Abantwana Bayagrogriswa
Igquba labantwana libetha ngezikaTshiwo kwizitrato zomntla weUganda njengoko ilanga lisiya kunina. Bashiya iilali zabo ngaphambi nje ngokuba kuhlwe ukuze bahambe ngeenyawo ukuya kwizixeko ezikhulu njengeGulu, iKitgum neLira. Xa befika apho bathi saa, abanye besiya kwizakhiwo, abanye kwizikhululo zeebhasi, kwiipaki nakumabala avulekileyo. Ngenj’ ixukuxa, benjenjeya ukubuyela emakhaya. Kutheni aba bantwana bephila ubomi obungaqhelekanga?
ABANYE abantu bacinga ukuba basebenza ebusuku. Kodwa lo mlisela nomthinjana awusebenzi. Ushiya amakhaya ngongcwalazi kuba xa kuhlwile kwelo hlathi, amakhaya aba yindawo eyingozi.
Sele kuyiminyaka ephantse ibe ngama-20 imikhosi yabanqolobi ihlasela abantu abahlala kwiindawo ezisemaphandleni yaye bathimba nabantwana. Nyaka ngamnye, abanqolobi bangena kumakhaya abo, baze bathimbe amakhwenkwe namantombazana ababalelwa kumakhulu-khulu yaye banyamalala kuloo ntsunguzi yehlathi. Aba bantwana, bathinjwa kakhulu ebusuku ukuze babe ngamajoni, abathwali beempahla namakhoboka esini kumajoni angabavukeli. Ukuba aba bantwana bayakrikriza ukusebenzisana naba banqolobi, banqunyulwa iimpumlo okanye imilebe. Abo bafunyanwe bezama ukubhungca babulawa ngokumasikizi.
Kukho namanye amaxhoba obugrogrisi. Abantwana abayimilwelwe abakwishumi elivisayo baseSierra Leone, bathinjwa besakhasa ngabanqolobi baza babanqumla izandla neenyawo. Amakhwenkwe namantombazana eAfghanistan ayedlala ngezigcayiseli kuba zazifana namabhabhathane yaye xa kwaqhushumba ezo “zinto zokudlala” ziyimibalabala, bashunquka iminwe baza batyhaphaka namehlo.
Abanye abantwana badibana neembila zithutha ngenye indlela. Ngowe-1995 xa abagrogrisi bahlasela isiXeko saseOklahoma, eUnited States, banqunqel’ egoqweni abantu abanokuba li-168 yaye abali-19 kubo ingabantwana, abanye babo besanuk’ amasi oonina. Ngokungathi likhandlela elicinywa kukubhudla komoya, le bhombu yabucima bathi tu ubomi bezo mveku. Abagrogrisi bahlutha ilungelo lezi mveku lokuba ngabantwana, ukudlala, ukuhleka nokwangiwa ngoonina nooyise.
Ezi ziganeko zenzeka izol’ oku. Kodwa iintlaselo zabagrogrisi kudala zithwaxa uluntu ukutyhubela iinkulungwane, phofu nawe uza kuzivela.
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
UKULUNGELELA UKUFA KOMNTWANA
Ebhala ngobundlobongela obuthwaxa ilizwe akulo, uDavid Grossman ubhala enjenje: “Kule ntsasa unyana wam oneminyaka elishumi elinanye ubudala uyandibuza, ‘Ngaba abagrogrisi sebedlulile?’” Le ndoda yalek’ umsundulu isithi: “Unyana wam wayesoyika.”
Kule minyaka yakutshanje kuye kwafa abantwana abaninzi kwiintlaselo zabagrogrisi kangangokuba abanye abazali balungiselela ukufa kwabantwana babo. UGrossman uthi: “Andinakuze ndiyilibale into endayixelelwa ngabanye abantu abathandanayo. Bathi kungekudala baza kutshata baze babe nabantwana abathathu. Abathathu, hayi ababini. Ukuze ukuba omnye umntwana uyafa, kusale ababini.”
Abazange bayithi tshuphe into abaya kuyenza ukuba kunokufa abantwana ababini okanye bobathathu.a
[Umbhalo osemazantsi]
a Izicatshulwa ezikweli nqaku zivela kwincwadi ethi Death as a Way of Life, ebhalwe nguDavid Grossman.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]
© Sven Torfinn/ Panos Pictures