Uphi UThixo?
NgoSeptemba 11, 2001: ngeye-8:46 kusasa, inqwelo moya eyayithwele abantu yambonzeleka kwisakhiwo iWorld Trade Center eNew York City njengoko abagrogrisi babeqalisa iphulo labo lokuhlasela iMerika. Malunga neyure enesiqingatha emva koko kwasweleka abantu abamalunga nama-3000.
NgoDisemba 26, 2004
ITsunami eyayikulwandlekazi lweIndiya yantlitha amazwe ali-11 kuquka namazwe aseAfrika akumgama weekhilomitha ezimalunga nama-5 000 ukusuka kwindawo eyayiqale kuyo. Ngosuku nje olunye kwafa okanye kwalahleka abantu abali-150 000 baza abangaphezu kwesigidi bashiyeka bengenamakhaya.
NgoAgasti 1, 2009: indoda eneminyaka engama-42 ubudala eyayihamba ngesikhitshane nonyana wayo oneminyaka emihlanu ubudala yatshayisa idokisi. Yona yafa ngoko nangoko. Unyana yena wafa ngemini elandelayo. Esinye sezalamane zabo sathi ngonyana: “Besinethemba lokuba kuza kwenzeka ummangaliso aze aphile.”
Xa ufunda ngokuhlaselwa kwabantu ngabagrogrisi okanye usiva ngeentlekele zemvelo naxa usehlelwa yinto ebuhlungu, ngaba ukhe uzibuze enoba uThixo uyazibona na izinto ezenzekayo? Ngaba uyazibuza enoba usilahlile kusini na? IBhayibhile ineempendulo ezithuthuzelayo zale mibuzo njengoko siza kubona.
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 3]
© Dieter Telemans/Panos Pictures
PRAKASH SINGH/AFP/Getty Images
© Dieter Telemans/Panos Pictures