Isiprofeto 3 Izifo
“Abantu baya . . . kuthwaxwa zizifo.”—LUKA 21:11, Contemporary English Version.
● UBonzali igosa lezempilo kwilizwe laseAfrika elidlavulwe yimfazwe, ubopha amabande enyanga abasebenzi mgodini kwidolophu ahlala kuyo ababulawa yintsholongwane yeMarburg.a Akakhange alufumane uncedo ebesoloko elucela kumagosa akwisixeko esikhulu. Emva kweenyanga ezine, lwade lwafika uncedo kodwa uBonzali wayesele ebhubhile. Wosulelwa sisifo seMarburg kwabo basebenzi wayezama ukubanceda.
ZIBONISA NTONI IZIGANEKO? Izifo ezibangela ukungaphefumli kakuhle (njengokungenwa yingqele), isisu segazi, ugawulayo, isifo sephepha nesifo seengcongconi zezinye zezona zifo zibulala abantu. Ngomnye unyaka, ezi zifo zihlanu zabulala umyinge wabantu omalunga nezigidi ezili-10.7. Ngamanye amazwi, ezi zifo zabulala umntu rhoqo ngemizuzwana emithathu, unyaka wonke.
BADLA NGOKUTHINI ABANTU? Abantu bayaqhubeka besanda ehlabathini, ngenxa yoko abantu abangakumbi bayagula. Baninzi abantu abanokosulelwa.
NGABA BANYANISILE? Abantu baye banda ehlabathini. Kanti nabantu baye bakwazi ukuxilonga, ukulawula nokunyanga izifo. Ngaba bezingafanelanga ukuba ziyaphela izifo emhlabeni? Kodwa kwenzeka into eyahlukileyo koko.
UTHINI WENA? Ngaba abantu bathwaxwa zizifo njengokuba yaxela kwangaphambili iBhayibhile?
Iintlekele, indlala nezifo ziintshaba ezisuba ubomi bezigidi zabantu. Izigidi ezingakumbi ziphathwa kakubi ngabanye abantu—abanye babo ngabantu ebebefanele ukuba baya bakhusela. Phawula oko isiprofeto seBhayibhile esithi kuya kwenzeka.
[Umbhalo osemazantsi]
a IMarburg Hemorrhagic Fever ibangelwa yintsholongwane ezalana ne-Ebola.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]
“Yinto ebuhlungu ukuqwengwa yingonyama, kodwa kukwabuhlungu nokuhlaselwa ngaphakathi yintsholongwane ebulalayo uze uyibone loo nto isenzeka nakubantu abakungqongileyo.”—INGCALI YEZIFO UMICHAEL OSTERHOLM.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 6]
© William Daniels/Panos Pictures