IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 11/1 iphe. 8
  • Intsomi 5: UMariya Ngumama KaThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Intsomi 5: UMariya Ngumama KaThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba UMariya Ngumama KaThixo?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Nqula UMdali, Kungekhona Indalo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • UMariya (Unina KaYesu)
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Ngaba Ukunqulwa Kukathixokazi Ongumama Kusaqhubeka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 11/1 iphe. 8

Intsomi 5: UMariya Ngumama KaThixo

Yavela phi le ntsomi?

“Ukuhlonelwa kukamama kaThixo kwathabath’ unyawo xa abahedeni bathontelana ukungena ecaweni. . . Aba bahedeni babenazo ezi nkolelo kwakumawaka eminyaka ngaphambili xa babezinikele ‘kumama obalaseleyo’ uthixokazi ‘nentombi enyulu yakwathixo.’”—The New Encyclopædia Britannica (1988), Umqulu 16, kwiphepha 326 nelama-327.

Ifundisa ntoni yona iBhayibhile?

“Uza kumitha, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu. Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana kaPhezukonke. . . . Loo mntwana ungcwele uya kuzalwa nguwe kuya kuthiwa nguNyana kaThixo.—Akekeliswe sithi;—Luka 1:31-35, iBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.

Esi Sibhalo sibonisa ngokucacileyo ukuba uMariya wayengumama ‘woNyana kaThixo’ kungekhona umama kaThixo ngenkqu. Ngaba wayengakwazi ukuthwala Lowo ‘namazulu angamlingananga’? (1 Kumkani 8:27) UMariya akazange athi wayengumama kaThixo. Yimfundiso yokuba uThixo uneziqu ezithathu eye yamenza akaqondakala ukuba ungubani uMariya. Ibhunga lase-Efese lahlahla indlela yokunqulwa kukaMariya ngowe-431 C.E xa lambiza ngokuthi nguTheotokos. (igama lesiGrike elithetha “umthwali kaThixo) okanye “uMama kaThixo.” Kwisixeko sase-Efese, apho lalibanjelwe khona eli bhunga lecawa, kwakunqulwa uthixokazi wokuchuma uArtemis kangangeenkulungwane.

Ngoko ke, kusenokwenzeka ukuba izinto ezazisenziwa xa kwakunqulwa umfanekiso ka-Artemis “owawa uvela ezulwini,” njengemingcelele, zafakwa nakunqulo lukaMariya. (IZenzo 19:35) Omnye umkhwa owathwethwela kwiimfundiso zamaKristu yaba kukusetyenziswa komfanekiso kaMariya neminye xa kunqulwa.

Funda ezi vesi zeBhayibhile:—Mateyu 13:53-56; Marko 3:31-35; Luka 11:27, 28

INYANISO:

UMariya wayengumama wonyana kaThixo kungekhona uThixo ngenkqu. Intsomi yoThixo oneziqu ezithathu yabangela ukuba kunqulwe uMariya kusithiwa nguMama kaThixo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share