Ngaba Ubusazi?
Kutheni incwadi yoku-1 kwabaseKorinte ithetha ngenyama ebingelelwe kwizithixo?
▪ Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Yonk’ into ethengiswa kwimarike yenyama hlalani niyitya, ningabuzi ngenxa yesazela senu.” (1 Korinte 10:25) Yayivela phi loo nyama?
Amadini ezilwanyana ayexhaphakile kwiitempile zamaGrike nezamaRoma, kodwa ke inyama eyayixhelwa apho yayingatyiwa iphele. Enye yayisisiwa kwiimarike zenyama. Incwadi ethi Idol Meat in Corinth ithi: “Amagosa awayesongemela la matheko . . . ayekwabizwa nangokuba ngabapheki okanye abaxheli. Inyama ababehlawulwa ngayo xa bexhela ezi zilwanyana babeyithengisa emarikeni.”
Ngaloo ndlela inyama eyayithengiswa emarikeni yayingeyonyama esele kumadini kuphela. Xa kwakusembiwa imarike yenyama (macellum ngesiLatini) kaPompeii kwafunyanwa amathambo egusha epheleleyo. Umphengululi uHenry J. Cadbury uthi lonto ibonisa ukuba “kwakuthengiswa izilwanyana eziphilayo, ezixhelwe emacellum okanye ezisele xa bekusenziwa amadini asetempileni.”
Ingongoma eyayibethelelwa nguPawulos yayikukuba nangona amaKristu engenanxaxheba kunqulo lobuxoki, inyama ekwakubingelelwe ngayo etempileni yayingangcoliswanga yonke lunqulo zithixo.
Kwakutheni ukuze amaYuda namaSamariya omhla kaYesu angevani?
▪ UYohane 4:9 uthi: “AmaYuda akanazinkqubano namaSamariya.” Kubonakala ngathi le nto yaqala xa uYerobhoham waseka unqulo zithixo kubukumkani basemntla bakwaSirayeli bezizwe ezilishumi. (1 Kumkani 12:26-30) AmaSamariya ayesuka eSamariya, ikomkhulu lobukumkani basemntla. Emva kokuba izizwe ezilishumi zoyiswe yiAsiriya ngowama-740 B.C.E., ama-Asiriya ahlalisa abantu beentlanga eSamariya. Ukutshata kwezi ntlanga nabantu baseSamariya kufanele ukuba kwalungcolisa nangakumbi unqulo lwabo.
Kwiinkulungwane kamva, amaSamariya awachasa amaYuda awayebuya ekuthinjweni eBhabhiloni xa ayesakha itempile kaYehova kunye neendonga zeYerusalem. (Ezra 4:1-23; Nehemiya 4:1-8) Ukungevani ngokonqulo kwathabath’ unyawo xa amaSamariya azakhela eyawo itempile kwiNtaba yeGerizim, mhlawumbi ngenkulungwane yesine Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo.
Ngexesha likaYesu, igama elithi “umSamariya” lalibhekisela kakhulu kunqulo kunakuhlanga yaye lalibhekisela kubantu behlelo laseSamariya. Nangoko amaSamariya ayenqulela kwiNtaba yeGerizim yaye ayejongelwa phantsi ngamaYuda.—Yohane 4:20-22; 8:48.
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Isithebe sedini lesilwanyana ngenkulungwane yesi-6 ngaphambi kwexesha eliqhelekileyo
[Inkcazelo]
Musée du Louvre, Paris
[Umfanekiso okwiphepha 12]
UYerobhoham waqalisa unqulo zithixo