Ngaba Ibalulekile Impendulo?
“Ndandineminyaka nje elishumi ubudala ukuqalisa kwam ukuqhelana namakhwenkwe. Ekuqaleni sasibamabana nje ngezandla size sincamisane. Emva koko, sasibambana amalungu omzimba afihlakeleyo size siziphathe kakubi ngeendlela ezahlukeneyo. Xa ndandineminyaka eli-15 ubudala, ndaqalisa ukuphangela aza amadoda aqalisa ukundincwasa efuna sabelane ngesondo. Ndandifuna ukwamkeleka ngenxa yoko ndandisenza yonke into eyenziwa ziitshomi zam. Loo nto yakhokelela ekuziphatheni kakubi ngakumbi ngokwesini.”—USARAH,a NGOWASEOSTRELIYA.
NGABA ingakothusa into yokuva ukuba uSarah wakhulela kwikhaya elithanda unqulo? Abazali bakhe bazama ukumkhulisa ngemilinganiselo yeBhayibhile. Kodwa uSarah wakhetha ukuhamba ngelinye ikhondo.
Abantu abaninzi bayavumelana nendlela awakhetha ngayo uSarah. Bakholelwa ukuba imbono yeBhayibhile ngesondo ayisasebenzi. Abanye ababoni nto iphosakeleyo ngokuqhubeka nonqulo ngoxa beziphethe kakubi.
Ngaba kubalulekile ukwazi nokuphila ngokuvisisana noko kufundiswa yiBhayibhile ngesini? IBhayibhile ithi: ‘iphefumlelwe nguThixo kwaye iyingenelo ekufundiseni.’ (2 Timoti 3:16) Ukuba uyakholelwa ukuba uThixo wadala abantu yaye iBhayibhile iliLizwi lakhe eliphefumlelweyo oko ikuthethayo ngalo mbandela ufanele ukwazi.
Ngelishwa, abaninzi badidekile ngoko kufundiswa yiBhayibhile ngokuphathelele isini. Iinkokeli zonqulo ezithi ziyayihlonela iBhayibhile zikhuthaza iingcamango ezibethabethanayo. Lo mbandela uye wazahlula phakathi iicawa ezininzi.
Kunokuba uxhomekeke kwizinto ezithethwa ngabanye abantu, kutheni ungaziphi ixesha ukhe uwuphande lo mbandela? Inqaku elilandelayo liza kuqwalasela imibuzo elishumi edla ngokubuzwa ngembono yeBhayibhile ngesondo. Kweloo nqaku uza kufumana iimpendulo ezicacileyo ezisekelwe koko kufundiswa yiBhayibhile ngokwenene. Inqaku lokugqibela kolu ngcelele liza kuqwalasela isizathu sokuba ukhetho esilwenzayo lubalulekile.
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama litshintshiwe.