IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 4/1 iphe. 12-14
  • Iinkolelo Zabantu Nxamnye Nezibakala—Inyaniso NgoYesu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iinkolelo Zabantu Nxamnye Nezibakala—Inyaniso NgoYesu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • UYesu Kristu—Imibuzo Yethu Iyaphendulwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Ngubani UYesu Kristu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Ukwazi “Ingqondo KaKristu”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Ngaba UYesu Wayetshatile? Ngaba Wayenabantwana Bakowabo?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 4/1 iphe. 12-14

Iinkolelo Zabantu Nxamnye Nezibakala—Inyaniso NgoYesu

NGABA EZI ZINTO ZITHETHWA NGEZANTSI ZIYINYANISO OKANYE ZIINKOLELO NJE? YINTONI OYIKHOLELWAYO WENA?

UYesu wazalwa ngoDisemba 25.

Kukho amadoda amathathu azizilumko awatyelela uYesu ekuzalweni kwakhe.

UYesu wayezalwa yedwa.

UYesu wayenguThixo ongumntu

UYesu wayengengomntu nje olungileyo.

ABANINZI bebeya kuthi zonke ezi zinto ziyinyaniso. Abanye basenokuthi kunzima ukuzazi—yaye asinakuqiniseka ngazo. Mhlawumbi bavakalelwa kukuba akubalulekanga ukuzazi lo gama nje ukholelwa kuYesu.

Noko ke, iBhayibhile ithetha into eyahlukileyo. Isikhuthaza ukuba sibe ‘nolwazi oluchanileyo lweNkosi yethu uYesu Kristu.’ (2 Petros 1:8) Olo lwazi silufumana ngokufunda iincwadi zeVangeli. Zisifundisa inyaniso ngoYesu, nto leyo esenza sikwazi ukwahlula inyaniso kwiinkolelo zabantu. Makhe sibone oko kuthethwa ziincwadi zeVangeli ngezi nkolelo zikhankanywe ngasentla.

INKOLELO: UYesu wazalwa ngoDisemba 25.

BUBUXOKI.

IBhayibhile ayisichazeli olona suku nenyanga yokuzalwa kukaYesu. Ukuba kunjalo, ivela phi eyokuba wazalwa ngoDisemba 25? IThe Encyclopædia Britannica ithi, abantu ababesithi bangamaKristu “babefuna ukuba olu suku lungqamane nombhiyozo wamaRoma wobuhedeni . . . wokwahlukana kwehlobo nobusika xa ilanga liqalisa ukutshona kade.” Kwale ncwadi ithi izinto ezininzi ezenziwa ngeKrismesi “zazisenziwa ngabahedeni xa bebhiyozela ukulima nelanga lasebusika.”

Ngaba uYesu ebeya kuvuma ukuba kubhiyozelwe umhla wokuzalwa kwakhe ngoDisemba 25? Ukhumbule ukuba: Awaziwa owona mhla wokuzalwa kukaYesu. Ayikho ivesi yeBhayibhile ethi masibhiyozele ukuzalwa kukaYesu bungekho nobungqina bokuba amaKristu enkulungwane yokuqala ayekwenza oko. Ngokwahlukileyo koko, iBhayibhile iyasichazela owona mhla awafa ngawo uYesu ibe wayalela abalandeli bakhe ukuba bawubhiyozele.a (Luka 22:19) Kucacile ukuba, uYesu wayefuna kukhunjulwe ukubaluleka kokufa kwakhe okulidini kungekhona ukuzalwa kwakhe.—Mateyu 20:28.

INKOLELO: Kukho amadoda amathathu (okanye ookumkani) awatyelela uYesu ekuzalweni kwakhe.

BUBUXOKI.

Mhlawumbi ukhe wawubona umfanekiso wosana olunguYesu lulele emkhumbini, lungqongwe ngamadoda amathathu azizilumko aphethe izipho. Kodwa ke into eboniswa kulo mfanekiso ayizange yenzeke.

Kuyinyaniso ukuba akho amadoda aseMpuma awaya kubona uYesu eselusana. Kodwa ke ayezizazi zeenkwenkwezi. (Mateyu 2:1, IBhayibhile YesiXhosa) Ngaba amfumana uYesu elele emkhumbini? Akunjalo; amfumana sele ehleli endlwini. Kuyacaca ukuba afika emva kweenyanga uYesu ezelwe.—Mateyu 2:9-11.

Ayemangaphi la madoda? IBhayibhile ayisixeleli inani lawo. Mhlawumbi kuthiwa ayemathathu ngenxa yezipho ezithathu awazipha uYesu.b (Mateyu 2:11) Abanye bade bathi la madoda ayemela iintlanga ezintathu ezahlukahlukeneyo. Kodwa ke akukho nto ithethwa ziZibhalo ngalo mba. Kunoko, njengokuba omnye umhlalutyi wencwadi zeVangeli esitsho, le nkolelo yeza “nombhali-mbali othile wenkulungwane yesibhozo.”

INKOLELO: UYesu wayezalwa yedwa.

BUBUXOKI.

Iincwadi zeVangeli zibonisa ngokucacileyo ukuba babekho abanye abantwana abazalwa emva koYesu. IVangeli kaLuka ithi uYesu ‘wayelizibulo’ likaMariya nto leyo ebonisa ukuba uMariya waphinda wazala abanye abantwana.c (Luka 2:7) IVangeli kaMarko ithi abanye abantu baseNazarete babengaboni nto ibalaseleyo kuYesu, besithi ufana nje nabanye abantakwabo noodadewabo. Babuza oku: “UYakobi, uYosefu, uYuda noSimon abangobantakwabo na? Oodadewabo bona, ngaba asihlali nabo kule dolophu?”—Marko 6:3, Contemporary English Version; Mateyu 12:46; Yohane 7:5.

Abafundisi bezakwalizwi abaninzi bathi yayinguYesu kuphela umntwana kaMariya, nangona iincwadi zeVangeli zithetha ngendlela eyahlukileyo. Abanye bathi aba bantwana kuthethwa ngabo babengabazala bakhe.d Bakho ke nabathi aba yayingabantwana abafunyanwa nguYosefu ngaphambi kokuba atshate. Kodwa ke cinga ngale nto: Ukuba yayinguYesu kuphela umntwana kaMariya, ngaba abantu baseNazarete babenokuthetha izinto abazithethayo? Ngokwahlukileyo koko, bamele ukuba bakho abambonayo uMariya ekhulelwe abanye babo bantwana. Babesazi kakuhle ukuba uYesu wayengomnye wabantwana bakaMariya.

INKOLELO: UYesu wayenguThixo ongumntu.

BUBUXOKI.

Kudala abantu bekholelwa ukuba uThixo wakha weza emhlabeni engumntu ekuthiwa nguYesu, nto leyo engundoqo wemfundiso yothixo oneziqu ezithathu—kodwa ke le mfundiso ayizange iqale ngomhla kaYesu. Kunoko, iThe Encyclopædia Britannica ithi: “Igama elithi uthixo oneziqu ezithathu okanye imfundiso enjalo ayikho kwiTestamente Entsha. . . Le mfundiso yavela kwiinkulungwane ezalandelayo nasemva kweempikiswano ezininzi.”

Enyanisweni, iicawa zimthob’ isidima uYesu ngokufundisa ukuba wayenguThixo ongumntu.e Sitsho njani? Nanku umzekelo. Masithi abasebenzi bacela nto ithile kumphathi wabo kodwa ke athi akanalo igunya lokubanika yona. Ukuba lo mphathi unyanisile, oko kubonisa ukuba uyayazi indawo yakhe. Kodwa ke, ukuba unalo elo gunya kodwa akafuni kubanceda, uya kuba ulixoki.

Wathini uYesu kubapostile bakhe ababini ababecela isikhundla esiphezulu? Wathi: “Ukuhlala ngasekunene kwam nangasekhohlo kwam asikokwam ukunikisa ngako, kokwabo kulungiselelwe bona nguBawo.” (Mateyu 20:23) Ukuba uYesu ebenguThixo, ngaba wayengazukuba uyabaxokisa abo bapostile? Kunoko, uYesu wamisela umzekelo wokuthozama ngokuthetha ngothile onegunya ngaphezu kwakhe—yaye wabonisa ukuba wayengalingani noThixo.

INKOLELO: UYesu wayengengomntu nje olungileyo.

YINYANISO.

UYesu walikhupha latsola elokuba wayengeyondoda nje elungileyo. Wathi: “NdinguNyana kaThixo.” (Yohane 10:36) Ewe kona nabani na wayenokuthi unguNyana kaThixo. Kodwa ke ukuba uYesu wayexoka, ibiya kuthetha ntoni ngaye loo nto? Ebeya kuba ulibhedengu kungekhona indoda elungileyo!

Obona bungqina bunokuthenjwa banikelwa nguThixo uqobo. Kabini, wathi ngoYesu: “Lo nguNyana wam.” (Mateyu 3:17; 17:5) Khawufan’ ucinge nje: IZibhalo zithi ilizwi likaThixo leviwa izihlandlo ezimbalwa emhlabeni—kodwa kwezibini zazo wayesithi uYesu unguNyana wakhe! Obu yaba bobona bungqina bungenakuphikiswa bokuba uYesu wayenyanisile xa wayesithi unguNyana kaThixo.

Ngaba zikho izinto obukade ungazazi ngoYesu ekuye kwathethwa ngazo apha? Ukuba kunjalo, kungakuhle ukuba ukhe ufunde iincwadi zeVangeli. Kumnandi ukuzifunda yaye kuyingenelo. Ngapha koko, uYesu wathi ukufunda inyaniso ngaye noYise “kuthetha ubomi obungunaphakade.”—Yohane 17:3.

[Imibhalo esemazantsi]

a UYesu wafa ngoMhla wePasika, okanye ngoNisan 14 ngokwekhalenda yamaYuda.—Mateyu 26:2.

b UMateyu uthi la madoda ‘avula ubuncwane bawo’ aza apha uYesu igolide, intlaka yokuqhumisa kunye nemore. Okubangela umdla kukuba, ezi zipho zexabiso zafika ngexesha elifanelekileyo, kuba kungekudala intsapho yakuloYesu eyayingathathi ntweni kwafuneka isabe.—Mateyu 2:11-15.

c Ngoxa uYesu wakhawulwa ngokungummangaliso, abanye abantwana bakaMariya bakhawulwa ngendlela eqhelekileyo.—Mateyu 1:25.

d Le ngcamango, neyeza noJerome malunga nowama-383 C.E. iyathandwa ngabo bakholelwa ukuba uMariya wahlala eyintombi enyulu ubomi bakhe bonke. Kamva uJerome wabuthandabuza ubunyaniso bento awayithethayo kodwa ke abaninzi kuquka neCawa yamaKatolika, basabambelele ngokuqinileyo kule ngcamango.

e Ukuba ufuna ulwazi olungakumbi ngemfundiso yothixo oneziqu ezithathu, funda incwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 14]

Ezinye Izinto Osenokuba Ubungazazi NgoYesu

Wayengumntu onjani uYesu? Ngaba wayengqwabalala yaye ephakamile, kungekho nto imdibanisa nabantu abaphantsi? Abanye bacinga ukuba wayenjalo. Mhlawumbi yiloo nto ebenza bothuke xa befunda ukuba uYesu . . .

• wayesiya ezimbuthweni zolonwabo.—Yohane 2:1-11.

• wayebancoma abanye.—Marko 14:6-9.

• wayebathanda abantwana.—Marko 10:13, 14.

• wayekhe akhale.—Yohane 11:35.

• wayenovelwano.—Marko 1:40, 41.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share