Isiprofeto 2 Indlala
“Kuya kubakho ukunqongophala kokutya.”—MARKO 13:8.
● Enye indoda ibhacele kwilali yaseQuaratadji, eNiger. Abazala, abantakwayo noodadewayo nabo bavela embindini welizwe kuba bebaleka indlala. Kodwa le ndoda ingqengqe ekhukweni. Kutheni iyodwa nje? Isibonda selali uSidi uthi: “Ayikwazi ukondla intsapho yakowayo kwaye ayikwazi kujongana nayo.”
ZIBONISA NTONI IZIGANEKO? Ehlabathini jikelele, phantse umntu omnye kwabasi-7 akafumani kutya kwaneleyo ngosuku. Baninzi ngakumbi abantu abalambayo kumazantsi eSahara, apho umntu omnye kwaba-3 elala ngamanzi. Ukuze uliqonde kakuhle elo nani cinga ngentsapho enotata, umama nosana. Ukuba ukutya kunokwanela abantu ababini kuphela ngubani omele angafumani? Ngaba ngutata? umama? okanye usana? Iintsapho ezininzi kufuneka zenze eso sigqibo suku ngalunye.
BADLA NGOKUTHINI ABANTU? Umhlaba uvelisa ukutya okuninzi okunokwanela wonke umntu. Qha into efunekayo kukuba mabuphathwe kakuhle ubuncwane bomhlaba.
NGABA BANYANISILE? Enyanisweni, abalimi bangavelisa ukutya okungakumbi baze bakuse ebantwini ngomkhamo omkhulu kunanini na embalini. Oorhulumente babantu bebefanele bakuphathe kakuhle ukutya ukuze kuphele indlala. Noko ke, nangona sele kudlule iinkulungwane abakhange bakwazi.
UTHINI WENA? Ngaba uMarko 13:8 uyazaliseka? Nangona ezobugcisa zihambele phambili ngaba ukunqongophala kokutya kuthwaxa abantu ehlabathi jikelele?
Iinyikima neendlala zidla ngokwandulela iingxaki ezibangelwa ngomnye umqondiso wemihla yokugqibela.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
“Abantwana abangaphezu komnye esithathwini ababulawa yingqele, sisisu segazi nazezinye izifo bebenokusinda ukuba bebondlekile.”—ANN M. VENEMAN, UMALATHISI OLILUNGU LESIGQEBA SEUN CHILDREN’S FUND.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 5]
© Paul Lowe/Panos Pictures