Ngaba Ubusazi?
Yayingoobani ababhali ababengamfuni uYesu?
Ngexesha lobulungiseleli bakhe, uYesu wayedibana nababhali, eYerusalem nakwezinye iidolophana. Ngaphandle kweYerusalem—nakwiindawo ezazihlala amaYuda ezingaphaya kwemida yasePalestina—la madoda ayengamagosa awayengenagunya lingako, esazi uMthetho nekusenokwenzeka ukuba ayewukhuphela yaye engabagwebi ekuhlaleni.—Marko 2:6; 9:14; Luka 5:17-21.
Ababhali baseYerusalem babesebenzela urhulumente wamaYuda. (Mateyu 16:21) IThe Anchor Bible Dictionary ithi, “kubonakala ngathi babengamahlakani ababingeleli, kwimicimbi yomthetho nasekuqinisekiseni ukuba izithethe namasiko amaYuda ayethotyelwa ngoxa babencedisa kwiSanhedrin.” Ekubeni babengabafundisi boMthetho abahlonelwayo, abanye ababhali babengamalungu eSanhedrin okanye inkundla ephakamileyo yamaYuda. Babesebenza kunye nababingeleli abakhulu nabaFarisi.
EBhayibhileni, ababhali basoloko bevela bephikisana noYesu ngonqulo. Noko ke, bakho abangazange baphikisane naye. Ngokomzekelo, omnye wathi kuYesu: “Ndiza kukulandela naphi na apho uya khona.” Kanti uYesu wathi komnye: “Akukho kude nobukumkani bukaThixo.”—Mateyu 8:19; Marko 12:28-34.
Kwakuthetha ntoni ukuthanjiswa komntu?
KuMbindi Mpuma ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ukuthambisa umntu ngeoli entloko kwakubonisa ukuba uyamhlonela okanye umenzela ububele njengondwendwe lwakho. Kwakudla ngokusetyenziswa ioli yomnquma exutywe nesiqholo esithile. AmaHebhere ayemthambisa ngeoli entloko umntu naxa emiselwa ngokusemthethweni kwisikhundla esiphezulu. Ngokomzekelo, uAron wathanjiswa ngeoli xa wamiselwa ukuba abe ngumbingeleli omkhulu. (Levitikus 8:12) Xa kwakumiselwa uKumkani uDavide, “uSamuweli wathabatha uphondo lweoli waza wamthambisa. . . , yaye umoya kaYehova waqalisa ukusebenza kuDavide ukususela loo mini.”—1 Samuweli 16:13.
Igama lesiHebhere elithetha ukuthambisa okunjalo nguma·shachʹ elivela kuye elithi ma·shiʹach okanye uMesiya. Kanti lona elesiGrike ngukhriʹo elivela kuye elithi khri·stosʹ okanye uKristu. Kungaloo ngqiqo ke ekunokutshiwo ukuba uAron noDavide babengoomesiya okanye abathanjiswa. NoMoses kuthiwa ungukristu okanye umthanjiswa ngenxa yokuba uThixo wamkhetha ukuze abe ngummeli wakhe.—Hebhere 11:24-26.
UYesu waseNazarethe wathanjiswa nguThixo ngokwakhe ukuba abe negunya elikhulu kunaye nabani na. UYesu akazange athanjiswe ngeoli kodwa uThixo wamthambisa ngomoya wakhe oyingcwele. (Mateyu 3:16) Ekubeni enguMthanjiswa okhethwe nguYehova, uYesu ubizwa ngokufanelekileyo xa kusithiwa nguMesiya okanye uKristu.—Luka 4:18.