Ngaba Ubusazi?
Ngaba nyhani iimbovane zilungisa ukutya kwazo ehlotyeni zize zikuqokelele ngexesha lokuvuna?
▪ IMizekeliso 6:6-8 ithi: “Yiya embovaneni, vilandini; ubone iindlela zayo uze ulumke. Nangona ingenamphathi, igosa okanye umlawuli, ilungisa ukutya kwayo ehlotyeni; ibuthe ukutya kwayo ngexesha lokuvuna.”
Iintlobo zeembovane ezininzi ziyakuqokelela ukutya. Kumele ukuba uSolomon wayebhekisela kwiMessor semirufus—eyona mbovane ixhaphakileyo namhlanje kwaSirayeli.
Omnye umthombo uthi “iimbovane eziqokelela ukutya ziyayishiya imingxuma xa imozulu intle zize ziye kufuna ukutya . . . [zize] ziqokelele ukutya xa imozulu ifudumele.” Zisenokuqokelela ukutya kwizityalo okanye emhlabeni. Ezi mbovane zakha izindlu zazo kufutshane namasimi, izisele okanye izanda zokubhula apho zinokufumaneka lula iinkozo.
Endlwaneni iimbovane zikugcina kwiindawo ezahlukahlukeneyo ukutya kwazo. Ezo ndawo zokugcina ukutya zesinokuba ziisentimitha ezili-12 ububanzi ize ibe nye ukuphakama. Kuthiwa xa ezi mbovane ziqokelele ukutya okwaneleyo ziyakwazi ukuphila “ngaphezu kweenyanga ezine zingakhange ziphume ziye kufuna ukutya namanzi.”
Kwakuquka ntoni ukuba ngumngcamli kakumkani?
▪ UNehemiya wayengumngcamli kaKumkani uArtashashta wasePersi. (Nehemiya 1:11) Kumabhotwe oMbindi Mpuma wamandulo, umngcamli kakumkani wayengesosicaka nje esiqhelekileyo. Kunoko, wayeligosa eliphezulu. Iincwadi nemifanekiso yamandulo enabangcamli isenza sifikelele kwizigqibo eziliqela malunga nomsebenzi owawusenziwa nguNehemiya kwibhotwe lasePersi.
Umngcamli wayengcamla iwayini kakumkani ukuze aqiniseke ukuba ayinatyhefu. Ngoko wayesiba yindoda ethenjwa kakhulu ngukumkani. Umphengululi uEdwin M. Yamauchi uthi: “Ukubaluleka kokuba kusebenze abantu ababethembekile kubonakala kumayelenqe awayesenziwa kumabhotwe amaPersi.” Mhlawumbi umngcamli wayeba ligosa elithandwayo ngukumkani nelinempembelelo. Ukuba kufutshane nokumkani imihla ngemihla kwakumenza akwazi ukwenza izigqibo zokuba ngubani owayefanele aye kubonana nokumkani.
Mhlawumbi yiloo nto eyenza ukuba uNehemiya avunyelwe ukuba aye kwakha iindonga zeYerusalem. Ufanele ukuba uNehemiya wayethandwa kakhulu ngukumkani. IThe Anchor Bible Dictionary ithi: “Ekuphela kwento eyabuzwa ngukumkani yayikukuba, ‘Uya kubuya nini na?’”—Nehemiya 2:1-6.
[Umzobo/Umfanekiso okwiphepha 9]
Izipho ezivela kwibhotwe lasePersi ePersepolis
[Umzobo]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Umngcamli
Inkosana uXerxes
UDariyo Omkhulu
[Inkcazelo]
© The Bridgeman Art Library International