Ngaba Ubusazi?
Lwalunjani ubalo lwabantu olwabangela ukuba uYesu azalelwe eBhetelehem?
Ngokutsho kweVangeli kaLuka, xa uAgasto Kesare wayalela ukuba kubalwe abantu kubo bonke ubukhosi baseRoma, “bonke abantu bahamba besiya kubhaliswa, ngamnye kwisixeko sakowabo.” (Luka 2:1-3) UYosefu uyise kaYesu wayengowaseBhetelehem, uhambo lwakhe noMariya lokuya eBhetelehem lwabangela ukuba uYesu azalelwe khona. Oku kubhaliswa kwabantu kwakusenza urhulumente akwazi ukuqokelela irhafu aze agaye nomkhosi.
Ukubalwa kwabantu kwakusenziwa eYiputa kwakude kudala ngaphambi kokuba amaRoma ayoyise ngowama-30 B.C.E. Abaphengululi bakholelwa ukuba amaRoma ayikopa kumaYiputa le nkqubo yokubalwa kwabantu aze ayisebenzisa kuwo wonke ummandla awayewulawula.
Ubungqina bale nto sibubona kumyalelo werhuluneli yaseRoma eyayilawula iYiputa ngowe-104 C.E. Umbhalo walo myalelo, ngoku ogcinwe kwiThala leencwadi laseBritani, uthi: “UGaius Vibius Maximus, iRhuluneli yaseYiputa (uthi): Ekubeni lifikile ixesha lokuba kubalwe abantu, kufuneka bonke abantu abangahlali kwimimandla yabo ngaso nasiphi na isizathu ukuba babuyele kumakhaya abo, ukuze bakwazi ukubalwa nokuze bakwazi ukulima amasimi abo.”
Kwakutheni ukuze uYosefu acinge ngokunika uMariya isiqinisekiso sokuqhawula umtshato ekubeni babesaganene nje kuphela?
Ngokutsho kweVangeli kaMateyu, uYosefu wafumanisa ukuba uMariya ukhulelwe ngoxa ‘wayethembisene ngomtshato naye.’ Ekubeni wayengazi ukuba uMariya wenziwe nzima ‘ngumoya oyingcwele,’ umele ukuba uYosefu wayecinga ukuba uye akathembeka kuye, ngenxa yaloo nto wayefuna ukumala.—Mateyu 1:18-20.
Ngokwesithethe samaYuda abantu abaganeneyo babejongwa njengabasele betshatile. Kodwa ke, babengahlali kunye njengendoda nomfazi de batshate ngokusemthethweni. Ukuganana kwakujongwa njengento ebaluleke kakhulu kangangokuba—ukuba umyeni wayetshintsha ingqondo okanye awurhoxise umtshato—ngenxa yesizathu esithile esivakalayo, intombi yayingavumelekanga ukuba itshate de ifumane incwadi yokwaliwa. Ukuba indoda iye yafa ngaphambi kokuba batshate, intombi leyo yayijongwa njengomhlolokazi. Kwelinye icala ukuba iye yaziphatha kakubi ngoxa besaganile, yayijongwa njengomkrexezikazi ize igwetyelwe ukufa.—Duteronomi 22:23, 24.
Kucacile ukuba uYosefu wacinga ngento eyayiza kwenzeka kuMariya ukuba wayenokumala ekuhleni. Nangona wayevakalelwa kukuba lento wayefanele ayizise kwabasemagunyeni, wayefuna ukumkhusela yaye engafuni ukumhlazisa. Ngenxa yezo zizathu wagqiba ekubeni amale ngasese. Isiqinisekiso soqhawulo-mtshato sasiza kubonisa ukuba loo mfazi wayekhe watshata.
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Umyalelo wokubalwa kwabantu owakhutshwa yirhuluneli yaseRoma Eyiputa, Ngowe-104 C.E.
[Inkcazelo]
© The British Library Board, all rights reserved (P.904)