Ubomi Obungunaphakade Esibuthenjiswe NguThixo
“Indalo yalulanyiselwa kokuphuthileyo . . . ngethemba.”—ROMA 8:20.
1, 2. (a) Kutheni ithemba lobomi obungunaphakade emhlabeni libalulekile kuthi? (b) Kutheni abantu abaninzi bengakholelwa ukuba abantu baza kuphila ngonaphakade emhlabeni?
MHLAWUMBI uyakhumbula indlela owavuya ngayo ukuqala kwakho ukuva ukuba abantu abazukwaluphala yaye abazukufa kodwa baza kuphila ngonaphakade emhlabeni. (Yoh. 17:3; ISityhi. 21:3, 4) Mhlawumbi wakunandipha ukwabelana nabanye ngelo themba livela eZibhalweni. Eneneni, ithemba lobomi obungunaphakade yeyona nkalo ibalaseleyo kwiindaba ezilungileyo esizishumayelayo. Lichaphazela indlela esibujonga ngayo ubomi.
2 Iicawa zeNgqobhoko azifundisi ngethemba lobomi obungunaphakade emhlabeni. Nangona iBhayibhile ifundisa ukuba umphefumlo uyafa, inkoliso yeecawa ifundisa imfundiso engekho Zibhalweni yokuba umntu unomphefumlo ongafiyo ophumayo xa esifa, uye kuphila kummandla womoya. (Hez. 18:20) Ngenxa yoko, abantu abaninzi abakholelwa ukuba abantu baza kuphila ngonaphakade emhlabeni. Ngoko ke, sisenokubuza: Ngaba ngokwenene eli themba liyafumaneka eBhayibhileni? Ukuba kunjalo, waqala nini uThixo ukulazisa ebantwini?
“Indalo Yalulanyiselwa Kokuphuthileyo . . . Ngethemba”
3. Injongo kaThixo ngabantu yacaciswa njani kwasekuqaleni kokudalwa kwabo?
3 Injongo kaYehova ngoluntu yacaciswa kwasekuqaleni kokudalwa kwabantu. UThixo watsho ngokucacileyo ukuba uAdam wayeza kuphila ngonaphakade ukuba wayethobele. (Gen. 2:9, 17; 3:22) Ngokuqinisekileyo inzala ka-Adam yayiva indlela umntu awaphulukana ngayo nemfezeko. Isango elingena e-Eden lavalwa yaye abantu baluphala baza bafa. (Gen. 3:23, 24) Ekuhambeni kwexesha abantu baya bephila ubomi obufutshane. UAdam waphila iminyaka engama-930. UShem owasinda ngoMkhukula waphila iminyaka engama-600 kuphela yaye unyana wakhe uArpakhishadi waphila engama-438. Uyise ka-Abraham, uTera waphila iminyaka engama-205. UAbraham waphila iminyaka eli-175 kanti unyana wakhe uIsake waphila eli-180 waza uYakobi waphila eli-147. (Gen. 5:5; 11:10-13, 32; 25:7; 35:28; 47:28) Kusenokwenzeka ukuba abantu abaninzi baqonda ukuba abantu baphulukene nethemba lokuphila ngonaphakade. Ngaba yayikho into eyayinokwenza bakholelwe ukuba banokuphinda balifumane eli themba?
4. Yintoni eyabangela ukuba amadoda athembekileyo akholelwe ukuba uThixo uya kuzibuyisela iintsikelelo esaphulukana nazo ngenxa ka-Adam?
4 ILizwi likaThixo lithi: “Indalo [engabantu] yalulanyiselwa kokuphuthileyo . . . ngethemba.” (Roma 8:20) Liliphi elo themba? Isiprofeto sokuqala eBhayibhileni sathetha ‘ngembewu’ eyayiza ‘kutyumza intloko yenyoka.’ (Funda iGenesis 3:1-5, 15.) Ukuthenjiswa ngeMbewu, kwanika abantu abathembekileyo ithemba lokuba uThixo akayilibalanga injongo yakhe ngoluntu. Abantu abafana noAbheli noNowa batsho bakholelwa ukuba uThixo uya kuzibuyisela iintsikelelo ezininzi esaphulukana nazo ngenxa ka-Adam. Kusenokwenzeka ukuba la madoda aqonda ukuba xa ‘kutyunyuzwa isithende sembewu’ kwakuza kuphalala igazi.—Gen. 4:4; 8:20; Heb. 11:4.
5. Yintoni ebonisa ukuba uAbraham wayekholelwa eluvukweni?
5 Cinga ngoAbraham. Xa uAbraham wayevavanywa, ‘kwafana nokuba wayemnikele uIsake, unyana wakhe okuphela kwamzeleyo.’ (Heb. 11:17) Yintoni eyabangela ukuba akulungele ukwenza oku? (Funda amaHebhere 11:19.) UAbraham wayekholelwa eluvukweni yaye wayenesizathu sokukholelwa kulo. Kaloku, uYehova wavuselela amandla ka-Abraham okuzala waza yena nomfazi wakhe uSara bafumana unyana sele baluphele. (Gen. 18:10-14; 21:1-3; Roma 4:19-21) Kwakhona uYehova wayethetha noAbraham. UThixo wathi kuye: “Iya kubizwa ngoIsake imbewu yakho.” (Gen. 21:12) Ngenxa yoko uAbraham wayenezizathu ezivakalayo zokukholelwa ukuba uThixo uya kumvusa uIsake.
6, 7. (a) Nguwuphi umnqophiso owenziwa nguYehova noAbraham? (b) Liliphi ithemba olunalo uluntu ngenxa yesithembiso esenziwa nguYehova kuAbraham?
6 Ngenxa yokholo luka-Abraham olubalaseleyo, uYehova wenza umnqophiso kunye naye ngokuphathelele inzala okanye ‘imbewu’ yakhe. (Funda iGenesis 22:18.) Ekugqibeleni kwatyhilwa ukuba inxalenye ephambili yale ‘mbewu’ nguYesu Kristu. (Gal. 3:16) UYehova waxelela uAbraham ukuba imbewu yakhe iya kwandiswa “njengeenkwenkwezi zasemazulwini nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle,” yaye uAbraham wayengayazi ukuba iya kuba ninzi kangakanani. (Gen. 22:17) Noko ke, kamva kwachazwa ukuba yayiza kuba ngakanani. Le “mbewu” ibunjwa nguYesu Kristu nabali-144 000 aya kulawula kunye nabo eBukumkanini. (Gal. 3:29; ISityhi. 7:4; 14:1) ‘Zonke iintlanga zomhlaba ziya kuzisikelela’ ngobu Bukumkani bukaMesiya.
7 Kusenokwenzeka ukuba uAbraham akazange ayiqonde kakuhle intsingiselo yomnqophiso uYehova awawenza kunye naye. Sekunjalo, iBhayibhile ithi: “Wayelindele isixeko esineziseko zokwenene.” (Heb. 11:10) Eso sixeko buBukumkani bukaThixo. Ukuze axhamle kwezo ntsikelelo zobo Bukumkani, uAbraham kuya kufuneka aphile kwakhona. Ukuze akwazi ukuphila ubomi obungunaphakade kuza kufuneka avuswe. Ubomi obungunaphakade buya kufunyanwa ngabo baya kusinda ngeArmagedon okanye abo baya kuvuswa ekufeni.—ISityhi. 7:9, 14; 20:12-14.
“Umoya Undicinezele”
8, 9. Kutheni sinokuthi incwadi kaYobhi ayithethi nje ngokubandezeleka komntu?
8 Kukho indoda egama linguYobhi eyayiphila kwiminyaka ephakathi kwexesha lokuphila komzukulwana ka-Abraham, uYosefu nomprofeti uMoses. Incwadi yeBhayibhile kaYobhi ekusenokwenzeka ukuba yabhalwa nguMoses ichaza isizathu sokuba uYehova avumele uYobhi ukuba abandezeleke noko kwenzekayo emva koko. Noko ke, incwadi kaYobhi ayithethi nje ngokubandezeleka komntu; ithetha ngembambano ebaluleke kwindalo iphela. Le ncwadi isibonisa ukuba uYehova ulawula ngobulungisa, ibonisa nokuba ingqibelelo yabo bonke abakhonzi bakaThixo abasemhlabeni iyachaphazeleka kwimbambano eyaphakanyiswa e-Eden. Nangona uYobhi wayengayazi le mbambano, akazange awavumele amaqabane akhe amathathu ukuba ameyisele ekubeni waphule ingqibelelo yakhe. (Yobhi 27:5) Oku kufanele komeleze ukholo lwethu kuze kusincede siqonde ukuba nathi sinokuyigcina ingqibelelo yethu size siphakamise ulongamo lukaYehova.
9 Emva kokuba abathuthuzeli abathathu bakaYobhi begqibile ukuthetha, “uElihu unyana kaBharakeli umBhuze waphendula.” Yintoni eyamshukumisela ukuba athethe? Wathi: “Ndizaliswe ngamazwi; umoya undicinezele esiswini sam.” (Yobhi 32:5, 6, 18) Nangona amazwi aphefumlelweyo kaElihu azaliseka ekupheleni kovavanyo lukaYobhi, anentsingiselo nakwabanye. Anik’ ithemba kubo bonke abo bagcina ingqibelelo.
10. Yintoni ebonisa ukuba maxa wambi uYehova udlulisela isigidimi esichaphazela uluntu ngokubanzi?
10 Maxa wambi uYehova udlulisela isigidimi esichaphazela uluntu ngokubanzi. Oku sisenokukubona kwisiprofeto sikaDaniyeli esiphathelele iphupha likaKumkani waseBhabhiloni uNebhukadenetsare, lokugawulwa komthi omkhulu. (Dan. 4:10-27) Nangona elo phupha lazaliseka kuNebhukadenetsare lalibhekisela nakwenye into ebalulekileyo. Iphupha eli labonisa ukuba ulawulo lukaThixo emhlabeni lomnombo kaKumkani uDavide lwaluya kuqalisa kwakhona emva kweminyaka engama-2 520 eyayiza kuqalisa ngowama-607 B.C.E.a Ulongamo lukaThixo emhlabeni lwaqalisa kwakhona ngokumiselwa kukaYesu Kristu njengoKumkani wasezulwini, ngonyaka we-1914. Cinga nje ngendlela ulawulo loBukumkani oluya kulizalisekisa ngayo ithemba labantu abathobelayo!
“Mkhulule Angehli Aye Emhadini!”
11. Amazwi kaElihu abonisa ntoni ngoThixo?
11 Xa ephendula uYobhi, uElihu uthetha ‘ngomthunywa, umthetheli, omnye kwabaliwaka, ukuze axelele umntu ukuthi tye kwakhe.’ Kuthekani ukuba lo mthunywa ‘ubongoza uThixo ukuba akholiswe nguye’? UElihu uthi: “Wandula ke [uThixo] akholiswe nguye aze athi, ‘Mkhulule angehli aye emhadini! Ndifumene intlawulelo! Inyama yakhe mayihlaziyeke ngakumbi kunasebutsheni; makabuyele emihleni yamandla obutsha bakhe.’” (Yobhi 33:23-26) La mazwi abonisa ukuba uThixo ukulungele ukwamkela “intlawulelo” eyenzelwa abantu abaguqukileyo.—Yobhi 33:24.
12. Amazwi kaElihu abanika liphi ithemba abantu?
12 Kusenokwenzeka ukuba uElihu wayengayiqondi kakuhle intsingiselo yentlawulelo, kanye njengokuba abaprofeti babengaziqondi ngokupheleleyo ezinye zezinto ababezibhala. (Dan. 12:8; 1 Pet. 1:10-12) Sekunjalo, amazwi kaElihu abangela abantu baba nethemba lokuba ngenye imini uThixo uya kwamkela intlawulelo aze akhulule abantu ekwaluphaleni nasekufeni. Amazwi kaElihu anik’ ithemba elimangalisayo lobomi obungunaphakade. Incwadi kaYobhi ibonisa nokuba kuza kubakho uvuko.—Yobhi 14:14, 15.
13. Amazwi kaElihu anayiphi intsingiselo kumaKristu?
13 Namhlanje amazwi kaElihu anentsingiselo nakwizigidi zamaKristu ezinethemba lokusinda xa kutshatyalaliswa le nkqubo yezinto. Abalupheleyo abaya kuba bephakathi kwabo basindileyo baya kubuyela emihleni yamandla obutsha babo. (ISityhi. 7:9, 10, 14-17) Ngaphezu koko, abantu abathembekileyo bayavuya kuba benethemba lokubona abantu abavusiweyo bebuyiselwa kwimihla yobutsha babo. Kakade ke, ukuze amaKristu athanjisiweyo afumane ubomi bokungafi ezulwini “nezinye izimvu” zikaYesu zifumane ubomi obungunaphakade emhlabeni, kufuneka zibonise ukholo kwidini lentlawulelo likaKristu.—Yoh. 10:16; Roma 6:23.
Ukufa Kuya Kuginywa Emhlabeni
14. Yintoni ebonisa ukuba kwakufuneka okungakumbi kunoMthetho kaMoses ukuze amaSirayeli afumane ubomi obungunaphakade?
14 Inzala ka-Abraham yaba luhlanga oluzimeleyo emva kokwenza umnqophiso noThixo. Xa wayeyinika uMthetho, uYehova wathi: “Nimele niyigcine imithetho yam nemimiselo yam, awothi umntu ozenzayo ezo zinto, aphile ngazo.” (Lev. 18:5) Noko ke, ekubeni engazange akwazi ukuphila ngokuvisisana noMthetho, amaSirayeli aqalekiswa nguMthetho yaye kwafuneka ukuba akhululwe kweso siqalekiso.—Gal. 3:13.
15. UDavide waphefumlelwa ukuba abhale ngaliphi ithemba lekamva?
15 Emva koMoses, uYehova waphefumlela abanye ababhali beBhayibhile ukuba babhale ngethemba lobomi obungunaphakade. (INdu. 21:4; 37:29) Ngokomzekelo, kwenye yeendumiso umdumisi uDavide waqukumbela ngokuchaza umanyano lwabanquli bokwenyaniso abaseZiyon ngala mazwi: “UYehova wayalela ukuba kubekho intsikelelo apho, kwanobomi ukusa kwixesha elingenasiphelo.”—INdu. 133:3.
16. Esebenzisa uIsaya, uYehova wathembisa ntoni ngekamva ‘lomhlaba’?
16 UYehova waphefumlela uIsaya ukuba aprofete ngobomi obungunaphakade emhlabeni. (Funda uIsaya 25:7, 8.) Abantu baye bacinezeleka ngenxa yesono nokufa. UYehova uqinisekisa abantu bakhe ukuba isono nokufa ziya kuginywa okanye zishenxiswe “emhlabeni wonke.”
17. Kwaprofetwa kwathiwani ngoMesiya nto leyo yayiza kwenza abantu bafumane ubomi obungunaphakade?
17 Kwakhona cinga ngenkqubo eyayichazwe kuMthetho kaMoses yokusetyenziswa kwebhokhwe ka-Azazele. Ngomhla Wocamagushelo, kube kanye ngonyaka umbingeleli omkhulu ‘wayebeka izandla zakhe zozibini entlokweni yebhokhwe ephilileyo aze azivume phezu kwayo zonke iziphoso zoonyana bakaSirayeli, azibeke phezu kwentloko leyo yebhokhwe, ize ke ibhokhwe leyo izithwale zonke iziphoso zabo iye nazo ezweni eliyinkqantosi.’ (Lev. 16:7-10, 21, 22) UIsaya waxela kwangaphambili ngokuza kukaMesiya, owayeza kwenza into efanayo athwale ‘izifo, iintlungu, nesono sabantu abaninzi,’ ukuze bakwazi ukufumana ubomi obungunaphakade.—Funda uIsaya 53:4-6, 12.
18, 19. Liliphi ithemba elibalaseliswe kuIsaya 26:19 nakuDaniyeli 12:13?
18 Esebenzisa uIsaya, uYehova waxelela abantu bakhe amaSirayeli oku: “Abafileyo bakho baya kuphila. Izidumbu zakowethu—ziya kuvuka. Vukani nize nimemelele ngovuyo, nina bahlala eluthulini! Kuba umbethe wenu unjengombethe wemifuno, nomhlaba uya kubangela bazalwe kwanabo bangenamandla ekufeni.” (Isa. 26:19) IZibhalo zesiHebhere zibonisa ngokucacileyo ukuba likho ithemba lovuko nobomi obungunaphakade emhlabeni. Ngokomzekelo, xa uDaniyeli wayemalunga neminyaka eli-100 ubudala, uYehova wamqinisekisa wathi: “Uya kuphumla, kodwa uya kubuya uvuke, wamkele isabelo selifa lakho ekupheleni kwemihla.”—Dan. 12:13.
19 Kuba wayenethemba lovuko, uMarta wathi kuYesu ngomntakwabo owayefile: “Ndiyazi ukuba uza kuvuka eluvukweni ngomhla wokugqibela.” (Yoh. 11:24) Ngaba iimfundiso zikaYesu nemibhalo ephefumlelweyo yabafundi bakhe yachaza into eyahlukileyo kweli themba? Ngaba uYehova usathembisa abantu ukuba baya kufumana ubomi obungunaphakade? Le mibuzo iza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Funda isahluko 6 sencwadi ethi Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli!
Ngaba Unokuchaza?
• Indalo engabantu ‘yalulanyiselwa kokuphuthileyo’ ngaliphi ithemba?
• Yintoni ebonisa ukuba uAbraham wayekholelwa kuvuko?
• Amazwi awathethwa nguElihu kuYobhi abanika liphi ithemba abantu?
• IZibhalo zesiHebhere zilibethelela njani ithemba lovuko nobomi obungunaphakade emhlabeni?
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Amazwi awathethwa nguElihu kuYobhi ayasithembisa ukuba abantu baya kukhululwa ekwaluphaleni nasekufeni
[Umfanekiso okwiphepha 6]
UDaniyeli waqinisekiswa ukuba ‘uya kuvuka, amkele isabelo selifa lakhe ekupheleni kwemihla’