Thobela Uze Ukhaliphe NjengoKristu
“Yomelelani! mna ndiloyisile ihlabathi.”—YOH. 16:33.
1. UYesu wazithoba kuThixo ukusa kuwuphi umkhamo?
UYESU KRISTU wayesoloko esenza ukuthanda kukaThixo. Akazange akhe ayicinge into yokungamthobeli uYise wasezulwini. (Yoh. 4:34; Heb. 7:26) Kodwa kwakungekho lula ukuba athobele xa wayelapha emhlabeni. Kwasekuqaleni kobulungiseleli bukaYesu, iintshaba zakhe, kuquka uSathana zazama ukumnyanzela okanye ukumlukuhla ukuba ayeke ukuthembeka. (Mat. 4:1-11; Luka 20:20-25) Ezi ntshaba zikaYesu zamphatha kakubi gqitha. Ekugqibeleni, zambulalela kwisibonda sentuthumbo. (Mat. 26:37, 38; Luka 22:44; Yoh. 19:1, 17, 18) Nakuba uYesu wabandezeleka ngaloo ndlela, “wazithoba kwada kwasa ekufeni.”—Funda eyabaseFilipi 2:8.
2, 3. Yintoni esinokuyifunda ngokuthobela kukaYesu nangona wayebandezeleka?
2 Izinto ezamehlelayo uYesu xa wayelapha emhlabeni zamfundisa ukuthobela phantsi kweemeko ezinzima. (Heb. 5:8) Ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni, kwakusenokubonakala ngathi akukho nto intsha wayenokuyifunda ngokukhonza uYehova. Ngapha koko, wachitha iminyaka engenakubalwa ekunye noYehova yaye xa kwakudalwa ‘wayengumsebénzi kaThixo onobuchule.’ (IMize. 8:30) Sekunjalo, ngokunyamezela kwakhe xa wayebandezelwa, wazingqina enengqibelelo ngokupheleleyo. UYesu, uNyana kaThixo wakhula ngokomoya. Yintoni esinokuyifunda kwizinto ezamehlelayo?
3 Nangona wayefezekile, uYesu akazange acinge ukuba unokuthobela ngokugqibeleleyo. Wathandaza kuThixo ukuba amncede ukuze ahlale ethobela. (Funda amaHebhere 5:7.) Ukuze sihlale sithobela, nathi kufuneka sithandaze rhoqo. Ngenxa yoko, umpostile uPawulos waluleka amaKristu ngala mazwi: “Hlalani ninesi simo sengqondo wayenaso noKristu Yesu, . . . wazithoba kwada kwasa ekufeni.” (Fil. 2:5-8) Indlela uYesu awaphila ngayo yabonisa ukuba abantu banako ukuthobela nangona bephakathi kwabantu abangendawo. Enyanisweni, uYesu wayefezekile kodwa kuthekani ngathi thina bantu bangafezekanga?
Sinokuthobela Nangona Singafezekanga
4. Kuthetha ukuthini ukuba nenkululeko yokuzikhethela?
4 UThixo wadala uAdam noEva benenkululeko yokuzikhethela. Nathi njengenzala yabo, sinenkululeko yokuzikhethela. Kuthetha ntoni oku? Kuthetha ukuba sinokuzikhethela ukwenza okulungileyo okanye okubi. Ngamany’ amazwi uThixo usinike inkululeko yokukhetha ukumthobela okanye ukungamthobeli. Loo nkululeko isenza sibe nembopheleleko. Eneneni, izigqibo esizenzayo zinokuthetha ukuphila okanye ukufa. Ziyabachaphazela nabantu abasondeleyo kuthi.
5. Yintoni ekunzima ngathi sonke ukuyenza, yaye sinokuphumelela njani?
5 Ngenxa yokungafezeki, akusoloko kulula ukuthobela imithetho kaThixo. NoPawulos wakungqina oko. Wabhala: “Kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa nomthetho wengqondo yam yaye undithimbela emthethweni wesono osemalungwini am.” (Roma 7:23) Kakade ke, kulula ukuthobela xa kungekho nto siza kulahlekelwa yiyo. Kuthekani ukuba siyafuna ukuthobela kodwa kube kunzima ngenxa ‘yenkanuko yenyama nenkanuko yamehlo’? Le nkanuko ibangelwa kukungafezeki nayimpembelelo ‘yomoya wehlabathi’ esiphila kulo yaye inamandla gqitha. (1 Yoh. 2:16; 1 Kor. 2:12) Ukuze sikwazi ukuxhathisa, simele ‘silungise iintliziyo zethu’ ngaphambi kokuba kuvele ingxaki okanye isilingo, size sizimisele ukuthobela uYehova enoba kunzima. (INdu. 78:8) EBhayibhileni kukho imizekelo emininzi yabantu abaphumelelayo kuba babelungise iintliziyo zabo.—Ezra 7:10; Dan. 1:8.
6, 7. Yenza umzekelo wendlela ufundisiso lobuqu olunokusinceda ngayo senze ukhetho lobulumko.
6 Enye indlela esinokulungisa ngayo iintliziyo zethu, kukufunda ngenkuthalo iZibhalo neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni. Yiba nomfanekiso-ngqondweni wakho ukule meko. Masithi ngale ngokuhlwa uza kwenza ufundisiso lobuqu. Ugqiba kuthandaza kuYehova ucela ukuba ngomoya wakhe akuncede usebenzise oko uza kukufunda eLizwini lakhe. Ubucebe ukuba uza kubukela imovie ethile kumabonwakude ngomso ngokuhlwa. Abantu abaninzi bayayincoma le movie; kodwa wena uyazi ukuba inazo neendawo ezibonisa ukuziphatha okubi nogonyamelo.
7 Ucinga ngesiluleko sikaPawulos esikweyabase-Efese 5:3, esithi: “Uhenyuzo nako konke ukungahlambuluki nokubawa makungakhe kukhankanywe kwaukukhankanywa phakathi kwenu, kanye njengoko kubafaneleyo abantu abangcwele.” Kwakhona ukhumbula icebiso likaPawulos elikweyabaseFilipi 4:8. (Yifunde.) Njengoko ucinga ngesi siluleko siphefumlelweyo, uyazibuza, ‘Ukuba ndingcolisa intliziyo nengqondo yam ngabom, ngokubukela le movie, ngaba ndixelisa umzekelo kaYesu wokuthobela uThixo?’ Uza kwenza ntoni? Ngaba uza kuyibukela le movie noxa kunjalo?
8. Kutheni sifanele sihlale sinemilinganiselo ephakamileyo yokuziphatha neyokomoya?
8 Bekuya kuba yimpazamo enkulu ukuyekelel’ umxakatho kuba mhlawumbi sicinga ukuba asinakuphenjelelwa lunxulumano olubi oluquka iindlela zokuzonwabisa ezinogonyamelo nokuziphatha okubi. Kunoko, simele sizikhusele thina nabantwana bethu kwimpembelelo kaSathana eyonakalisayo. Abantu abasebenza ngeekhompyutha benza imigudu ukuze bakhusele iikhompyutha zabo kwizinto ezinokonakalisa inkcazelo elapho okanye eziphazamisa indlela ezisebenza ngayo, nezinokude zidlulisele loo monakalo nakwezinye iikhompyutha. Ngaba thina asifanele silumke nangakumbi ukuze sizikhusele ‘kumaqhinga’ kaSathana?—Efe. 6:11.
9. Kutheni sifanele sizimisele ukuthobela uYehova suku ngalunye?
9 Suku ngalunye, kufuneka sikhethe enoba siza kwenza izinto ngendlela uYehova afuna ngayo okanye akunjalo. Ukuze sisindiswe, simele sithobele uThixo size siphile ngokuvisisana nemigaqo yakhe yobulungisa. Xa silandela umzekelo kaKristu wokuthobela ‘kude kuse ekufeni,’ sibonisa ukuba sinokholo lokwenene. UYehova uya kusivuza ngokuthembeka kwethu. UYesu wathembisa: “Lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uya kusindiswa.” (Mat. 24:13) Ngokucacileyo, kufuneka sibe nesibindi njengoYesu.—INdu. 31:24.
UYesu—Owona Mzekelo Ubalaseleyo Wenkalipho
10. Ziziphi iingcinezelo esijamelana nazo yaye yintoni esinokuyenza?
10 Njengoko siphila kwihlabathi elinabantu abaziphethe kakubi, kufuneka sibe nenkalipho ukuze sixhathise impembelelo yabo. AmaKristu ajamelana nengcinezelo yokuziphatha, yabantu ahlala nabo, iingxaki zemali nempembelelo yonqulo yaye ezi zinto zinokuwaphambukisa kwimilinganiselo kaYehova yobulungisa. Amaninzi ayachaswa ziintsapho zawo. Kwamanye amazwe, amaziko emfundo akhuthaza ingcamango yendaleko nokungakholelwa kubukho bukaThixo. Ngenxa yoko thina njengamaKristu asinakuhlala nje sisonge izandla. Kufuneka sibhinqe omfutshane ukuze sizikhusele. Umzekelo kaYesu usibonisa indlela esinokukwenza ngayo oku.
11. Ukucinga ngomzekelo kaYesu kunokusinceda njani sibe nenkalipho ngakumbi?
11 UYesu wathi kubafundi bakhe: “Ehlabathini ninembandezelo, kodwa yomelelani! mna ndiloyisile ihlabathi.” (Yoh. 16:33) Akazange anikezele kwimpembelelo yehlabathi. Akazange avumele ihlabathi ukuba limphazamise kumsebenzi wakhe wokushumayela okanye limenze alalanise kwimilinganiselo yonqulo lwenyaniso nokuziphatha okuhle yaye nathi simele senjenjalo. Xa uYesu wayethandazela abafundi bakhe wathi: “Abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi.” (Yoh. 17:16) Xa sifunda ngomzekelo kaKristu wenkalipho size sicinge ngawo, nathi sinokuba nenkalipho yokuhlala sahlukile ehlabathini.
Funda Inkalipho Kumzekelo KaYesu
12-14. Chaza indlela uYesu awayibonakalisa ngayo inkalipho.
12 UYesu wabuphumeza ngenkalipho ubulungiseleli bakhe. Esebenzisa igunya lakhe njengoNyana kaThixo, ngenkalipho “wangena etempileni, waphosa phandle bonke abo babethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabatshintshi bemali nezihlalo ezide zabo babethengisa amahobe.” (Mat. 21:12) Xa kwafika amajoni eze kubamba uYesu ngobusuku bokugqibela bakhe esemhlabeni, wema ngenkalipho waza wakhusela abafundi bakhe, wathi: “Ukuba . . . ndim lo nimfunayo, bayekeni aba bahambe.” (Yoh. 18:8) Kamva, waxelela uPetros ukuba abuyisele ikrele lakhe nto leyo ebonisa ukuba uYesu wayengathembelanga ekukhuselweni zizixhobo zabantu kunoko wayethembele kuYehova.—Yoh. 18:11.
13 UYesu wababhenca ngenkalipho abafundisi bobuxoki abakhohlakeleyo neemfundiso zabo. Wathi kubo: “Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngenxa yokuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu. . . . Niye nayigatya imibandela enzima ngakumbi yoMthetho, eyile, okusesikweni nenceba nokuthembeka. . . . Nihlambulula umphandle wendebe nowesitya, kodwa ngaphakathi zizele kukuphanga nokungabi nabungcathu.” (Mat. 23:13, 23, 25) Nabafundi bakaYesu kwakuza kufuneka babe nenkalipho kuba iinkokeli zonqulo lobuxoki zaziza kubatshutshisa zize zibulale abanye babo.—Mat. 23:34; 24:9.
14 UYesu wabonakalisa inkalipho nakwiidemon. Ngesinye isihlandlo, kweza kuye indoda eneedemon neyayinamandla kangangokuba kwakungekho mntu ukwaziyo ukuyibopha ngemixokelelwane. Ngokungenaloyiko, uYesu wazigxotha ezo demon zininzi zazikuloo ndoda. (Marko 5:1-13) Namhlanje, uThixo akawanikanga amaKristu amandla okwenza imimangaliso enjalo. Sekunjalo, kumsebenzi wethu wokushumayela nokufundisa, nathi simele silwe noSathana oye “wamfamekisa iingqondo zabangakholwayo.” (2 Kor. 4:4) NjengoYesu izixhobo zethu “ayizizo ezenyama, kodwa ngaye uThixo zinamandla okubhukuqa izinto ezinqatyisiweyo”—iimfundiso zonqulo lobuxoki ezendeleyo. (2 Kor. 10:4) Njengoko sisebenzisa ezi zixhobo, sifunda okuninzi kumzekelo kaYesu.
15. Inkalipho kaYesu yayisekelwe entwenini?
15 Inkalipho kaYesu yayingaxhomekekanga kubukroti kodwa yayixhomekeke elukholweni. Nathi simele sixelise yena. (Marko 4:40) Singalufumana njani ukholo lokwenene? Nakule meko, kufuneka silandele umzekelo kaYesu. Wayezazi kakuhle iZibhalo yaye enentembelo kuzo. Akazange asebenzise ikrele lokoqobo kodwa wasebenzisa elokomoya, iLizwi likaThixo. Ngalo lonke ixesha wayezixhasa ngeZibhalo iimfundiso zakhe. Wayedla ngokuthi: “Kubhaliwe kwathiwa,” ebhekisela kwiLizwi likaThixo.a
16. Sinokulwakha njani ukholo lwethu?
16 Ukuze sakhe ukholo olunokumelana neemvavanyo ezinokusehlela njengabafundi, sifanele sifunde iBhayibhile yonke imihla, siye kwiintlanganiso zamaKristu, zize iingqondo zethu zizaliswe yinyaniso esisiseko sokholo. (Roma 10:17) Simele sicamngce—sicingisise nzulu—ngezinto esizifundayo, zizike ezintliziyweni zethu. Ukuba sinokholo siya kukhalipha. (Yak. 2:17) Sifanele sithandazele umoya oyingcwele kuba ukholo yinxalenye yesiqhamo somoya.—Gal. 5:22.
17, 18. Omnye udade oselula wayibonakalisa njani inkalipho esikolweni?
17 UKitty ongudade oselula, wabona indlela ukholo lokwenene olusinika ngayo inkalipho. Esengumntwana, wayesazi ukuba akafanele abe ‘neentloni ngeendaba ezilungileyo’ esikolweni, ibe wayefuna ukunikela ubungqina kubantwana awayefunda nabo. (Roma 1:16) Nyaka ngamnye wayezama ukuthetha nabanye ngeendaba ezilungileyo kodwa angabi nasibindi. Xa wayesele eza kuyigqiba iminyaka yeshumi elivisayo, waya kufunda kwesinye isikolo. Wathi, “Ngoku kuza kufuneka ndishumayele, ndivale sonke isithuba seminyaka endingakhange ndiyisebenzise.” UKitty wathandazela ukuba nenkalipho nobulumko njengoKristu, nokufumana ithuba elifanelekileyo lokushumayela.
18 Ngosuku lwakhe lokuqala esikolweni, abafundi bacelwa ukuba bazazise. Abaliqela bachaza ukuba bakhuliselwe kwiinkonzo ezithile kodwa abayi rhoqo kuzo. UKitty waqonda ukuba elo lithuba ebelithandazela. Xa kwafika ithuba lakhe, ngokuzithemba uKitty wathi, “NdiliNgqina likaYehova yaye kwimibandela yonqulo nakwindlela yokuziphatha ndikhokelwa yiBhayibhile.” Abanye abafundi babedikiwe yile nto ithethwa nguKitty. Kodwa abanye baphulaphula ngomdla baza kamva bambuza imibuzo. Utitshala wathi uKitty ngumzekelo omhle ekumeleni ukholo lwakhe. UKitty uvuya ngokwenene kuba eye wafunda kumzekelo omhle kaYesu wokuba nenkalipho.
Yiba Nokholo Nenkalipho NjengoKristu
19. (a) Kuthetha ntoni ukuba nokholo? (b) Sinokumvuyisa njani uYehova?
19 Nabapostile babeqonda ukuba inkalipho yabo ifanele isekelwe elukholweni. Babongoza uYesu, bathi: “Sinike ukholo olungakumbi.” (Funda uLuka 17:5, 6.) Ukukholelwa nje kubukho bukaThixo akuthethi kuthi umntu unokholo. Kufuneka umntu abe nolwalamano olusondeleyo noYehova kanye njengolwalamano lomntwana noyise omthandayo. USolomon waphefumlelwa ukuba abhale la mazwi: “Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho, iya kuba nemihlali intliziyo yam, eyam kanye. Yaye izintso zam ziya kugcoba xa imilebe yakho ithetha okuthe tye.” (IMize. 23:15, 16) Xa nathi simela imilinganiselo yobulungisa ngenkalipho, sivuyisa uYehova yaye loo nto isenza sibe nenkalipho ngakumbi. Ngoko ke, masiqhubeke sixelisa umzekelo kaYesu, sibumele ngenkalipho ubulungisa!
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane imizekelo yoku, funda uMateyu 4:4, 7, 10; 11:10; 21:13; 26:31; Marko 9:13; 14:27; Luka 24:46; Yohane 6:45; 8:17.
Ngaba Unokuchaza?
• Yintoni enokusinceda ukuze sihlale sithobela nangona singafezekanga?
• Ukholo lokwenene lusekelwe entwenini yaye lunokusinceda njani sibe nenkalipho?
• Uya kuba yintoni umphumo wokuthobela nokubonisa inkalipho njengoKristu?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ngaba ‘uyayilungisa intliziyo yakho’ ukuze uxhathise izilingo?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
NjengoYesu, nathi sinokubonisa inkalipho esekelwe elukholweni