UYesu Kristu—Indlela Esibaphembelele Ngayo Abantu Isigidimi Sakhe
“Eyona nto esibalasele ngayo esi silumko saseKapernahum kukuba sasikwazi ukuthimba iingqondo neentliziyo zabantu.”aUMBHALI UGREGG EASTERBROOK.
AMAZWI anamandla. Amazwi obulumko akhethwe kakuhle anokufikelela iintliziyo, abangele ithemba aze atshintshe ubomi babantu. Ayikho indoda eyathetha amazwi anamandla njengoYesu Kristu. Omnye umntu owayekho kwiNtshumayelo edumileyo eyenziwa nguYesu eNtabeni wathi: “Akuwagqiba uYesu la mazwi, zathi khamnqa izihlwele yindlela yakhe yokufundisa.”—Mateyu 7:28.
Iimfundiso zikaYesu ezininzi zisadume nanamhla oku. Nantsi imizekelo embalwa yeemfundiso zakhe ezibalaseleyo.
“Aninakukhonza uThixo nobuTyebi.”—Mateyu 6:24.
“Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.”—Mateyu 7:12.
“Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.”—Mateyu 22:21.
“Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZenzo 20:35.
Noko ke, uYesu akazange aphelele ekuthetheni la mazwi angalibalekiyo nje kuphela. Isigidimi sakhe sasinamandla kuba wayethetha inyaniso ngoThixo, efundisa abantu indlela yokufumana ubomi obunenjongo waza wachaza nesona sicombululo sazo zonke iingxaki zabantu—uBukumkani bukaThixo. Njengoko siza kwehl’ amahlongwane esi sigidimi kumanqaku alandelayo, siza kusibona isizathu sokuba uYesu aqhubeke ethimba “iingqondo neentliziyo zabantu.”
[Umbhalo osemazantsi]