Nceda Abantwana Bakho Bakuthande Ukufunda Nokufundisisa
ENYE yezona zinto zibalulekileyo onokuzenzela abantwana bakho ukuze babe nekamva eliqaqambileyo kukubafundisa ukulesa nokufundisisa. Ezi zinto zizisa uvuyo olungathethekiyo! Abanye abantu bathi babekuthanda ukufundelwa amabali ngabazali babo ngoxa babesakhula. Kumnandi ukufunda yaye kunokuba nemiphumo emihle. Kumnandi nangakumbi kubakhonzi bakaThixo, kuba ukufundisisa iBhayibhile kubanceda bakhule ngokomoya. Omnye umzali ongumKristu wathi, “Ezona zinto sizixabisayo sizifumana ngokufunda nokufundisisa.”
Xa abantwana bakho bekuthanda ukufunda banokuba nolwalamano olusondeleyo noThixo. (INdu. 1:1-3, 6) Nangona kunganyanzelekanga ukuba umntu akwazi ukufunda ukuze asindiswe, iBhayibhile ibonisa ukuba ukufunda kunokusizisela iintsikelelo. Ngokomzekelo, iSityhilelo 1:3 sithi: “Unoyolo lowo uwafunda ngokuvakalayo nabo bawevayo amazwi esi siprofeto.” Ngaphezulu, indlela ekubaluleke ngayo ukunikela ingqalelo xa ubani esenza ufundisiso ingqinwa nasisiluleko sikampostile uPawulos esiya kuTimoti, esithi: “Ziphonononge ezi zinto; wendele kuzo.” Ngoba? “Ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale.”—1 Tim. 4:15.
Kakade ke, asisuki nje singenelwe kuba sikwazi ukufunda nokufundisisa. Abantu abaninzi abakwaziyo ukuzenza ezi zinto abazenzi; kunoko baxakeke zizinto ezingabalulekanga kangako. Ngoko, abazali banokubanceda njani abantwana babo balangazelele ukufumana ulwazi oluyingenelo?
Uthando Lwakho Nomzekelo Wakho
Abantwana bayakunandipha ukufundisisa xa bephathwa ngothando. UOwen noClaudia abangamaKristu, bakhumbula oku ngabantwana babo ababini: “Babekhangela phambili ngolangazelelo kwixesha lokufunda kuba eso yayisisihlandlo esikhethekileyo—babeziva bekhuselekile yaye bekhululekile. Babesazi ukuba xa kufundwa kuba mnandi.” Kwanaxa abantwana befika kwiminyaka enzima yeshumi elivisayo, ukuphathwa ngothando ngexesha lesifundo sentsapho kuya kubenza bakuthande ukufunda. Abantwana bakaOwen noClaudia ngoku bangoovulindlela yaye ukufundiswa kwabo ukuthanda ukufunda nokufundisisa kusabanceda nangoku.
Enye into eluncedo kukuba abazali babe ngumzekelo. Abantwana abadla ngokubona abazali babo befunda yaye befundisisa bayakuqhela ukufundisisa. Unokuwumisela njani umzekelo wena njengomzali xa nawe ungakuthandi ukufunda? Kusenokufuneka wenze uhlengahlengiso kwizinto eziza kuqala ebomini bakho utshintshe nesimo sakho sengqondo. (Roma 2:21) Ukuba uyakuthanda ukufunda yonke imihla, oko kuya kubaphembelela abantwana bakho. Ukuba ukukhuthalele ukufunda—ingakumbi ukufunda iBhayibhile, ukulungiselela iintlanganiso nokuqhuba isifundo sentsapho—abantwana bakho baya kubona indlela ezixabiseke ngayo ezi zinto.
Ngenxa yoko, xa ubathanda abantwana bakho uze umisele umzekelo omhle, unokubanceda bathande ukufunda. Kodwa ziziphi izinto onokuzenza eziya kubakhuthaza?
Ukunceda Abantwana Bakho Bakuthande Ukufunda
Ziziphi izinto ezibalulekileyo ezinokunceda abantwana bakho bakuthande ukufunda? Bafunele iincwadi besebancinane. Omnye umdala ongumKristu owakhuthazwa ngabazali bakhe ukuba athande ukufunda uthi: “Abantwana bakho mabakuqhele ukufunda iincwadi. Xa beye baqhela ukufunda iincwadi, baya kuzithanda yaye abayi kufuna ukwahlukana nazo.” Abantwana abaninzi badla ngokuthi bengekakwazi nokufunda, ufike besoloko bephethe enye yeencwadi ezisekelwe eBhayibhileni njengencwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu nethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile. Xa ufunda ezi ncwadi nabantwana bakho, akubenzi bafunde nje ulwimi kodwa ubafundisa ‘nemibandela yokomoya namazwi okomoya.’—1 Kor. 2:13.
Funda nabo ngokuvakalayo ngalo lonke ixesha. Zenzele ucwangciso lokufunda nabantwana bakho suku ngalunye. Xa usenjenjalo ubenza bazi indlela echanileyo yokubiza amagama yaye loo nto iya kubenza bakwazi ukufunda. Indlela ofunda ngayo nayo ibalulekile. Xa ufunda ngodlamko, nabo baya kuba nodlamko. Abantwana bakho basenokufuna ubafundele ibali elinye ngokuphindaphindiweyo. Musa ukwala xa becela oko! Ekuhambeni kwexesha baya kufuna ukufundelwa namanye amabali. Kodwa kulumkele ukubanyanzela ukuba bafunde. UYesu wamisela umzekelo ngokufundisa abantu ababemphulaphule “kangangoko babekwazi ukuphulaphula.” (Marko 4:33) Ukuba abantwana bakho akubanyanzeli ngokufunda, baya kukhangela phambili kwixesha lesifundo yaye baya kukuthanda ukufunda.
Bakhuthaze babe nenxaxheba uze uncokole nabo ngoko ukufundayo. Uya kuvuya kakhulu xa abantwana bakho abaselula bekwazi ukubona amagama, ukuwabiza nokuqonda intsingiselo yawo. Ukuncokola nabo ngezinto enizifundayo kunokubanceda kakhulu. Kumxholo othetha ngokunceda abantwana bakwazi ukufunda, enye incwadi ibonisa ukuba ukuncokola kunceda abantwana “bafunde amagama abaya kuthi xa sele bekwazi ukufunda bawabone baze baqonde intsingiselo yawo.” Kwale ncwadi inye ihlabela mgama ithi: “Into enokuba luncedo kwiingqondo zabantwana abaselula abazama ukuqonda indlela yokufunda, kukuthetha nabo—into enokubanceda nakakhulu kukuthetha nabo ngezinto ezibalulekileyo.”
Bakhuthaze ukuba bafunde ngoxa wena uphulaphule uze ubakhuthaze nokuba babuze imibuzo. Nawe usenokubuza imibuzo uze ubanike iimpendulo abanokukhetha kuzo. Ngaloo ndlela, abantwana baye bafunde ukuba iincwadi zibanceda bafumane ulwazi, bafunde nokuba amagama anentsingiselo. Oku kuluncedo ngakumbi xa incwadi eniyifundayo isekelwe kwiLizwi likaThixo, eyona ncwadi ibalulekileyo kunazo zonke.—Heb. 4:12.
Noko ke, ungalibali ukuba ukufunda ukulesa akukho lula. Kufuneka umntu azinike ixesha lokuqhelisela ukuze akwazi ukufunda ngokutyibilikayo.a Ngoko mncome umntwana wakho osafunda ukulesa. Xa ubancoma abantwana bakho uya kubenza bakuthande ukufunda.
Kubalulekile Yaye Kumnandi
Ukufundisa abantwana bakho ukwenza ufundisiso kubanceda babone injongo yokufunda. Xa umntu esenza ufundisiso ufunda izibakala nendlela ezinxibelelana ngayo. Umele akwazi ukulungelelanisa, ukukhumbula nokusebenzisa inkcazelo ayifundileyo. Xa umntwana sele ekwazi ukwenza ufundisiso, abone nokuxabiseka kwako, uya kufumanisa ukuba kubalulekile yaye kumnandi.—INtshu. 10:10.
Bancede babone izinto eziyimfuneko xa besenza ufundisiso. Iingokuhlwa zoNqulo Lwentsapho, iingxubusho zetekisi yosuku nezinye izihlandlo ezinjengezi zinokuvula ithuba lokufundisa abantwana indlela yokwenza ufundisiso. Ukuhlala bazole okwethutyana baze banikele ingqalelo kumbandela ofundwayo kuya kubafundisa ukunikel’ ingqalelo nto leyo ibalulekileyo xa umntu efunda. Unokukhuthaza unyana wakho ukuba akuxelele indlela oko akufundayo ekunxibelelene ngayo noko sele ekwazi. Oku kumnceda ukuba akwazi ukuthelekisa izinto. Okanye usenokucela intombi yakho ishwankathele oko ikufundileyo. Oku kuya kuyinceda iqonde intsingiselo yako ize ihlale ikukhumbula. Enye indlela yokubanceda bakhumbule kukwenza impinda, oko kukuthi ukuphinda iingongoma eziziintloko emva kokufunda inqaku elithile. Abantwana basenokufundiswa nokubhala amanqaku amafutshane xa kufundwa kwisifundo sentsapho okanye kwiintlanganiso zebandla. Oku kunokubanceda banikele ingqalelo. Konke oku kunokwenza ukufunda kubangel’ umdla kuwe nakubantwana bakho.
Fundelani kwindawo eza kwenza ukufunda kube lula. Indawo engena umoya, ekhanyayo nengenangxolo yenza kube lula ukunikela ingqalelo. Kakade ke, kubalulekile ukuba abazali babe nembono efanelekileyo ngokufundisisa. Omnye umama uthi: “Kubalulekile ukuba ufunde nabo rhoqo. Oku kunceda abantwana bakho ukuba balungelelane. Bafunda ukwenza yonke into ngexesha layo.” Abazali abaninzi baye bangavumi ukuba kwenziwe ezinye izinto ngexesha lokufunda. Ngokutsho kwenye ingxelo, oku kuyabanceda abantwana bakuqhele ukufunda.
Balaselisa ukuxabiseka kokwenza ufundisiso. Okokugqibela, nceda abantwana bazibone iingenelo zokufundisisa. Ukusebenzisa inkcazelo eniye nayifunda kubanceda babone eyona njongo yokufundisisa. Omnye umzalwana oselula uthi: “Ukuba andiyiboni indlela enokundinceda ngayo into endiyifundayo, andibi namdla wokuyifunda. Kodwa xa ndibona ukuba inokundinceda ndiba nomdla.” Xa abantu abaselula bebona ukubaluleka kokufundisisa, baya kuba nomdla kuko. Baya kukuthanda ukufundisisa njengokuba bekuthanda nokufunda.
Owona Mvuzo Mkhulu
Zininzi iingenelo ekufundiseni abantwana ukuba bathande ukufunda. Ukufunda kunokunceda umntwana aqhube kakuhle esikolweni, emsebenzini, asebenzisane kakuhle nabanye, akwazi ukuqonda izinto ezenzekayo, abe nolwalamano olusenyongweni nabazali aze abe nolwaneliseko.
Ngaphezulu, ukufundisisa kunokunceda abantwana bakho bakhule ngokomoya. Xa bekuthanda ukufundisisa banokutsho bacacelwe ezingqondweni nasezintliziyweni zabo ‘bububanzi nobude nokuphakama nobunzulu,’ benyaniso yeZibhalo. (Efe. 3:18) Kakade ke, zininzi izinto abazali abangamaKristu abanokuzifundisa abantwana babo. Njengoko abazali bechitha ixesha nabantwana babo yaye besenza konke okusemandleni abo ukuze babancede baphumelele ebomini, baba nethemba lokuba xa abantwana babo bekhula baya kukhetha ukukhonza uYehova. Xa ufundisa abantwana bakho indlela yokwenza ufundisiso uya kubanceda bakhule ngokomoya baze babe nolwalamano oluhle noThixo. Ngoko ke, thandaza kuYehova ucele ukuba akusikelele kwimigudu yakho yokunceda abantwana bakho bathande ukufunda nokufundisisa.—IMize. 22:6.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kubantwana abanengxaki yokulesa kuba nzima ukwenza ufundisiso. Ukuze ubone oko kunokwenziwa ngabazali ukuze bancede abantwana babo abanale ngxaki, funda uVukani! kaMatshi 8, 1997, iphepha 25-29.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 26]
Ukufunda . . .
• Bafunele iincwadi
• Funda nabo ngokuvakalayo
• Bakhuthaze babe nenxaxheba
• Ncokola nabo ngoko ukufundayo
• Bakhuthaze ukuba bafunde ngoxa wena uphulaphule
• Bakhuthaze ukuba babuze imibuzo
Ukufundisisa . . .
• Misela umzekelo omhle njengomzali
• Fundisa abantwana bakho . . .
○ ukunikela ingqalelo
○ ukuthelekisa izinto
○ ukushwankathela
○ ukwenza impinda
○ ukubhala amanqaku
• Fundelani kwindawo eza kwenza kube lula ukufunda
• Balaselisa ukuxabiseka kokwenza ufundisiso