Isizathu Sokuba Afe UYesu
“KwanoNyana womntu weza . . . nokuze anikele ngomphefumlo wakhe [okanye, ubomi] ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.”—MARKO 10:45.
UYESU wayeyazi into eyayiza kwenzeka. Wayeqonda ukuba wayengazukufa njengabanye abantu. Ngokwahlukileyo koko, wayesazi ukuba wayeza kuphila ubomi obufutshane, yaye wayekulungele ukufa.
EBhayibhileni kubaluleke kakhulu ukufa kukaYesu. Enye imbekiselo ithi ukufa kukaYesu kukhankanywa izihlandlo ezimalunga ne-175 kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike okanye iTestamente Entsha. Kwakutheni ukuze kufuneke ukuba uYesu abandezeleke eze afe esexhamxham? Kufuneka sazi kuba ukufa kukaYesu kunokuba nefuthe ebomini bethu.
▪ Oko wayekulindele uYesu Kunyaka wokugqibela wobomi bakhe, uYesu wachazela abafundi bakhe izihlandlo eziliqela ngokubandezeleka nangokufa kwakhe okwakusondele. Kwindlela eya eYerusalem ukuze atye iPasika yakhe yokugqibela, wathi kubapostile bakhe abali-12: “UNyana womntua uya kunikelwa kubabingeleli abaziintloko nakubabhali, bamgwebele isohlwayo sokufa baze bamnikele kubantu beentlanga, yaye baya kuhlekisa ngaye, bamtshicele, bamtyakatye baze bambulale.” (Marko 10:33, 34) Kwakutheni ukuze aqiniseke kangaka ngento eyayiza kwenzeka kuye?
UYesu wayeqhelene neziprofeto ezininzi zeZibhalo zesiHebhere ezazichaza indlela awayeza kufa ngayo. (Luka 18:31-33) Qwalasela ezinye iziprofeto neembekiselo zeZibhalo ezicacisa indlela ezazaliseka ngayo.
UMesiya . . .
▪ Wangcatshwa ngamaqhosha esilivere angama-30.—ZEKARIYA 11:12; MATEYU 26:14-16.
▪ Wabethwa waza watshicelwa.—ISAYA 50:6; MATEYU 26:67; 27:26, 30.
▪ Wabethelelwa.—INDUMISO 22:16; MARKO 15:24, 25.
▪ Wagculelwa ngoxa esesibondeni.—INDUMISO 22:7, 8; MATEYU 27:39-43.
▪ Wabulawa kodwa awazange ophulwe amathambo akhe.—INDUMISO 34:20; YOHANE 19:33, 36.
UYesu wazalisekisa ezi ziprofeto nezinye ezininzi. Wayengenakukwazi ukuzenza ezi zinto ngamandla akhe. Ukuzaliseka kwazo zonke ezi ziprofeto kuYesu kwangqina ukuba ngokwenene wayethunywe nguThixo.b
Kwakutheni ukuze uYesu abandezeleke aze afe? Qwalasela izizathu ezibini.
▪ UYesu wafa ukuze azinzise imbambano ebalulekileyo Wayeyiqonda imbambano yolongamo lwendalo iphela eyaqala kumyezo wase-Eden. Bephenjelelwa sisidalwa somoya esinemvukelo, uAdam noEva bakhetha ukungamthobeli uThixo. Imvukelo yesi sibini yabangela amathandabuzo kwindlela kaYehova yokulawula okanye ulongamo lwakhe. Isono sabo saphakamisa umbuzo wokuba banokuthembeka na abantu kuThixo xa bevavanywa.—Genesis 3:1-6; Yobhi 2:1-5.
UYesu waphendula ngendlela engenakuthandabuzeka kuzo zombini ezi mbambano, ulongamo lukaYehova nokuthembeka koluntu. Ngokuthobela ngokugqibeleleyo “kwada kwasa ekufeni . . . kwisibonda sentuthumbo,” uYesu waluphakamisa ulongamo lukaThixo. (Filipi 2:8) Kwakhona uYesu wangqina ukuba umntu ofezekileyo wayenokuyigcina ngokupheleleyo ingqibelelo kuYehova nangona evavanywa qatha.
▪ UYesu wafa ukuze asindise uluntu Umprofeti uIsaya waxela kwangaphambili ukuba ukubandezeleka nokufa kukaMesiya othenjisiweyo kwakuza kucamagushela izono zabantu. (Isaya 53:5, 10) UYesu wayekuqonda kakuhle oku, yaye ngokuzithandela wanikela “ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mateyu 20:28) Ukufa kwakhe okulidini kwavulela abantu abangafezekanga indlela yokuba nolwalamano oluhle noYehova baze bahlangulwe esonweni nasekufeni. Ukufa kukaYesu kusivulela amathuba okufumana oko kwalahlwa nguAdam noEva ithuba lokuphila ngonaphakade emhlabeni.c—ISityhilelo 21:3, 4.
▪ Oko unokukwenza Kolu ngcelele lwamanqaku, siye sahlola oko kuthethwa yiBhayibhile ngoYesu—apho wayevela khona, indlela awayephila ngayo nesizathu sokuba afe. Ukwazi ezo nyaniso ngoYesu akupheleli nje ekusincedeni siqonde iinyaniso ngaye. Ukwenza ngokuvisisana nazo kunokusizisela iintsikelelo—ubomi obubhetele ngoku nobomi obungunaphakade kwixesha elizayo. IBhayibhile isixelela izinto esifanele sizenze ukuze sifumane ezo ntsikelelo.
▪ Funda okungakumbi ngoYesu Kristu nendima yakhe kwinjongo kaYehova.—YOHANE 17:3.
▪ Yiba nokholo kuYesu, ubonise ngendlela ophila ngayo ukuba uyamamkela njengoMsindisi wakho.—YOHANE 3:36; IZENZO 5:31.
AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukunceda ufunde ngakumbi ngoYesu Kristu, uNyana kaThixo “okuphela kwamzeleyo,” esinokusifumana ngaye isipho sobomi “obungunaphakade.”—Yohane 3:16.
[Imibhalo esemazantsi]
a UYesu wayedla ngokubhekisele kuye “njengoNyana womntu.” (Mateyu 8:20) Eli binzana alibonisi nje ukuba wayengumntu wokwenene kodwa likwabonisa ukuba “wayengunyana womntu” ekubhekiselwa kuye eBhayibhileni.—Daniyeli 7:13, 14.
b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngezi ziprofeto ezazaliseka kuYesu, funda isihlomelo somxholo othi “UYesu Kristu—UMesiya Othenjisiweyo” kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
c Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngexabiso ledini lokufa kukaYesu, funda isahluko 5, “Intlawulelo—Esona Sipho Sikhulu SikaThixo,” kwincwadi ethi: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?