Ukuthethelelwa Kolawulo LukaYehova!
“Oyena Uphakamileyo unguMlawuli ebukumkanini babantu.”—DAN. 4:17.
1, 2. Ziziphi ezinye zezizathu zokusilela kolawulo lwabantu?
ULAWULO lwabantu luye lwasilela! Siqinisekile ngaloo nto. Isizathu esiphambili soko kukuba abantu abanabo ubulumko bokulawula. Ukusilela kolawulo lwabantu kubonakala kakhulu namhlanje kubalawuli ‘abazithandayo, abathanda imali, abazidlayo, abanekratshi, abanganyanisekanga, abangayifuni kwaphela imvisiswano, abanyelisayo, abangenakuzeyisa, abaziindlobongela, abangathandi kulunga, abangcatshi, nabakhukhumele likratshi.’—2 Tim. 3:2-4.
2 Abazali bethu bokuqala baluchasa ulawulo lukaThixo. Kusenokwenzeka ukuba babefuna nje ukuzimela geqe. Kodwa ke eneneni, babethobela ulawulo lukaSathana. Ukuzilawula kwabantu kule minyaka ingamawaka amathandathu idluleyo—okuphenjelelwa ‘ngumlawuli weli hlabathi,’ uSathana—kubangele ukuba sibe kule ngxaki sikuyo namhlanje. (Yoh. 12:31) Xa ithetha ngemeko yehlabathi yanamhlanje, iThe Oxford History of the Twentieth Century ithi “ukufuna ihlabathi eligqibeleleyo,” yinkcitha-xesha. Ithi: “Ngaphandle kokuba ihlabathi elinjalo lingenakufumaneka, iinzame zokulifumana zikhokelela kwintlekele, kubuzwilakhe kwanasemfazweni.” Ibonwa nanguthathatha into yokuba ulawulo lwabantu lusilele!
3. Wayeza kulawula njani uThixo ukuba uAdam noEva babengonanga?
3 Ibuhlungu ngokwenene into yokuba abazali bethu bokuqala bachasa okuphela kolawulo olugqibeleleyo—ulawulo lukaThixo! Kakade ke, asiqiniseki ukuba uYehova wayeza kuwulawula njani umhlaba ukuba uAdam noEva babeqhubeke bethembekile kuye. Noko ke, siqinisekile ukuba ulawulo lwakhe olunothando nolungenamkhethe, lwaluza kwamkeleka kubantu bonke. (IZe. 10:34; 1 Yoh. 4:8) Ubulumko bukaThixo obungenakulinganiswa nanto busenza siqiniseke ukuba, ukuba abantu babeqhubeke belawulwa nguYehova, zonke iingxaki ezibangelwa lulawulo lwabantu zazingayi kubakho. Ulawulo lukaThixo lwaluya ‘kwanelisa umnqweno wayo yonke into ephilayo.’ (INdu. 145:16) Ngamafutshane, olu lawulo lwaluza kuba lolugqibeleleyo. (Dut. 32:4) Ilusizi ngokwenene into yokuba baluchase olo lawulo!
4. USathana uvunyelwe ukulawula ukusa kuwuphi umkhamo?
4 Sekunjalo, simele sikhumbule ukuba nangona uYehova wavumela abantu ukuba bazilawule, akazange anikezele ngelungelo lakhe lokulawula izidalwa zakhe. Kwanokumkani waseBhabhiloni onamandla kwafuneka evumile ukuba “Oyena Uphakamileyo unguMlawuli ebukumkanini babantu.” (Dan. 4:17) Ekugqibeleni, uThixo uya kusebenzisa uBukumkani bakhe ukuze aqinisekise ukuba kwenziwa ukuthanda kwakhe. (Mat. 6:10) Eneneni, okwethutyana uYehova uvumele uSathana ukuba abe ‘nguthixo wale nkqubo yezinto’ ukuze akwazi ukuphendula imbambano eyaphakanyiswa ngulo mchasi. (2 Kor. 4:4; 1 Yoh. 5:19) Nakuba kunjalo, uSathana akakhange akwazi ukwenza izinto ezingaphaya koko kuvunyelwa nguYehova. (2 Kron. 20:6; thelekisa uYobhi 1:11, 12; 2:3-6.) Basoloko bekho abantu abakhetha ulawulo lukaThixo, nangona bephila kwihlabathi elilawulwa luTshaba olukhulu lukaThixo.
Ukulawulwa KukaSirayeli NguThixo
5. Sisiphi isithembiso esenziwa nguSirayeli kuThixo?
5 Ukususela ngexesha lika-Abheli ukusa kwixesha loosolusapho, baninzi abantu abathembekileyo ababenqula uYehova bethobela nemiyalelo yakhe. (Heb. 11:4-22) Ngexesha likaMoses uYehova wenza umnqophiso nenzala kasolusapho uYakobi yaye kamva le nzala yaba luhlanga lwakwaSirayeli. Ngowe-1513 B.C.E., amaSirayeli athembisa ukuba wona nenzala yawo aya kumamkela uYehova njengoMlawuli wawo, aza athi: “Konke akuthethileyo uYehova sikulungele ukukwenza.”—Eks. 19:8.
6, 7. Kwakunjani kwaSirayeli xa kwakulawula uThixo?
6 UYehova wayenenjongo ngokukhetha amaSirayeli ukuba abe ngabantu bakhe. (Funda iDuteronomi 7:7, 8.) Loo njongo yayingekokuba kungenelwe nje amaSirayeli kuphela. Enye into ebalulekileyo eyayibandakanyekile ligama likaThixo nolongamo lwakhe. AmaSirayeli ayeza kungqinela uYehova ukuba nguye kuphela uThixo oyinyaniso. (Isa. 43:10; 44:6-8) Ngeso sizathu uYehova wathi kolo hlanga: “Usisizwana esingcwele kuYehova uThixo wakho, yaye uYehova unyule wena ukuba ube sisizwana sakhe, ube yinqobo kuye, kwizizwana zonke eziphezu komhlaba.”—Dut. 14:2.
7 Xa uThixo wayelawula amaSirayeli, wayesazi ukuba akafezekanga. Kwangaxeshanye, imithetho yakhe yayigqibelele kwaye yayityhila iimpawu zakhe njengoMniki wayo. Imithetho kaYehova eyadluliselwa ngoMoses yayibalaselisa ubungcwele bukaThixo, ukuthanda kwakhe okusesikweni, ukulungela kwakhe ukuxolela nomonde. Kamva ngexesha likaYoshuwa nesizukulwana sakhe, olu hlanga lwaluyithobela imiyalelo kaYehova yaye ngenxa yoko lwaba seluxolweni lwaza lwasikelelwa ngokomoya. (Yosh. 24:21, 22, 31) Imbali kaSirayeli yelo xesha yabonisa ukuba indlela kaYehova yokulawula iyaphumelela.
Ulawulo Lwabantu Lubangela Iingxaki
8, 9. Sisiphi isicelo esenziwa ngamaSirayeli yaye waba yintoni umphumo?
8 Noko ke, ekuhambeni kwexesha amaSirayeli amshiya uThixo yaye wayeka ukuwakhusela. Ekugqibeleni amaSirayeli axelela umprofeti uSamuweli ukuba afuna ukumkani ongumntu. UYehova waxelela uSamuweli ukuba makawanike oko akucelayo. Noko ke, uYehova wongezelela wathi: ‘Asinguwe abamgatyayo, kodwa bagatye mna ukuba ndingabi ngukumkani phezu kwabo.’ (1 Sam. 8:7) Nangona uYehova wavumela amaSirayeli ukuba abe nokumkani ongumntu, wawaxelela ukuba ulawulo lomntu luza kubangela iingxaki.—Funda eyoku-1 kaSamuweli 8:9-18.
9 Ekuhambeni kwexesha, loo nto wayewalumkise ngayo uYehova yenzeka ngokwenene. Ulawulo lookumkani abangabantu lwalubangela ukuba amaSirayeli angene ezingxakini ezinzulu ingakumbi xa ukumkani lowo engathembekanga. Xa sicinga ngalo mzekelo wamaSirayeli, siyasiqonda isizathu sokuba bonke oorhulumente babantu nabangamaziyo uYehova bangaphumeleli. Liyinyaniso elokuba, ezinye iinkokeli zezopolitiko ziye zicele uThixo ukuba azisikelele kwimizamo yazo yokufuna uxolo nonqabiseko, kodwa ngaba uThixo angabasikelela abantu abangaluthobeliyo ulawulo lwakhe?—INdu. 2:10-12.
Uhlanga Olutsha Olulawulwa NguThixo
10. Kwakutheni ukuze uSirayeli alahlwe nguThixo?
10 Uhlanga lwakwaSirayeli lwalungazimiselanga ukukhonza uYehova ngokuthembeka. Ekugqibeleni lwachasa uMesiya owayemiselwe nguThixo yaye uYehova wawalahla waza wanyula uhlanga olutsha. Ngenxa yoko ngowama-33 C.E. kwasekwa ibandla lamaKristu labanquli bakaYehova abathanjisiweyo. Elo bandla laba luhlanga olutsha olulawulwa nguYehova. UPawulos walubiza ngokuba ‘nguSirayeli kaThixo.’—Gal. 6:16.
11, 12. Lufana ngantoni ukhokelo lukaSirayeli wamandulo ‘nolukaSirayeli kaThixo’?
11 Kukho izinto olwahluke ngazo nezinto olufana ngazo uhlanga lukaSirayeli wamandulo ‘noSirayeli kaThixo.’ Ngokwahlukileyo kuSirayeli wamandulo, ibandla lamaKristu alinamlawuli ongumntu yaye akukho mfuneko yokuba lenze imibingelelo yezilwanyana ngenxa yaboni. Into olufana ngayo uhlanga lwakwaSirayeli nebandla lamaKristu lilungiselelo lamadoda amakhulu okanye abadala. (Eks. 19:3-8) Abadala abangamaKristu abawulawuli umhlambi. Kunoko balusa ibandla baze bakhokele ekwenzeni imisebenzi yamaKristu. Bawaphatha ngothando, ngembeko nangesidima onke amalungu ebandla.—2 Kor. 1:24; 1 Pet. 5:2, 3.
12 Xa ecamngca ngendlela uThixo awayewaphethe ngayo amaSirayeli, amalungu ‘oSirayeli kaThixo’ namaqabane awo ‘ezinye izimvu’ ayixabisa kakhulu indlela alawula ngayo uYehova. (Yoh. 10:16) Ngokomzekelo izinto ezenzeka kwaSirayeli ngaphambili zibonisa ukuba abalawuli balapho babesiba nempembelelo entle okanye embi ebantwini. Oku kubonisa ukuba, abo bakhokelayo kwibandla lamaKristu, nangona bengengobalawuli njengookumkani bamandulo, bamele bamisele umzekelo omhle wokholo ngalo lonke ixesha.—Heb. 13:7.
Indlela UYehova Alawula Ngayo Namhlanje
13. Yintoni ebalulekileyo eyenzeka ngowe-1914?
13 Namhlanje amaKristu ashumayela ehlabathini lonke echaza ukuba ulawulo lwabantu sele luza kuphela. Ngowe-1914, uYehova wamisela uBukumkani bakhe noKumkani onguYesu Kristu, emazulwini. Ngelo xesha wanika uYesu igunya lokuba ahambe “esoyisa nokuze akuphelelise ukoyisa kwakhe.” (ISityhi. 6:2) Kwathiwa kulo Kumkani usandul’ ukumiselwa: “Hamba usoyisa phakathi kweentshaba zakho.” (INdu. 110:2) Okubuhlungu kukuba, ezi ntlanga azifuni kuzithoba kulawulo lukaYehova. Zenza ngathi “akakho uYehova.”—INdu. 14:1.
14, 15. (a) UBukumkani bukaThixo bulawula njani namhlanje yaye yiyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona? (b) Ulawulo lukaThixo lubonakala njani namhlanje ukuba lolona luphumelelayo?
14 Asekho amalungu athanjisiweyo asaseleyo ‘kaSirayeli kaThixo,’ yaye aba bazalwana bakaYesu ‘bangoonozakuzaku abasendaweni kaKristu.’ (2 Kor. 5:20) Amiselwe njengodidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi ukuze alungiselele ukutya kokomoya kwabathanjisiweyo nesihlwele esikhulu samaKristu, afikelela kwizigidi anethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. (Mat. 24:45-47; ISityhi. 7:9-15) UYehova uyalisikelela eli lungiselelo kuba abantu abamnqula ngenyaniso bayaphumelela ngokomoya.
15 Sifanele sizibuze: ‘Ngaba ndiyaziqonda zonke iimbopheleleko endinazo kwibandla lamaKristu? Ngaba ndiyaluxhasa ulawulo lukaYehova? Ngaba ndinebhongo lokulawulwa buBukumkani bukaYehova? Ngaba ndizimisele ukuqhubeka ndixelela abanye ngoBukumkani bukaThixo kangangoko kusemandleni am?’ Njengeqela, sithobela ulwalathiso esilufumana kwiQumrhu Elilawulayo size sisebenzisane nabadala abamiselweyo ebandleni. Ngaloo ndlela, sibonisa ukuba siyalwamkela ulawulo lukaThixo. (Funda amaHebhere 13:17.) Ukuthobela kwethu kubangela ukuba simanyane kweli hlabathi lahluleleneyo. Kubangela uxolo nobulungisa yaye kuzukisa uYehova, nto leyo ebonisa ukuba ulawulo lwakhe lolona luphumelelayo.
Ulawulo LukaYehova Luyoyisa
16. Sisiphi isigqibo esimele sonke sisenze namhlanje?
16 Alifikanga ligalelekile ixesha lokuconjululwa kwembambano eyaphakanyiswa e-Eden. Ngenxa yoko, eli lixesha lokuba wonk’ umntu enze isigqibo. Mntu ngamnye umele enze isigqibo sokuba uyalwamkela kusini na ulawulo lukaYehova okanye ufuna ukubambelela kulawulo lwabantu. Sinelungelo lokunceda abantu abalulamileyo ukuba benze isigqibo esifanelekileyo. Kungekudala, emva kweArmagedon, oorhulumente babantu abaphenjelelwa nguSathana baya kuthatyathelw’ indawo lulawulo lukaYehova ngonaphakade. (Dan. 2:44; ISityhi. 16:16) Ulawulo lwabantu luza kuphela yaye uBukumkani bukaThixo buya kulawula ngokupheleleyo emhlabeni wonke. Ulawulo lukaYehova luya kuthethelelwa ngokupheleleyo.—Funda iSityhilelo 21:3-5.
17. Ziziphi izinto ezinokunceda abantu abalulamileyo bakhethe ulawulo olufanelekileyo?
17 Abo bangekasenzi isigqibo sokuxhasa ulawulo lukaYehova, bafanele bacingisise ngeengenelo eziziswa lulawulo lukaThixo ebantwini. Oorhulumente babantu abakwazanga ukucombulula iingxaki zolwaphulo-mthetho nobunqolobi. Ulawulo lukaThixo luya kuphelisa bonke ubungendawo emhlabeni. (INdu. 37:1, 2, 9) Kulawulo lwabantu kugquba iimfazwe kodwa ulawulo lukaThixo luya ‘kuphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba.’ (INdu. 46:9) Kaloku, ulawulo lukaThixo luya kubangela ukuba kubekho uxolo phakathi kwabantu nezilwanyana! (Isa. 11:6-9) Phantsi kolawulo lwabantu, abantu bathwaxwa bubuhlwempu nendlala, kodwa phantsi kolawulo lukaThixo kuya kuphela konke oko. (Isa. 65:21) Kwanoorhulumente babantu abanqwenela ukwenza okuhle, abakwazanga ukuphelisa ukugula nokufa, kodwa phantsi kolawulo lukaThixo, abalupheleyo nabagulayo baya kuvuya xa bebuyela kumandla obutsha babo. (Yobhi 33:25; Isa. 35:5, 6) Eneneni, umhlaba uya kuba yiparadesi yaye abantu abafileyo baya kuvuswa.—Luka 23:43; IZe. 24:15.
18. Sinokubonisa njani ukuba sikholelwa ngokwenene ukuba ulawulo lukaThixo lolona luphumelelayo?
18 Enyanisweni, ulawulo lukaThixo luya kususa wonke umonakalo owabangelwa nguSathana xa walukuhla abazali bethu bokuqala ukuba bashiye uMdali wabo. USathana ebesenza umonakalo kangangeminyaka engama-6 000, kodwa uThixo, esebenzisa uKristu uya kuwuphelisa wonke loo monakalo ngeminyaka nje eli-1 000! Kwanoku kungqina ukongama kolawulo lukaThixo! NjengamaNgqina kaThixo wethu, siyamthobela njengoMlawuli wethu. Ngoko, masibonise suku ngalunye, enyanisweni yure nganye ukuba singabanquli bakaYehova, abalawulwa buBukumkani bakhe nokuba sinebhongo ngokuba ngamaNgqina akhe. Masisebenzise naliphi na ithuba esilifumanayo ukuze sixelele nabani na osiphulaphulayo ukuba ulawulo lukaYehova lolona luphumelelayo.
Sifunde Ntoni Ngolawulo LukaThixo . . .
• Kweyoku-1 kaSamuweli 8:9-18?
[Imifanekiso ekwiphepha 29]
UYehova ebesoloko elawula
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Ukuzithoba kulawulo lukaYehova kusenza simanyane ehlabathini lonke