IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 4/1 iphe. 5
  • Oko UYesu Wakufundisa Abantu Ngaye

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Oko UYesu Wakufundisa Abantu Ngaye
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngubani UYesu Kristu?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Ngubani UYesu Kristu?
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • UYesu Kristu—Imibuzo Yethu Iyaphendulwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Ngubani UYesu Kristu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 4/1 iphe. 5

Oko UYesu Wakufundisa Abantu Ngaye

“UYesu wayezazi kakuhle apho wayevela khona, isizathu sokuza kwakhe emhlabeni kunye nekamva lakhe.”—UMBHALI UHERBERT LOCKYER.

NGAPHAMBI kokuba sibe nokholo kwizinto ezafundiswa nguYesu kukho nto ithile ekufuneka siyazi kakuhle ngaye. Kanye kanye wayengubani uYesu? Wayevela phi? Yayiyintoni injongo yakhe ebomini? UYesu uyiphendula ngokwakhe le mibuzo kwiincwadi zeVangeli—ekaMateyu, ekaMarko, ekaLuka nekaYohane.

Wayephila ngaphambi kokuba azalwe emhlabeni UYesu wakha wathi: “Ngaphambi kokuba uAbraham abekho, bendikho.” (Yohane 8:58) UAbraham wayephila kwiminyaka engama-2 000 ngaphambi kokuba kuzalwe uYesu. Ukanti uYesu wayephila kwanangaphambi kokuba lizalwe elo nyange. Wayehlala phi? UYesu wathi: ‘Ndihle emazulwini.’—Yohane 6:38.

UNyana kaThixo UYehova unoonyana abaninzi abaziingelosi. Kodwa ke uYesu wahlukile kubo. Wathi yena ‘ungokuphela koNyana ozelwe nguThixo.’ (Yohane 3:18) Eli binzana lithetha ukuba nguYesu kuphela owadalwa nguThixo ngenkqu. UThixo wadala zonke ezinye izinto ngalo Nyana wakhe okuphela kwakhe.—Kolose 1:16.

“UNyana womntu” UYesu walisebenzisa ngaphezu kwakhe nabani na eli binzana xa wayebhekisela kuye. (Mateyu 8:20) Ngoko wakwenza kwacaca ukuba wayengeyongelosi eyambethe umzimba womntu kodwa wayengumntu wokoqobo. UThixo wasebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze afuduse ubomi boNyana wakhe, ebususa ezulwini ebuzisa emhlabeni kwisibeleko sentombi enyulu uMariya. Ngenxa yoko, uYesu wazalwa engumntu ofezekileyo nongenasono.—Mateyu 1:18; Luka 1:35; Yohane 8:46.

UMesiya owayethenjisiwe Omnye umfazi womSamariya wakha wathi kuYesu: “Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza.” Ephendula lo mfazi, uYesu wathi: “Mna lo uthetha nawe ndinguye.” (Yohane 4:25, 26) Igama elithi “Mesiya” nelithi “Kristu” athetha “uMthanjiswa.” UYesu wathanjiswa okanye wamiselwa nguThixo ukuze abe nendima ekhethekileyo ekuzalisekisweni kwezithembiso zikaThixo.

Olona thumo lwakhe UYesu wakha wathi: “Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo... ngenxa yokuba ndithunywe oko.” (Luka 4:43) Nangona wabenzela izinto ezininzi abantu, eyona nto yayiphambili kuye yayikukushumayela ngoBukumkani bukaThixo. Into awayeyifundisa ngoBukumkani kuza kuthethwa ngayo kumanqaku alandelayo.

Kuyacaca ukuba uYesu wayengengomntu nje oqhelekileyo.a Njengoko siza kubona, ubomi awayebuphila ezulwini baba nempembelelo kwizinto awazithethayo xa wayesemhlabeni. Akumangalisi ke ngoko ukuba isigidimi awasifundisayo sibe nempembelelo engaka kwizigidi zabantu emhlabeni.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufunde okungakumbi ngoYesu funda isahluko 4 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share