IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 11/1 iphe. 20-23
  • Ngaba Kufuneka Ufunde IsiHebhere nesiGrike?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Kufuneka Ufunde IsiHebhere nesiGrike?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Izinto Ekufuneka Uzikhumbule
  • Lithetha Ukuthini Eli Gama?
  • Ngaba Kuphosakele Ukusebenzisa Inguqulelo?
  • UYehova, UThixo Wonxibelelwano
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Eyona Nto Ibalaseleyo Kubathandi Belizwi LikaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Isifundo 8—Iingenelo Ze- “New World Translation”
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • INew World Translation
    Ukuqiqa NgeZibhalo
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 11/1 iphe. 20-23

Ngaba Kufuneka Ufunde IsiHebhere nesiGrike?

EKUQALENI, inkoliso yeBhayibhile yayibhalwe ngeelwimi ezimbini, isiHebhere nesiGrike.a Abantu abayibhala ngezo lwimi babekhokelwa ngumoya oyingcwele kaThixo. (2 Samuweli 23:2) Ngoko ke, kunokuthiwa isigidimi sabo “siphefumlelwe nguThixo.”—2 Timoti 3:16, 17.

Noko ke, uninzi lwabantu abafunda iBhayibhile namhlanje abasazi isiHebhere nesiGrike. Kunoko basebenzisa inguqulelo yeBhayibhile ebhalwe ngolwimi lwabo. Mhlawumbi kunjalo nakuwe. Ekubeni ezi nguqulelo zingatsho ukuba ziphefumlelwe, kusenokuba wakha wazibuza ukuba, ‘Ngaba ndinako ukusiqonda isigidimi seBhayibhile xa ndisifunda kwiBhayibhile eguqulelweyo okanye ngaba kufuneka ndizame ukufunda isiHebhere nesiGrike?’

Izinto Ekufuneka Uzikhumbule

Ngaphambi kokuba uphendule lo mbuzo ungasentla kukho izinto ekufuneka uzikhumbule. Okokuqala, ukwazi isiHebhere nesiGrike samandulo akumenzi umntu ayiqonde bhetele iBhayibhile. UYesu wathi kumaYuda omhla wakhe: “Niyaziphengulula iZibhalo, ngenxa yokuba nicinga ukuba ngazo niya kuba nobomi obungunaphakade; yaye zona zizo kanye ezinikela ubungqina ngam. Ukanti anifuni kuza kum ukuze nibe nobomi.” (Yohane 5:39, 40) Yayiyintoni ingxaki yawo? Ngaba mhlawumbi ayengasiqondi kakuhle isiHebhere? Akunjalo, ayelwazi kakuhle olo lwimi. Noko ke, uYesu wahlabela mgama wathi: “Ndazi kakuhle ukuba aninalo uthando lukaThixo kuni.”—Yohane 5:42.

Nompostile uPawulos wathi kumaKristu awayethetha isiGrike kwisixeko saseKorinte: “Kuba amaYuda acela imiqondiso namaGrike afuna ubulumko; kodwa thina sishumayela uKristu ebethelelwe, nto leyo esisikhubekiso kumaYuda nebubudenge kwiintlanga.” (1 Korinte 1:22, 23) Kucacile ke ukuba ukuthetha isiHebhere nesiGrike kwakungengondoqo ukuze umntu amkele sisigidimi seLizwi likaThixo.

Okwesibini, nangona bekho namhlanje abantu abathetha isiHebhere nesiGrike, ezo lwimi zahluke kakhulu kwezo zazithethwa ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Abantu abaninzi abathetha isiGrike namhlanje bakufumanisa kunzima ukuqonda isiGrike esibhalwe eBhayibhileni. Le nto ibangelwa kukukhula kolwimi, nokulahlwa kwamanye amagama, yaye amagama amaninzi akudala asasetyenziswayo namhlanje, anenye intsingiselo. Ngokomzekelo, igama eliguqulelwe ngokuthi “emhle” kwiZenzo 7:20 nakumaHebhere 11:23 lithetha “ukuhlekisa” ngesiGrike sale mihla. Kwakhona kuye kwakho utshintsho olukhulu kumgaqo-ntetho nakwindlela ezakhiwa ngayo izivakalisi zolo lwimi.

Nokuba ubunokufunda isiHebhere nesiGrike sale mihla ubungayi kuyiqonda ngokuchanileyo iBhayibhile ngeelwimi eyayibhalwe ngazo ekuqaleni. Bekuza kufuneka ube nesichazi magama neencwadi zomgaqo wolwimi ukuze wazi indlela ezazithethwa ngayo ezo lwimi xa kwakubhalwa iBhayibhile.

Okwesithathu, kunzima ukufunda ulwimi olutsha. Nangona kusenokuba lula ekuqaleni ukufunda amabinzana athile, kusenokuthabatha iminyaka ukuze uluqonde kakuhle olo lwimi. Okwangoku ibonakala iyinyaniso intetho yakudala ethi, Ulwazi oluncinane luyingozi. Njani?

Lithetha Ukuthini Eli Gama?

Ngaba wakha wabuzwa ngumntu ofunda ulwimi lwakho ngentsingiselo yegama elithile? Ukuba kunjalo, wazi kakuhle ukuba akusoloko kulula ukuphendula. Ibangelwa yintoni loo nto? Kaloku igama elinye linokuba neentsingiselo eziliqela. Ngamanye amaxesha ude umcele loo mntu ukuba asebenzise elo gama kwisivakalisi. Xa ungasazi isivakalisi elisetyenziswe kuso, kunokuba nzima ukuqonda eyona ntsingiselo yalo. Ngokomzekelo, umntu unokukubuza intsingiselo yegama lesiXhosa elithi “ulwimi.” Eli gama linokubhekisela kwizinto eziliqela, kuya ngokwesivakalisi elisetyenziswe kuso. Linokubhekisela kwilungu lomzimba, intetho, okanye intlebendwane.

Isichazi magama sinokukuchazela iintsingiselo ezahlukahlukeneyo zegama. Ezinye zide zichaze neentsingiselo ezahlukeneyo zalo. Kodwa sisivakalisi elisetyenziswe kuso esiya kukunceda uqonde eyona ntsingiselo. Ngokomzekelo: Masithi unobuxhofuxhofana bolwazi lwezamayeza yaye awuziva mnandi ibe ufuna ukwazi ukuba ugula yintoni. Usenokuya kwincwadi echaza iintlobo zezigulo neempawu zazo. Isenokukuxelela ukuba amaxesha amaninzi iimpawu onazo zibakho kumntu onesigulo esithile. Masithi ke, iphinda ithi ezo mpawu azisoloko zithetha ukuba umntu uneso sigulo. Bekuya kufuneka ufumane ulwazi oluphangaleleyo ngaphambi kokuba ufikelele kwisigqibo esichanileyo. Ngendlela efanayo, isibakala sokuba igama liba nentsingiselo ethile amaxesha amaninzi asiyi kukunceda nganto ukuba lisetyenziswe kwintsingiselo yesibini. Kufuneka wazi umongo wento ekuthethwa ngayo ngaphambi kokuba uqonde intsingiselo yegama.

Xa ufunda amagama aseBhayibhileni kufuneka wazi nomongo asetyenziswe kuwo. Ngokomzekelo amagama adla ngokuguqulelwa kuthiwe “umoya” adla ngokuba neentsingiselo ezahlukeneyo kuxhomekeke kumongo. Ngamanye amaxesha aguqulelwa ngokuthi “umoya ovuthuzayo.” (Eksodus 10:13; Yohane 3:8) Kwezinye iimeko adla ngokubhekisela kumandla okuphila afumaneka ebantwini nasezilwanyaneni. (Genesis 7:22; INdumiso 104:29; Yakobi 2:26) Izidalwa zasezulwini ezingabonakaliyo nazo kuthiwa ngoomoya. (1 Kumkani 22:21, 22; Mateyu 8:16) Amandla kaThixo asebenzayo nawo abizwa ngokuba ngumoya oyingcwele. (Genesis 1:2; Mateyu 12:28) Kwaeli gama linye likwasetyenziswa ukuchaza amandla enza umntu abe nesimo sengqondo esithile, utyekelo, iimvakalelo okanye indlela eliziphatha ngayo iqela elithile labantu.—Yoshuwa 2:11; Galati 6:18.

Nangona isichazi magama sesiHebhere nesesiGrike sinokudwelisa iintsingiselo ezininzi zegama, ngumongo oya kukunceda ubone eyona ntsingiselo yalo.b Kuba njalo enoba uyifunda iBhayibhile ngeelwimi eyayibhalwe ngazo okanye ngolwimi lwakho.

Ngaba Kuphosakele Ukusebenzisa Inguqulelo?

Abanye baye bazama ukufunda isiHebhere nesiGrike eyayibhalwe ngazo iBhayibhile. Nangona besazi ukuba abanakuqonda yonke into, bayakuthanda ukufunda iBhayibhile ngeelwimi eyayibhalwe ngazo ibe bavakalelwa kukuba imigudu yabo ayilolize. Noko ke, ngaba ufanele uyeke ukufuna inyaniso yeBhayibhile kuba nje ungakwazi ukuziqonda iilwimi eyayibhalwe ngazo? Ungayenzi loo nto, ngenxa yezi zizathu zilandelayo.

Okokuqala, akukho nto iphosakeleyo ngokusebenzisa inguqulelo yeBhayibhile. Nkqu nababhali beZibhalo zamaKristu zesiGrike okanye iTestamente Entsha babedla ngokucaphula inguqulelo yesiGrike yeZibhalo zesiHebhere.c (INdumiso 40:6; Hebhere 10:5, 6) Nangona babethetha isiHebhere yaye kunokwenzeka ukuba babecaphula kwiZibhalo zesiHebhere, babengenangxaki nokusebenzisa inguqulelo ababenayo abantu abaninzi ababebabhalela.—Genesis 12:3; Galati 3:8.

Okwesibini, enoba umntu angaziqonda iilwimi eyayibhalwe ngazo iBhayibhile, unokufunda kuphela amazwi kaYesu aguqulelweyo. Oku kungenxa yokuba ababhali beVangeli bazibhala ngesiGrike izinto awayezithethe ngesiHebhere uYesu.d Nabani na ovakalelwa kukuba ukwazi ukufunda amazwi abakhonzi bakaYehova bamandulo ngeelwimi zamandulo kumenza abe nobulumko obukhethekileyo ufanele ayicingisise loo nto. Isibakala sokuba uYehova waphefumlela ukuba kugcinwe kuphela inguqulelo yamazwi oyena Mkhonzi ubalaseleyo—ngolwimi olwaluqondwa ngokubanzi ngelo xesha—sibonisa ukuba alubalulekanga ulwimi esiyifunda ngalo iBhayibhile. Into ebalulekileyo kukufunda isigidimi sayo esiphefumlelweyo ngolwimi esilwaziyo.

Okwesithathu, “iindaba ezilungileyo” eziseBhayibhileni zaziza kwenziwa zifumaneke kubantu abathobekileyo bazo “zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu.” (ISityhilelo 14:6; Luka 10:21; 1 Korinte 1:27-29) Ngokuvisisana noku, uninzi lwabantu namhlanje luyifunda kwiBhayibhile yolwimi lwabo injongo kaThixo yaye akuyomfuneko ukuba lufunde olunye ulwimi. Iilwimi ezininzi zineenguqulelo ezahlukeneyo, nto leyo ebenza abafundi bakwazi ukukhetha.e

Ungenza njani ukuze uqinisekise ukuba uyayiqonda inyaniso eseBhayibhileni? AmaNgqina kaYehova aye afumanisa ukuba ukufunda iBhayibhile ngokwemixholo, uhlole nomongo, yeyona ndlela isemagqabini yokuqonda isigidimi esiseLizwini likaThixo. Ngokomzekelo, athabatha umxholo othile, ‘njengoMtshato,’ aze akhangele iivesi zeBhayibhile ezithetha ngawo. Ngaloo ndlela, avumela indinyana yeBhayibhile icacise enye indinyana. Kutheni ungaxhakamfuli isifundo seBhayibhile amaNgqina kaYehova asiqhubela bonke abantu simahla? Enoba uthetha luphi ulwimi, uThixo ufuna ukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.”—1 Timoti 2:4; ISityhilelo 7:9.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ezinye iinxalenye zeBhayibhile zazibhalwe ngesiAramiki, ulwimi olufana nesiHebhere ekubhalwe ngaso iBhayibhile. Umzekelo, nguEzra 4:8 ukusa ku-6:18 no-7:12-26; uYeremiya 10:11 noDaniyeli 2:4b ukusa ku-7:28.

b Phawula ukuba ezinye izichazi magama ezicacisa amagama eBhayibhile aziyichazi intsingiselo yegama elithile kunoko zichaza nje indlela eliye laguqulelwa ngayo kwinguqulelo ethile yeBhayibhile njengeKing James Version nezinye.

c Ngemihla kaYesu Kristu nabapostile bakhe, zonke iincwadi zeZibhalo zesiHebhere zazifumaneka ngesiGrike. Le nguqulelo yayibizwa ngokuba yiSeptuagint yaye yayisetyenziswa ngamaYuda awayethetha isiGrike. Inkoliso yamakhulu ezicatshulwa zeZibhalo zesiHebhere ezikwiZibhalo zamaKristu zesiGrike zivela kwiSeptuagint.

d Kucingelwa ukuba umpostile uMateyu wayeyibhale ngesiHebhere incwadi yakhe yeVangeli. Enoba kunjalo ngokwenene, kuye kwagcinwa inguqulelo yesiGrike yaloo ncwadi yaye kusenokwenzeka ukuba yaguqulelwa kwanguye.

e Ukuba ufuna ukufunda ngeendlela ezahlukeneyo zokuguqulela nendlela yokukhetha inguqulelo echanileyo funda inqaku elithi “Unokuyikhetha Njani Inguqulelo YeBhayibhile Esemgangathweni? kwiMboniselo kaMeyi 1, 2008.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 22]

ISeptuagint

AmaYuda athetha isiGrike omhla kaYesu nabapostile bakhe ayesebenzisa iSeptuagint yesiGrike. Le yinguqulelo yesiGrike yeZibhalo zesiHebhere. ISeptuagint ayidumanga kuba nje yayiyinguqulelo yokuqala yeZibhalo Ezingcwele kodwa ikwabalasele ngenxa yobukhulu bomsebenzi owenziwayo. Iqela labaguquleli laqalisa ukuguqulela iSeptuagint ngenkulungwane yesithathu Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo, yaza yagqityezelwa emva kweminyaka elikhulu.

AmaKristu enkulungwane yokuqala ayisebenzisa kakuhle iSeptuagint ukungqina ukuba uYesu wayenguKristu, uMesiya othenjisiweyo. Kangangendlela awayeyisebenzisa ngayo abanye abantu bade bathi iSeptuagint yayiyinguqulelo “yamaKristu.” Loo nto yayenza ayathandwa ngamaYuda, nto leyo eyabangela ukuba kwenziwe ezinye iinguqulelo zesiGrike. Enye yazo yaguqulelwa ngenkulungwane yesibini yeXesha Eliqhelekileyo nguAquila owayeguqukele ebuYudeni. Omnye umphengululi weBhayibhile uthi kule nguqulelo kukho “into ebekungalindelekanga ukuba ibe kho.” Igama likaThixo elinguYehova elimelwa ngonobumba abane besiHebhere samandulo, livela kuyo yonke inguqulelo yesiGrike ka-Aquila.

[Inkcazelo]

Israel Antiquities Authority

[Imifanekiso ekwiphepha 23]

Kubalulekile ukuba isigidimi seBhayibhile esiphefumlelweyo sisifunde ngolwimi esilwaziyo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share