IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w11 2/1 iphe. 10-13
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • IBhayibhile Itshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
w11 2/1 iphe. 10-13

IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu

KWENZEKA njani ukuba ibhinqa elalisebenza enkantini lithuka, linxila lisebenzisa neziyobisi likwazi ukutshintsha ubomi balo? Kwakutheni ukuze umntu owayekwezopolitiko engaluthandi unqulo ajike abe ngumntu wonqulo? Luluphi ucelomngeni ajamelana nalo umqeqeshi wamapolisa waseRashiya ukuze abe ngomnye wamaNgqina kaYehova? Khawuzifundele izinto ezithethwa ngaba bantu.

“Sinobuhlobo Obusenyongweni Nomama Kwakhona.”—UNATALIE HAM

UNYAKA WOKUZALWA: 1965

ILIZWE: OSTRELIYA

UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYESEBENZISA IZIYOBISI

INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO: Ndakhulela kwidolophu encinane enamashishini okuloba eRobe, eMzantsi Ostreliya. Kwiindawo ezinjalo, abantu babutha ehotele. Abazali bachitha ixesha elininzi ehotele, abantwana babo bakhula benxila, bethuka betshaya.

Xa ndandineminyaka eli-12 ubudala, ndandisele nditshaya, ndandiyimbongi ukuthuka oku, ndandisoloko ndixambulisana nomama. Xa ndandineminyaka eli-15 ubudala, abazali bam bohlukana, emva kweenyanga ezili-18, ndemka ekhaya. Ndandinxila, ndisebenzisa iziyobisi ndiziphethe kakubi. Ndandinengqumbo ndididekile. Noko ke, ekubeni ndandiqeqeshelwe ikarati iminyaka emihlanu nokukwazi ukuzikhusela, ndandivakalelwa kukuba ndinokuzikhusela. Nakuba kunjalo, xa ndisidla amathambo entloko ndandiba buhlungu ndize ndithandaze kuThixo, ndimcela ukuba andincede. Ndandidla ngokuthi, “ungathi mandiye ecaweni ke kodwa.”

Emva kwexesha elithile, umhlobo owayethanda unqulo kodwa engahamb’ icawa wandinika iBhayibhile. Njengabanye abahlobo bethu, wayetshaya iziyobisi. Kodwa wayesithi uyakholelwa kuThixo waza wandeyisela ukuba ndibhaptizwe. Wandisa echibini wandibhaptiza. Ukususela ngoko ukusa phambili ndandivakalelwa kukuba ndinolwalamano noThixo. Noko ke, andizange ndide ndiyifunde iBhayibhile.

INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Ngowe-1988, kwankqonkqoza amaNgqina amabini kwam. Elinye landibuza lathi “uyalazi igama likaThixo?” Eli Ngqina lafunda INdumiso 83:18 eBhayibhileni yalo, ethi: “Ukuze abantu bazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” Ndothuka. Emva kokuba emkile ndahamba ngemoto iikhilomitha ezingama-56 ndisiya kwivenkile yeencwadi zonqulo ukuze ndihlole ezinye iinguqulelo zeBhayibhile ndaza emva koko ndakhangela eli gama kwisichazi-magama. Ekubeni ngoku ndandiqinisekile ukuba igama likaThixo nguYehova, ndazibuza ukuba yintoni enye endingayaziyo.

Umama wathi amaNgqina kaYehova ngabantu abafani. Kulwazi olungephi endandinalo ngawo, ndandicinga ukuba adla ngendebe endala awakwazi ukonwaba. Ndacinga ukwenza ngathi andikho xa ezile, ndatshintsha esakufika. Ndawangenisa ngaphakathi, saqalisa ukufunda iBhayibhile ngoko nangoko.

Emva kwesifundo ngasinye, ndandibalisela isinqanda mathe sam uCraig ngezinto endizifundileyo. Ekugqibeleni wakruquka waza wayohlutha incwadi esasiyifunda wazifundela. Emva kokuyifunda iiveki ezintathu waqonda ukuba uyifumene inyaniso ngoThixo. Ekugqibeleni sayeka ukutshaya iziyobisi nokunxila, ndaza ndawuyeka nomsebenzi wam wasenkantini. Ukuze siphile ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile sagqiba ekubeni sitshate.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ukuqalisa kwethu ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova, mna noCraig sasisecicini lokwahlukana. Namhlanje, uCraig ngumyeni ondiphethe kakuhle yaye sinabantwana ababini abahle. Kwakhona sinabahlobo abaneenkolelo ezifana nezethu.

Ekuqaleni akazange athande umama esakuva ukuba ndinxulumana namaNgqina kaYehova. Noko ke, inkxalabo yakhe yayibangelwa kukungazi. Ngoku sinobuhlobo obusenyongweni nomama. Andisaziva ndingento yanto. Kunoko ubomi bam bunenjongo yaye ndivakalelwa kukuba iintswelo zam zokomoya ziyaneliswa.—Mateyu 5:3.

“Ndafunda Izinto Ezininzi EBhayibhileni.”—UISAKALA PAENIU

UNYAKA WOKUZALWA: 1939

ILIZWE: TUVALU

UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYEPOLITIKA

INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO: Ndazalelwa eNukulaelae isiqithi esihle esikwiPasifiki ngoku siyinxalenye yeTuvalu. Abantu kwezi ziqithi babephenjelelwa ngabefundisi ababeqeqeshwe kwikholeji yaseSamoa. Yayiluxanduva lwabantu bezi ziqithi ukondla abefundisi neentsapho zabo yonke imihla, babanike nendawo yokuhlala, baqiniseke ukuba bonwabile bafumana yonke into. Nokuba abantu abanakutya kwaneleyo, babenyanzelekile ukuba bondle aba befundisi.

Umfundisi owayekwisiqithi sakowethu nguye owayephethe isikolo ehlohla izifundo zonqulo, izibalo nokuma komhlaba. Ndikhumbula umfundisi ebetha abafundi bade baphume igazi. Akakho umntu owayekhalaza kwanabazali. Umfundisi wayesoyikwa ngathi nguThixo ngokwakhe.

Xa ndandineminyaka elishumi ubudala, ndemka ekhaya ndaya kwisikolo sikarhulumente eyayikuphela kwaso kulo mmandla, kwesinye isiqithi. Ukugqiba kwam ndasebenzela urhulumente. Ngelo xesha, ezi ziqithi zazingamathanga aseBritani zibizwa ngokuba yiGilbert neEllice. Ndasebenza kumasebe ahlukahlukeneyo ngaphambi kokuba ndibe ngumhleli wephepha-ndaba laseburhulumenteni. Konke kwakuhamba kakuhle de kwasemva kokuba ndipapashe ileta eyayivela kumfundi owayekhalazela ukuchithwa kwemali xa kwakusenziwa amalungiselelo okufika kweNkosana yaseWales. Umbhali wale leta akazange asebenzise igama lakhe, umphathi wam wafuna ukwazi elona gama lakhe. Andizange ndimxelele kwaye loo nto yaziwa ngokubanzi.

Emva kweso siganeko, ndayeka emsebenzini ndaya kwezopolitiko. Ndaphumelela kunyulo eNukulaelae ndaza ndanguMphathiswa wezoRhwebo noBuncwane Belizwe. Kamva, xa abantu besiqithi saseKiribati (esasikade siyiGilbert) nesaseTuvalu (esasikade siyiEllice) bafumana uzimele geqe eBritani, irhuluneli yandinika isikhundla sokuba yintloko yolawulo lwaseTuvalu. Noko ke, ndandingafuni ukubonakala ngathi ndisebenzisana norhulumente wengcinezelo. Andizange ndisamkele eso sikhundla ndaza ndangenela unyulo ndizigqatsela esona sikhundla siphezulu. Andizange ndiphumelele. Emva koko, ndagqiba ekubeni ndibuyele ekhaya ukuze ndiphile njengabanye abantu.

INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Ngecawa eziqithini yayingumhla weSabatha bonke abantu babeyijonga njengengcwele ngaphandle kwam. Yayilusuku lwam lokuloba ngesikhephe. Ndandingafuni ukwaziwa njengomntu othanda unqulo. Utata wam nabanye abantu bandixelela ukuba ndibaphoxile. Kodwa ndandingakufuni ukuphenjelelwa yicawa.

Ngenye imini xa ndandisiya kwisiqithi saseFunafuti esinedolophu elikhomkhulu yaseTuvalu, umninawa wam wandimemela kwintlanganiso yamaNgqina kaYehova. Kamva, iNgqina elingumthunywa wevangeli landinika isipha seeMboniselo noVukani! Landinika nencwadi eyayibhenca iimfundiso ezinemvelaphi yobuhedeni ezifundiswa ezicaweni. Ndayifunda izihlandlo eziliqela le ncwadi. Ndafunda izinto ezininzi ezandothusayo eBhayibhileni, nokuba akunyanzelekanga ukuba amaKristu agcine iSabatha.a Ndazibalisela umfazi wam ezi zinto, wayeka ngoko nangoko ukuhamba icawa.

Noko ke, ndandenze isigqibo sokuba akukho nto iza kundidibanisa necawa. Kwakusele kudlule phantse iminyaka emibini kodwa andizange ndizilibale izinto endizifundileyo. Ekugqibeleni, ndabhalela umthunywa wevangeli oseFunafuti, ndaza ndamchazela ukuba ngoku ndikulungele ukutshintsha. Wakhwela kwiphenyana elilandelayo weza kundifundisa okungakumbi ngeBhayibhile. Utata waba ligqabi ngumsindo esakufumanisa ukuba ndifuna ukuba liNgqina likaYehova. Kodwa ndamxelela ukuba zininzi izinto endizifundiswe ngamaNgqina eBhayibhileni ngenxa yoko ndenze isigqibo.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ngowe-1986, ndabhaptizwa ndaba liNgqina likaYehova, waza yena umfazi wam wabhaptizwa kunyaka olandelayo. Iintombi zethu ezimbini nazo zafunda iBhayibhile zaza zaba ngamaNgqina kaYehova.

Ngoku ndikwinkonzo efana neyamaKristu enkulungwane yokuqala, engenabo abefundisi namarhamente. (Mateyu 23:8-12) Kwakhona alandela umzekelo kaYesu ngokuthobeka aze ashumayele ngoBukumkani bukaThixo. (Mateyu 4:17) Ndinombulelo kuYehova uThixo ngokundivumela ndifunde inyaniso ngaye nangabantu bakhe.

“AmaNgqina Awazange Andinyanzele Ngeenkolelo Zawo.”—UALEXANDER SOSKOV

UNYAKA WOKUZALWA: 1971

ILIZWE: RASHIYA

UBOMI BANGAPHAMBILI: UMQEQESHI WAMAPOLISA

INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO: Ndazalelwa eMoscow, ngelo xesha yayilikomkhulu leSoviet Union. Intsapho yakowethu yayihlala kwisakhiwo esasinamagumbi amakhulu uninzi lwabamelwane bethu lwalusebenza kumzimveliso omnye. Ndikhumbula besithi ndidlamke gqitha yaye ndiza kufa ndisemncinane okanye ndiphelele entolongweni. Xa ndandineminyaka elishumi ubudala ndandisele ndisengxakini namapolisa.

Xa ndandineminyaka eli-18 ubudala, ndabizelwa emkhosini ndasebenza emideni. Ndabuyela ekhaya emva kweminyaka emibini ndaza ndasebenza kumzimveliso kodwa loo msebenzi wawundikruqula. Ndaqeshwa kwicandelo lamapolisa aseMoscow ajongene nezidubedube ukuze ndiwaqeqeshe. Ndandibamba izaphuli-mthetho kuyo yonke iMoscow yaye ndisiya kuzo zonke iindawo ezinezidubedube elizweni. Iingcwangu endandinazo zazingalawuleki. Xa ndibuyela kwam kwakufuneka ngamanye amaxesha ndingalali ebhedini enye nomfazi wam ndandisoyikisela ukuba ndiza kumenzakalisa xa ndilele.

INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Ukuqala kwam ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova, ndafumanisa ukuba ubomi bogonyamelo endandibuphila babungavisisani nemilinganiselo yeBhayibhile. Ndayeka ukutshaya nokusela kakhulu. Noko ke, ndandivakalelwa kukuba andinakukwazi ukuwutshintsha umsebenzi wam, kuba wawungekho omnye umsebenzi endandiwazi. Kwakhona ndandisithi andinakuze ndishumayele.

Nakuba kunjalo ekugqibeleni ndaqonda ukuba iBhayibhile ichanile. Ndathuthuzelwa yingxelo ekuHezekile 18:21, 22. Ithi: “Ngokubhekisele kongendawo, ukuba unokuthi abuye kuzo zonke izono azenzileyo. . . , konke ukunxaxha kwakhe akwenzileyo—akuyi kukhunjulelwa kuye.”

Ndandiyithanda into yokuba amaNgqina engandinyanzeli ngeenkolelo zawo kodwa aqiqa nam. Ndathatha isipha samaphephancwadi angama-40 okanye ngaphezulu ndaza ndawafunda ndawagqiba ngeeveki ezinthathu. Izinto endazifundayo zandenza ndaqonda ukuba ndilufumene unqulo lokwenyaniso.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ngaphambi kokuba ndifunde iBhayibhile, sasisecicini lokuqhawula umtshato. Ngoku umtshato wethu uqhuba kakuhle. Ndathi ndakuqalisa ukufunda iBhayibhile, nomfazi wam wayifunda, sagqiba ekubeni sikhonze uYehova kunye. Ngoku intsapho yethu yonwabile. Ndakwazi ukufumana umsebenzi ongangqubaniyo nemigaqo yeBhayibhile.

Ukuqala kwam ukuya kumsebenzi wokushumayela, ndandingakhululeki nto leyo eyayiqhele ukwenzeka xa ndiye kugqogqa izaphuli-mthetho. Ngoku ndiqinisekile ukuba ndiyakwazi ukuzola nokuba sele ndicatshukiswa. Ndiye ndafunda ukuba nomonde xa ndiqhubana nabantu. Ndibuhlungu kuba ndiye ndabusebenzisa kakubi ubomi bam kodwa ngoku ndiphila ubomi obunenjongo. Kuyandivuyisa ukusebenzisa amandla am ndikhonza uYehova uThixo ndinceda nabanye.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi funda inqaku elithi “Ngaba Ufanele Ugcine lSabatha?” lipapashwe kwiMboniselo, kaFebruwari 1, 2010, iphepha 11-15.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share