Kutheni Abantu Bengaqiniseki Ngeyona Nto Uyiyo Umoya Oyingcwele?
UYINTONI umoya oyingcwele? Lo mbuzo ubonakala ulula, kodwa kusenokungabi lula ukuwuphendula. UPopu Benedict XVI wathi kwinginginya yabantu baseOstreliya: “Kubonakala singenakuze siyiqonde eyona nto uyiyo uMoya oyingcwele.”
Kuyacaca ukuba abantu bawuphendula ngeendlela ezahlukahlukeneyo umbuzo othi, Uyintoni umoya oyingcwele? Nazi ezinye zezo mpendulo:
• Umoya oyingcwele ngumntu ophila ngaphakathi kubafundi bakaKristu.
• Yindlela osebenza ngayo umthetho kaThixo ebantwini.
• Yindlela asebenza ngayo uThixo ehlabathini.
• Yinxalenye yesithathu kaBathathu Emnye.
Yintoni ebangela oku kubethabethana kwezimvo? Le ntsinda-badala yaqala ngenkulungwane yesine yeXesha Eliqhelekileyo, xa abanye abefundisi bathi umoya oyingcwele ungumntu olingana noThixo ngandlel’ ithile. Kodwa ke le mfundiso yayingaveli kwiZibhalo okanye kubalandeli bakaKristu benkulungwane yokuqala. INew Catholic Encyclopedia ithi: “Icace gca into yokuba iTestamente Endala ayithi umoya oyingcwele ngumntu . . . Eyona nto uyiyo ungamandla kaThixo.” Kwale ntyilalwazi ihlabela mgama isithi: “Iivesi ezininzi zeTestamente Entsha zibonisa ukuba umoya kaThixo uyinto ethile kungekhona umntu; oku kucaca ngakumbi kwizinto ofana ngazo umoya namandla kaThixo.”
Abantu bakufumanisa kunzima ukuyamkela into yokuba amandla angaba ngumntu. Ngenxa yoko uhlolisiso lwakutshanje lwaseUnited States lwabonisa ukuba inkoliso iyayikhaba ingcamango yokuba umoya oyingcwele ungumntu okanye “into ephilayo.” Ngaba bachanile? Okanye ngaba simele sikholelwe abefundisi abathi “Umoya Oyingcwele unguMntu owahlukileyo kuYise nakuNyana”?
Impendulo echanileyo ifumaneka kwiLizwi likaThixo iBhayibhile, ewuchaza kakuhle umoya oyingcwele. Umpostile uPawulos wathi: “Sonke isibhalo siphefumlelwe nguThixo yaye siyanceda ukuze kufundiswe inyaniso kuze kulungiswe neempazamo.”—2 Timoti 3:16, Today’s English Version.
Kutheni kubalulekile nje ukuba uyazi eyona nyaniso ngomoya oyingcwele? Kaloku olo lwazi lunokukwenza ufumane uncedo lukaThixo. Ngaba akho amaxesha oye uzive uphelelwe ngamandla? UYesu wathi kubafundi bakhe: “Qhubekani nicela, niya kunikwa . . . Ukuba . . . niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!”—Luka 11:9, 13.
Kula manqaku alandelayo siza kufunda ukuba iZibhalo zithi unjani umoya oyingcwele. Siza kubona nendlela onokusinceda ngayo kubomi bethu.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 3]
IZibhalo ziyasixelela ukuba unjani umoya oyingcwele