha ngenkani kodwa ke batsho phantsi. YiBhayibhile kuphela eyaba namandla okunditshintsha ndaza ndonwaba ebomini.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]

“Ndandidla ngokuthandaza kuYehova ndiyengezelisa iinyembezi ndimbongoza ukuba andincede”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share