Oko Sikufunda KuYesu
Ngonqulo Lokwenyaniso
Ngaba uThixo wamkela zonke iinkonzo?
▪ UYesu wayebasizela abantu ababelahlekiswe ziinkonzo zobuxoki. Walumkisa ‘ngabaprofeti bobuxoki abeza . . . ngezambatho zeegusha, kodwa ngaphakathi beziingcuka eziqwengayo.’ (Mateyu 7:15) Ngaba uye waphawula ukuba abanye abantu basebenzisa unqulo ukuze baphathe kakubi abanye?
Xa wayethandaza kuThixo uYesu wathi: “Ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yohane 17:17) Ngoko uThixo akalwamkeli unqulo olungavisisaniyo nenyaniso eseBhayibhileni. Ngenxa yoko, uYesu wathi uThixo wayebhekisa kwezo nkokeli zonqulo ezazihanahanisa xa wathi: “Sindinqulela ilize, kuba sifundisa iimfundiso eziyimiyalelo yabantu.”—Mateyu 15:9.
Ngaba lukho unqulo lokwenene?
▪ Xa uYesu wadibana nomfazi womSamariya owayelahlekiswe lunqulo lobuxoki, wathi kuye: “Nina ninqula eningakwaziyo; thina sinqula esikwaziyo . . . Abanquli bokwenyaniso baya kumnqula uBawo ngomoya nenyaniso, kuba, eneneni, uBawo ufuna abanjalo ukumnqula.” (Yohane 4:22, 23) Kucacile ke ngoko ukuba lukho unqulo lokwenyaniso.
UYesu wathi: “Andenzi nto ngokwam; kodwa ndizithetha ezi zinto kanye njengoko uBawo wandifundisayo.” Ngoko uYesu wayesazi ukuba yayilunqulo awayelufundisa kuphela olwaluyinyaniso. (Yohane 8:28) Ngenxa yoko wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” (Yohane 14:6) Ekubeni abanquli bokwenyaniso besondela ngomntu omnye kuBawo, bamele bamanyane kunqulo olunye lokwenyaniso.
Unokubabona Njani Abanquli Bokwenene?
▪ UmKristu ngumntu olandela uYesu Kristu. Khawuqwalasele izinto ezine ababonakala ngazo abalandeli bakaYesu.
1. UYesu Kristu wathandaza wathi kuYehova: “Ndilazisile igama lakho.” (Yohane 17:26) AmaKristu okwenyaniso asenza ngaloo ndlela.
2. UYesu washumayela ngoBukumkani bukaYehova waza wathuma abafundi bakhe ukuba nabo baye kushumayela kwindlu ngendlu. Wathi: “Nakusiphi isixeko okanye idolophana eningena kuyo, funisisani ukuba ngubani na ofanelekayo.” Kamva wathi kubalandeli bakhe: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke.” (Mateyu 10:7, 11; 28:19) Unokuwabona lula amaKristu okwenyaniso nanamhlanje kuba kaloku nawo enza lo msebenzi mnye.
3. UYesu wala ukuthabatha icala kwipolitiki. Ngenxa yoko wathi ngabalandeli bakhe: “Abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi.” (Yohane 17:14) Abanquli bokwenyaniso bafanele badume ngokungathabathi cala kwipolitiki.
4. UYesu wayebathanda abanye kangangokuba wayede azincame ngenxa yabo. Wathi: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yohane 13:35) AmaKristu okwenene ayakhathalelana yaye akayi ezimfazweni.
Lungakunceda Njani Unqulo Lokwenene?
▪ Ukuze ube kunqulo lokwenyaniso, kufuneka uqale ufunde ngoYehova. Ukwazi uThixo kunokukwenza uphile ubomi obumnandi kuze kukwenze umthande uThixo. UYehova ubathembisa ubomi obungenasiphelo abo bamthandayo. Ngenxa yoko uYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 15 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 16]
“Baphapheleni abaprofeti bobuxoki abeza kuni ngezambatho zeegusha, kodwa ngaphakathi beziingcuka eziqwengayo.”—Mateyu 7:15.