IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
Yintoni eyabangela ukuba umngcakazi nomqhekezi aziyeke ezo zinto aze atshintshe ubomi bakhe? Khawuzivele ukuba uthini.
“Ndandiyithanda Imidyarho Yamahashe.”—URICHARD STEWART
UNYAKA WOKUZALWA: 1965
ILIZWE: JAMAICA
UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYENGUMNGCAKAZI NOMQHEKEZI
INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO NGAPHAMBILI: Ndakhulela, kwindawo exineneyo yamahlwempu eKingston, ikomkhulu laseJamaica. Abantu abaninzi babengasebenzi yaye ulwaphulo mthetho lwalusaphula izikeyi. Amaqela oonqevu ayebaphilisa ubomi bentshontsho abantu. Phantse yonke imihla kwakusoloko kuvakala izithonga zemipu.
Umama wayesiwa evuka ukuze akhulise mna nomninawa wam nodade wethu. Wayeqinisekisa ukuba sifumana imfundo esemgangathweni. Ndandingenamdla esikolweni kodwa ndandiwuthanda gqitha umdyarho wamahashe. Ndandidla ngokungayi esikolweni ukuze ndiye kumdyarho wamahashe. Ndade ndawaqabela.
Akuzange kube kudala ndaqalisa ukuwabheja. Ndaqalisa ukuphila ubomi obuvakalala ndaba ngudlalani. Ndanditshaya intsangu ndaza ndaqalisa ukuqhekeza ngenxa yale ndlela ndandiphila ngayo. Ndandinemipu emininzi, kodwa ndinombulelo kuba kungazange kufe mntu kwizenzo zokuqhekeza endabandakanyeka kuzo.
Ekugqibeleni, ndabanjwa ngamapolisa ndaza ndaphoswa ngaphaya kwezitshixo. Emva kokukhululwa kwam, ndaqalisa apho ndandiyeke khona. Inyaniso kukuba ndaqaqadeka ngakumbi. Nangona ndandingumyebelelana, ndandingabuyi ngamva yaye ndikhohlakele. Ndandikhathalele isiqu sam qha.
INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Ngexesha lezinkathazo ebomini bam, umama wafunda iBhayibhile waza waba liNgqina likaYehova. Ndayithanda indlela awayeziphethe ngayo ndaza ndanomdla wokufuna ukwazi. Ndafuna ukwazi isizathu sokuba umama atshintshe, ngoko ndaqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina.
Ndafumanisa ukuba iimfundiso zamaNgqina kaYehova zahlukile kwezo zezinye iinkonzo nokuba yonke into amaNgqina ayithethayo ayixhasa ngeBhayibhile. Yayingawo kuphela endandiwabona eshumayela kwindlu ngendlu njengamaKristu enkulungwane yokuqala. (Mateyu 28:19; IZenzo 20:20) Ndaqonda ukuba ndilufumene unqulo lokwenyaniso xa ndabona indlela athandana ngayo.—Yohane 13:35.
Ngenxa yezinto endazifunda eBhayibhileni, ndayibona imfuneko yokutshintsha indlela endandiphila ngayo. Ndafumanisa ukuba uYehova uThixo uluthiyile uhenyuzo nokuba ukuba ndandiza kumkholisa, kwakuza kufuneka ndiziyeke izinto ezingcolisa umzimba wam. (2 Korinte 7:1; Hebhere 13:4) Ndachukumiseka gqitha xa ndafumanisa ukuba uYehova uThixo uneemvakalelo yaye izenzo zam zinokumcaphukisa okanye zimvuyise. (IMizekeliso 27:11) Ndagqiba ekubeni ndiyeke ukutshaya intshangu, ndahlukane nemipu ndize ndazame ukutshintsha ubuntu bam. Enye yezona zinto kwakunzima ukutshintsha kuzo yayikukuyeka ukuziphatha kakubi nokungcakaza.
Ekuqaleni, ndandingafuni ukuba abahlobo bam bazi ukuba ndifunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Kodwa ndema nematha ndakufunda umbhalo kaMateyu 10:33, othi: “Nabani na ondikhanyelayo phambi kwabantu, nam ndiza kumkhanyela phambi koBawo osemazulwini.” Lo vesi yandenza ndazichazela iitshomi zam ukuba ndifunda namaNgqina. Azizange zikholelwe. Zazingakholelwa ukuba umntu onjengam ufuna ukuba ngumKristu. Ndabachazela ukuba andifuni nto yakwenza nekhondo lam langaphambili.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Umama wavuya gqitha xa endibona ndiqalisa ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile. Ngoku akasaxhalatyiswa kukuba kunokwenzeka ukuba ndenza izinto ezingatshongo khona. Sithetha ngento esidibanisayo uthando lwethu ngoYehova. Maxa wambi, ndikhe ndikhangele emva kwindlela endandiphila ngayo ndiye ndingakholelwa lutshintsho endiye ndalwenza ndincedwa nguThixo. Andisakunqweli ukuphila ubomi bokuziphatha kakubi, nokuthanda izinto eziphathekayo.
Ukuba ndandingazange ndisabele kwisigidimi seBhayibhile mhlawumbi ngekukudala ndafa okanye ndidada entolongweni. Ngoku ndinentsapho eyonwabileyo. Kundivuyisa gqitha ukukhonza uYehova uThixo kunye nomfazi wam onenkxaso nentombi yam ethobelayo. Ndinombulelo kuYehova ngokundivumela ndibe yinxalenye yobuzalwana bobuKristu obunothando. Ndinombulelo ongazenzisiyo ngokuba uthile eye wazixhamla wandifundisa inyaniso yeBhayibhile. Ndiyawaxabisa amathuba avelayo okunceda abanye bafunde ngoko kufundiswa yiBhayibhile. Ndinombulelo ongazenzisiyo kuYehova uThixo ngobubele bakhe bothando ngokunditsalela kuye.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]
“Ndafumanisa ukuba uYehova uThixo uneemvakalelo yaye izenzo zam zinokumcaphukisa okanye zimvuyise”
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Ndayithanda indlela awayeziphethe ngayo
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Ndikuye nomfazi wam nentombi yethu