Ulawulo LukaSathana Luza Kutshitsha
“Akuyi kuba kuhle konke konke kongendawo.”—INTSHU. 8:13.
1. Kutheni kusithuthuzela ukwazi ukuba abangendawo baza kugwetywa?
KUNGEKUDALA, bonke abantu abangendawo baza kugwetywa. Kuza kufuneka baphendule ngezenzo zabo. (IMize. 5:22; INtshu. 8:12, 13) Oku kuyathuthuzela, ingakumbi kwabo bathanda ubulungisa nabaye baphathwa ngokungekho sikweni ngabantu abangendawo. Oyena uphambili kwaba baza kuphendula ngezenzo zabo, nguyise wobungendawo, uSathana uMtyholi.—Yoh. 8:44.
2. Kutheni kwakufuneka kudlule ixesha ngaphambi kokuba kuzinziswe imbambano yase-Eden?
2 Ngenxa yokuzingca, uSathana wabangela ukuba abantu ababese-Eden bachase ulawulo lukaYehova. Ngenxa yoko, abazali bethu bokuqala, njengoSathana bacel’ umngeni ilungelo likaYehova lokulawula baza baba ngaboni. (Roma 5:12-14) Kakade ke, uYehova wayekwazi oko kwakuya kwenzeka emva kokuba bevukele. Noko ke, kwakufuneka nezinye izidalwa ziyibone imiphumo yokuvukela. Ngenxa yoko, kwakuza kudlula ixesha elide ngaphambi kokuba loo mbambano izinziswe nokuze kubonakale ukuba abo bavukeli babenze into ephosakeleyo.
3. Sibajonga njani oorhulumente abangabantu?
3 Kuba abantu bachasa ulawulo lukaYehova, kwafuneka bazenzele oorhulumente babo. Xa umpostile uPawulos wayebhalela amanye amakholwa aseRoma wabiza oorhulumente babantu ngokuba ‘ngamagunya awongamileyo.’ Ngexesha likaPawulos, igunya elongamileyo yayingurhulumente waseRoma owayekhokelwa nguMlawuli uNero, owayelawula ukususela ngowama-54-68 C.E. UPawulos wathi loo magunya ongamileyo “abekwe nguThixo kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo.” (Funda eyabaseRoma 13:1, 2.) Ngaba uPawulos wayethetha ukuthi ulawulo lwabantu lungaphezu kolawulo lukaThixo? Akunjalo. Kunoko, wayethetha ukuthi lo gama nje uYehova esavumele ulawulo lwabantu, amaKristu afanele ahlonele ‘ilungiselelo likaThixo.’
Indlela Ekhokelela Kwintlekele
4. Chaza isizathu sokuba ulawulo lwabantu lungenakuphumelela.
4 Kodwa ke ulawulo lwabantu oluphenjelelwa nguSathana alunakuphumelela. Ngoba? Ngenxa yokuba, alusekelwanga kubulumko bukaThixo. NguYehova kuphela onobulumko obugqibeleleyo. Ngenxa yoko, nguye kuphela onokubonisa abantu indlela ephumelelayo yokulawula. (Yer. 8:9; Roma 16:27) Ngokungafaniyo nabantu abafunda ngokubetheka, uYehova usoloko elazi elona khondo lobulumko. Nawuphi na urhulumente ongakhokelwa nguye akanakuphumelela. Ngenxa yeso sizathu—nangaphandle kokuba lusekelwe kwiminqweno engendawo—ulawulo lwabantu abaphenjelelwa nguSathana lwabonakala zisuka nje ukuba aluyi kuphumelela.
5, 6. Yintoni ekunokwenzeka ukuba yabangela uSathana ukuba achase uYehova?
5 Umntu onengqondo akayenzi into ayibonayo ukuba ayizukuphumelela. Ukuba uyayenza loo nto, kubetheka kwayena. Iziganeko ezininzi ziye zabonisa ukuba yinkcitha-xesha ukumelana noMdali onamandla. (Funda iMizekeliso 21:30.) Noko ke, uSathana, ngenxa yokuzingca nekratshi, wavukela uYehova. Ngaloo ndlela, uMtyholi wenza into ekwakucace mhlophe ukuba iya kuphelela kwintlekele yodwa.
6 Isimo sengqondo sokuzikhukhumalisa sikaSathana sabonakala nakumlawuli waseBhabhiloni owaqhayisa wathi: “Ndiya kunyuka ndiye ezulwini. Itrone yam ndiya kuyiphakamisa phezu kweenkwenkwezi zikaThixo, yaye ndiya kuhlala phantsi entabeni yokuhlangana, kweyona mimandla ithe qelele yasemntla. Ndiya kunyukela phezulu kwiindawo eziphakamileyo emafini; ndiya kuzifanisa nOyena Uphakamileyo.” (Isa. 14:13-15) Amaphupha aloo mlawuli aphelela emoyeni, yaye ulawulo lwaseBhabhiloni lwaphela ngendlela elihlazo. Ngokufanayo, uSathana uya kutshatyalaliswa nehlabathi lakhe.
Kutheni Esavunyelwe Ukuba Alawule?
7, 8. Ziziphi iingenelo eziye zabangelwa kukuvumela kukaYehova ubungendawo okwexeshana?
7 Abanye basenokuzibuza isizathu sokuba uYehova engazange athintele abantu ukuba balandele uSathana baze bazenzele olwabo ulawulo ekwakucacile ukuba aluzukuphumelela. Njengoko enguThixo uSomandla, ngokuqinisekileyo wayenokukwenza oko. (Eks. 6:3) Noko ke, akazange akwenze. Ngenxa yobulumko bakhe, waqonda ukuba ukubayeka abantu okwethutyana baqhubeke nemvukelo yabo, kwakuya kuba luncedo kubo. Ekugqibeleni, uYehova wayeya kuthethelelwa njengoMlawuli olungileyo nonothando, yaye abantu abathembekileyo babeya kungenelwa kwesi sigqibo sikaThixo.
8 Ukuba abantu babengazange bavumelane noSathana ekubeni bazilawule, ngebengekho kuyo yonke le ntlungu! Sekunjalo, isigqibo sikaYehova sokuvumela abantu bazilawule okwexeshana siye saba yingenelo. Abantu abalungileyo baye babona ukuba kububulumko ukuphulaphula uThixo nokumthemba. Ukutyhubela iinkulungwane, abantu baye babeka oorhulumente abahlukahlukeneyo, kodwa akukho namnye oye waphumelela. Oko kuye kwaqinisekisa abantu bakaThixo ukuba ulawulo lukaYehova lolona luphumelelayo. Eneneni, ukuvumela kukaYehova ulawulo lukaSathana olungendawo kuye kwabangela ukubandezeleka kwabantu, kuquka abo bakhonza uThixo ngokuthembeka. Kodwa ke, ukuvunyelwa kobungendawo okwethutyana kuye kwazisa nengenelo kwaba banquli bathembekileyo.
Imvukelo Eye Yabangela Ukuba Kuzukiswe UYehova
9, 10. Chaza indlela ulawulo lukaSathana oluye lwabangela ngayo ukuba uYehova azukiswe.
9 Ukuvuma kukaYehova ukuba abantu baphenjelelwe nguSathana nokuba bazilawule akukhange kuyithandabuzise indlela yakhe yokulawula. Kunoko kuye kwenzeka okwahlukileyo! Amazwi kaYeremiya aphefumlelweyo athi abantu abanakukwazi ukuzilawula, aye angqineka eyinyaniso. (Funda uYeremiya 10:23.) Ngapha koko, imvukelo kaSathana iye yabangela ukuba uYehova azibonakalise kakuhle iimpawu zakhe ezintle. Njani?
10 Ngenxa yokuba ulawulo lukaSathana luye lwabangela imiphumo eyintlekele, iimpawu zikaYehova ezigqibeleleyo ziye zabonakala nangakumbi. Ngenxa yoko, abo bamthandayo baye balubona nangakumbi uzuko lwakhe. Nangona oku kusenokuvakala kungenangqiqo, ulawulo lukaSathana luye lwabangela ukuba kuzukiswe uThixo. Luye lwabangela ukuba ibonakale kakuhle indlela ebalaseleyo uYehova aye wakusingatha ngayo ukucelw’ umngeni kolongamo lwakhe. Ukuze sibone umzekelo woku, masihlolisise ezinye zeempawu zikaYehova size sibone nendlela ulawulo lukaSathana olungendawo oluye lwabangela ngayo ukuba uYehova abonakalise ezi mpawu.
11. UYehova uye walubonakalisa njani uthando lwakhe?
11 Uthando. IZibhalo zithi “uThixo uluthando.” (1 Yoh. 4:8) UThixo wabangelwa luthando ukuba adale abantu. Ngaphezulu, indlela eyoyikekayo nemangalisayo esenziwe ngayo ingqina ukuba uThixo uluthando. Ngenxa yothando lwakhe, uYehova wanika abantu nekhaya elihle elinayo yonke into eyayifuneka ukuze bonwabe. (Gen. 1:29-31; 2:8, 9; INdu. 139:14-16) Kodwa emva kokuba kubekho abantu abangendawo phakathi kwentsapho yoluntu, uYehova walubonakalisa ngezinye iindlela uthando lwakhe. Njani? Umpostile uYohane ucaphula amazwi awathethwa nguYesu, athi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yoh. 3:16) Ngaba ikho enye indlela awayenokulubonakalisa ngayo uThixo uthando lwakhe, ngaphandle kokuthumela uNyana wakhe okuphela kozelweyo ukuze akhulule aboni? (Yoh. 15:13) Le ndlela ibalaseleyo yokubonakalisa uthando iye yamisela abantu umzekelo omhle yaza yabanika nethuba lokuba babonakalise uthando lukaThixo lokuzincama, njengokuba noYesu wenzayo.—Yoh. 17:25, 26.
12. UYehova uye wawabonakalisa njani amandla akhe?
12 Amandla. ‘NguThixo onguSomandla’ kuphela onamandla okudala. (ISityhi. 11:17; INdu. 36:9) Umntu xa ezalwa ufana nephepha elimhlophe elingabhalwanga nto. Xa esifa, elo phepha lizaliswe zizigqibo, zizenzo, zizinto aye watyhubela kuzo ebomini neziye zamenza waba luhlobo oluthile lomntu. UYehova uyayigcina le nkcazelo engqondweni yakhe. Ngexesha elifanelekileyo, uYehova unokumvusa kwakhona loo mntu enjengoko wayenjalo aze aphinde aphile kwakhona. (Yoh. 5:28, 29) Ngaloo ndlela, nangona ukufa kwakungeyonjongo kaThixo, kuye kwanika uYehova ithuba lokubonisa ukuba amandla akhe anokuphelisa nokufa. Eneneni, uYehova ‘nguThixo onguSomandla.’
13. Idini likaYesu liye lakubonakalisa njani ukugqibelela kokusesikweni kukaYehova?
13 Okusesikweni. UYehova akaxoki yaye iindlela zakhe zisesikweni. (Dut. 32:4; Tito 1:2) Unemilinganiselo ephakamileyo yenyaniso nokusesikweni kwanaxa kufuneka encame into ethile. (Roma 8:32) Kumele ukuba uYehova waba buhlungu gqitha ukubona uNyana wakhe amthandayo uYesu, esifa kwisibonda sentuthumbo ngokungathi ungumnyelisi! Sekunjalo, ngenxa yokuba uYehova ebathanda abantu abangafezekanga, wayekulungele ukuvumela le nto ibuhlungu ukuba yenzeke ukuze agcine imilinganiselo yakhe yokusesikweni egqibeleleyo. (Funda eyabaseRoma 5:18-21.) Kweli hlabathi lizaliswe kokungekho sikweni, uYehova uye wabonakalisa okusesikweni ngendlela ebalaseleyo.
14, 15. UYehova uye wabubonakalisa njani ubulumko nomonde ngendlela ebalaseleyo?
14 Ubulumko. Kamsinya nje emva kokuba uAdam noEva bonile, uYehova wachaza indlela awayeya kuyilungisa ngayo imiphumo emibi ebangelwe yimvukelo yabo. (Gen. 3:15) Ukulungisa kukaYehova izinto ngokukhawuleza, nokutyhila ngokuqhubekayo iinkcukacha zenjongo yakhe kubakhonzi bakhe, kwabalaselisa ubulumko bakhe. (Rom. 11:33) Ayikho into enokuthintela uThixo ukuba alungise izinto ngokuphumelelayo. Kweli hlabathi lizaliswe kukuziphatha okubi, iimfazwe, ukungabi nangqiqo, ukungathobeli, ukungabi nanceba, ukuba nomkhethe nokuhanahanisa, uYehova uye wabonisa izidalwa zakhe ubulumko bokwenene. Umfundi uYakobi wathi: “Ubulumko obuvela phezulu okokuqala nje bunyulu, bandule ke bube boboxolo, bube nengqiqo, bulungele ukuthobela, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo, abucaluli ngokukhetha ubuso, abunaluhanahaniso.”—Yak. 3:17.
15 Umonde Nokuzeka Kade Umsindo. Iimpawu zikaYehova ezinjengomonde nokuzeka kade umsindo bezingayi kubonakala kakuhle ukuba ebengasebenzisani nabantu abangafezekanga, abanesono nabenza iimpazamo. Ukulungela kukaYehova ukukwenza oko kangangamawaka eminyaka kubonisa ukuba ezi mpawu zintle unazo ngokugqibeleleyo, yaye oko kumele kusenze sibe nombulelo ongazenzisiyo. Wayefanele umpostile uPetros ukuthi sifanele ‘siwugqale umonde weNkosi yethu njengosindiso.’—2 Pet. 3:9, 15.
16. Kutheni kusivuyisa gqitha ukwazi ukuba uYehova ukulungele ukuxolela?
16 Ukulungele Ukuxolela. Sonke singaboni, yaye siyakhubeka izihlandlo ezininzi. (Yak. 3:2; 1 Yoh. 1:8, 9) Sifanele simbulele uYehova kuba ekulungele ukusixolela “ngokukhulu”! (Isa. 55:7) Khawucinge nangoku: Ekubeni sizalelwe esonweni yaye singafezekanga, sivuya gqitha xa uThixo esixolela iziphoso zethu. (INdu. 51:5, 9, 17) Siye simthande ngakumbi uYehova xa sibona indlela axolela ngayo yaye oko kusenza sifune ukuxelisa umzekelo wakhe kwindlela esibaphatha ngayo abanye.—Funda eyabaseKolose 3:13.
Isizathu Sokuba Ihlabathi Libe Sengxakini
17, 18. Indlela kaSathana yokulawula iye yasilela njani?
17 Ukutyhubela iinkulungwane, inkqubo yehlabathi likaSathana iyonke—indlela yakhe yokulawula—iye yasilela ngokuphindaphindiweyo. Ngowe-1991, iphephandaba iThe European lathi: “Ngaba ihlabathi liyagula? Ligula ngokwenene, kodwa . . . oku akubangelwa nguThixo—ihlabathi liguliswa ngabantu abakulo.” Yinyaniso emsulwa leyo! Bephenjelelwa nguSathana, abazali bethu bokuqala bakhetha ulawulo lomntu kunolukaYehova. Ngaloo ndlela baqalisa ulawulo olwalungayi kuphumelela. Intlungu nosizi oluviwa ngabantu ehlabathini lonke lubonisa ukuba ulawulo lomntu luyingxaki.
18 Eyona nto ibalaseleyo kulawulo lukaSathana kukuzingca. Noko ke, uthando olusisiseko solawulo lukaYehova alunakuze loyiswe kukuzingca. Ulawulo lukaSathana alukwazanga ukuzisa inzolo, ulonwabo nonqabiseko. Indlela kaYehova yokulawula iye yangqineka iyeyona iphumelelayo! Ngaba namhlanje sinabo ubungqina boko? Ewe sinabo, njengoko siza kubona kwinqaku elilandelayo.
Yintoni Esiyifundileyo Ngolawulo . . .
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
Indlela kaSathana yokulawula ayikhange ibe luncedo ebantwini
[Inkcazelo]
U.S. Army photo
WHO photo by P. Almasy
[Umfanekiso okwiphepha 26]
UYehova unamandla okoyisa nokufa
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Uthando nokusesikweni kukaYehova kuye kwabonakala kwidini loNyana wakhe