Iindaba Ezilungileyo Kumahlwempu
ILIZWI likaThixo liyasiqinisekisa ukuba: “Lowo ulihlwempu akayi kusoloko elityalwa.” (INdumiso 9:18) Kwakhona iBhayibhile ithi ngoMdali wethu: “Uyasivula isandla sakho uze wanelise umnqweno wayo yonke into ephilayo.” (INdumiso 145:16) Eli themba liseLizwini likaThixo asilophupha nje. UThixo uSomandla unako ukubuphelisa ubuhlwempu. Afuna ntoni amahlwempu?
Isazi ngezoqoqosho eAfrika sathi amazwe angamahlwempu afuna “uzwilakhe onyanisekileyo nonovelwano.” La mazwi athetha ukuba ukuze kupheliswe ubuhlwempu kufuneka umntu onegunya nonenkathalo. Sinokoleka sithi umlawuli onokuphelisa ubuhlwempu kungafuneka alawule ihlabathi lonke kuba ubuhlwempu budla ngokubangelwa kukungalingani kwamazwe. Ukongezelela koko, umlawuli onokuphelisa ubuhlwempu kuya kufuneka akwazi ukuphelisa unobangela wobuhlwempu, ukuzingca kwabantu. Unokufumaneka phi loo mlawuli?
UThixo wathumela uYesu eneendaba ezilungileyo kumahlwempu. Xa uYesu wafunda uthumo lwakhe awalufumana kuThixo, wathi: “Umoya kaYehova uphezu kwam, ngenxa yokuba undithambisele ukuvakalisa iindaba ezilungileyo kumahlwempu.”—Luka 4:16-18.
Ziyintoni Iindaba Ezilungileyo?
UThixo umisele uYesu njengoKumkani. Eneneni ziindaba ezilungileyo ezi. Nguye uMlawuli onokuphelisa ubuhlwempu kuba (1) uza kulawula lonke uluntu yaye unamandla; (2) unovelwano kumahlwempu yaye ufundisa abalandeli bakhe ukuba bawanyamekele; yaye (3) unokuphelisa unobangela wobuhlwempu, ukuzingca esizelwe nako. Makhe sihlole ezinxalenye zintathu zeendaba ezilungileyo.
1. UYesu unegunya lokulawula zonke iintlanga ILizwi likaThixo lithi ngoYesu: “Wanikwa ulawulo . . . ukuze zonke izizwana neentlanga neelwimi zimkhonze.” (Daniyeli 7:14) Ngaba unokuyithelekelela indlela ekunokuba mnandi ngayo ukuba norhulumente omnye? Akusayi kuze kuphinde kusukuzwane ngenxa yobuncwane bomhlaba. Bonke abantu baza kubuxhamla ngokulinganayo. UYesu ngokwakhe waqinisekisa ukuba uya kuba nguMlawuli wehlabathi onamandla okulungisa izinto. Wathi: “Linikwe mna lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.”—Mateyu 28:18.
2. Imfesane kaYesu ngamahlwempu Ngalo lonke ixesha lobulungiseleli bakhe basemhlabeni uYesu wayenovelwano kumahlwempu. Ngokomzekelo, ibhinqa elachitha yonke imali yalo ukuze linyangwe lachukumisa ingubo kaYesu laphila. Lalinethombo legazi iminyaka eli-12 limele ukuba lalibuthathaka. Ngokutsho koMthetho, nabani na elimchukumisayo wayengahlambuluki. Kodwa uYesu wayenovelwano kulo. Wathi: “Ntombi, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uze uphile kwisifo sakho esibuhlungu.”—Marko 5:25-34.
Iimfundiso zikaYesu zazinamandla okutshintsha iintliziyo zabantu ukuze nabo babenovelwano. Ngokomzekelo, cinga ngendlela uYesu ayiphendula ngayo indoda eyayifuna ukwazi indlela yokukholisa uThixo. Le ndoda yayisazi ukuba uThixo ufuna sithande abamelwane bethu, kodwa yabuza uYesu ukuba: “Ngubani ngokwenene ummelwane wam?”
Xa wayephendula uYesu wenza umzekeliso odumileyo wendoda evela eYerusalem eya eYeriko eyaphangwayo yaza yasala ‘isecicini lokufa.’ Umbingeleli owayehamba ngaloo ndlela wacezela kude kuyo. NomLevi wenza kwaloo nto. “Kodwa umSamariya othile owayehamba kuloo ndlela waya kuye, waza akumbona, waba nosizi.” Wabopha amanxeba ale ndoda, wayisa kwindlu yabahambi, waza wahlawula umgcini-ndlu imali ukuze onge le ndoda yenzakeleyo. UYesu wabuza wathi: “Ngubani . . . ongummelwane waloo mntu wagaxeleka kubaphangi?” Impendulo yayisithi “Ngulowo wamenzela inceba.” Emva koko uYesu wathi: “Hamba uye kwenjenjalo nawe.”—Luka 10:25-37.
Abantu ababa ngamaNgqina kaYehova bahlola ezo mfundiso zikaYesu baze batshintshe indlela abakujonga ngayo ukunceda abasweleyo. Ngokomzekelo, omnye umbhali waseLatvia wabhala ngokugula kwakhe kwincwadi yakhe ethi Women in Soviet Prisons ngoxa wayesebenza kwinkampu yasePotma embindini weminyaka yee-1960. “Ngalo lonke elo xesha lokugula kwam ndandisongiwa [ngamaNgqina]. Yayingekho enye indlela ebhetele endandinokongiwa ngayo.” Loleka lathi: “AmaNgqina kaYehova akujonga njengomsebenzi wawo ukunceda abantu enokuba ngabaluphi unqulo okanye uhlanga.”
Xa imeko yezoqoqosho yaye yahexa eAncón, e-Ecuador, amanye amaNgqina kaYehova aphelelwa ngumsebenzi amanye agqiba ekubeni azame indlela yokuwanceda; athengisa ukutya kubalobi ababevela kuloba ebusuku (umfanekiso ungasekunene). Bonke ebandleni bafak’ isandla kuquka nabantwana. Babeqalisa ngentsimbi yokuqala ntsasa nganye ukuze kube sele kulungile ukutya xa zifika izikhephe ngentsimbi yesine. Imali awayeyenza ayesabelana ngayo ngokweemfuno zawo.
La mava abonisa ukuba umzekelo neemfundiso zikaYesu zinamandla okutshintsha izimo zengqondo zabantu ukuze bancede abo basweleyo.
3. Amandla kaYesu okukwazi ukutshintsha abantu Utyekelo lwabantu lokuzingca laziwa nguye wonke umntu. IBhayibhile ilubiza ngokuba sisono. Nompostile uPawulos wabhala wathi: “Ngoko, ndifumana lo mthetho kum: ukuba xa ndinqwenela ukwenza okulungileyo, kusuke kubekho okubi kum.” Wongezelela wathi: “Ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba usisisulu sokufa? Ndiyambulela uThixo ngaye uYesu Kristu.” (Roma 7:21-25) Apha umpostile uPawulos ubhekisela kwindlela uThixo, ngoYesu, aza kubahlangula ngayo abanquli bakhe abazelwe benesono, kuquka nokuzingca, okungunobangela wobuhlwempu. Yayiza kwenzeka njani le nto?
Ngaxa lithile emva kokubhaptizwa kukaYesu, uYohane uMbhaptizi wazisa uYesu ebantwini, esithi: “Yabonani, iMvana kaThixo esusa isono sehlabathi!” (Yohane 1:29) Kungekudala ihlabathi liza kuba nabantu abaza kuba bengenalo utyekelo lwesono oluquka ukucingela wena wedwa. (Isaya 11:9) UYesu uza kumsiphul’ nengcambu unobangela wobuhlwempu.
Kuluvuyo nyhani ukucinga ngexesha laxa wonke umntu eza kufumana izinto azifunayo! ILizwi likaThixo lithi: “Kwaye okunene baya kuhlala, ngamnye phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, yaye akuyi kubakho bani ubangcangcazelisayo.” (Mika 4:4) Loo mazwi ombongo achaza ixesha laxa wonke umntu eya kuba nomsebenzi owanelisayo, unqabiseko, nethuba lokuphila kwihlabathi elingenabuhlwempu, kuze oku kudumise uYehova.