UAbraham—Indoda Enothando
UAbraham akakwazi kuyifihla intlungu yakhe. USara umfazi wakhe othandekayo ubhubhile. Iinkumbulo ezintle anazo ngomfazi wakhe zithi thaa engqondweni njengoko emngcwaba. Njengoko intlungu yokufelwa iya imongamela, zithi waxa iinyembezi. (Genesis 23:1, 2) Ezo nyembezi azibangelwa kukuba buthathaka kodwa zibonisa olunye lweempawu zakhe ezintle—uthando lwakhe.
YINTONI UTHANDO? Uthando yimvakalelo efudumeleyo yokusondelelana nomnye umntu. Umntu onothando ubonakalisa ngezenzo zakhe indlela avakalelwa ngayo ngabo abathandayo, nokuba loo nto ithetha ukuncama izinto ezithile ngenxa yabo.
UABRAHAM WALUBONAKALISA NJANI UTHANDO? UAbraham wabonisa ukuba uyayithanda intsapho yakhe. Asiyithandabuzi into yokuba uAbraham wayeyindoda exakekileyo. Sekunjalo akazange nanini na angayinyamekeli intsapho yakhe ngokweemvakalelo nangokomoya. Kangangokuba uYehova ngokwakhe wayiqaphela into yokuba uAbraham uyakhokela kunqulo lwentsapho njengentloko. (Genesis 18:19) Ngaphezu koko, uYehova wathetha ngothando luka-Abraham. Ethetha noAbraham, Wabhekisela kuIsake ‘njengonyana wakhe okuphela kwakhe, amthanda kunene.’—Genesis 22:2.
Sinokulubona uthando luka-Abraham ngokubhekele phaya kwindlela awavakalelwa ngayo kukusweleka komfazi wakhe osenyongweni, uSara. UAbraham wamenzela isijwili umfazi wakhe. Nangona wayekhaliphile eyindoda, wayengenazintloni zokubonisa intlungu yakhe. UAbraham wabonisa kokubini uphawu lokomelela nokuba nempatho.
UAbraham wabonisa ukuba uyamthanda uThixo wakhe. Kulo lonke ikhondo lobomi bakhe wabonisa olo thando. Njani? Sinokukhunjuzwa koko kuthethwa yiBhayibhile kweyoku-1 kaYohane 5:3: “Ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe.” Ngalo ngcaciso, uAbraham wayengumzekelo obalaseleyo wokuthanda uThixo.
Sihlandlo ngasinye, xa uYehova enika uAbraham umyalelo wayewuthobela ngokukhawuleza. (Genesis 12:4; 17:22, 23; 21:12-14; 22:1-3) Kungakhathaliseki enoba loo myalelo kwakulula okanye kunzima ukuwuthobela; wayengakhathalele ukwazi isizathu sokuba uYehova afune athobele. KuAbraham ezo zinto zazingabalulekanga. Ukuba uThixo wakhe wayefuna enze okuthile wayekulungele ukukwenza. UAbraham wawujonga umyalelo ngamnye njengethuba elihle lokubonisa indlela amthanda ngayo uYehova.
SIFUNDA NTONI THINA? Sinokumxelisa uAbraham ngokubonisa uthando olufudumeleyo kwabanye, ngokukodwa amalungu eentsapho zethu. Asisayi kuze sivumele iingcinezelo zobomi zihluthe ixesha ebesinokulichitha nabo basondeleyo kuthi.
Siya kuba senza kakuhle xa sihlakulela uthando olusuka entliziyweni ngoYehova. Uthando olunjalo lunokuba namandla kubomi bethu. Ngokomzekelo, lusenokusiphembelela ukuba senze utshintsho kwisimo sengqondo sethu, kwindlela esithetha ngayo nakwindlela esiziphatha ngayo ukuze sikholise uThixo.—1 Petros 1:14-16.
Kuyavunywa ukuba, ukuthobela imithetho kaThixo akuyondlwan’ iyanetha. Kodwa sinokuqiniseka ukuba Lowo wanceda uAbraham—Lowo wathi ‘ungumhlobo wam’—uya kusixhasa nathi. (Isaya 41:8) ILizwi lakhe iBhayibhile, lithembisa ukuba: “Uya kuniqinisa, uya kunomeleza.” (1 Petros 5:10) Esinjani ukuba sihle isithembiso esivela kuMhlobo ka-Abraham onokuthenjwa!
[Ibhokisi ekwiphepha 11]
Ingaba Indoda Ibonisa Ubuthathaka Xa Intywizisa?
Abantu abaninzi bebeya kuthi ewe. Mhlawumbi bebeya kumangaliswa kukufumanisa ukuba uAbraham ngomnye wamadoda omeleleyo, nathembekileyo ethi iBhayibhile alila xa ayebandezelekile. Amanye aquka, uYosefu, uDavide, umpostile uPetros, abadala bebandla lase-Efese, nkqu noYesu. (Genesis 50:1; 2 Samuweli 18:33; Luka 22:61, 62; Yohane 11:35; IZenzo 20:36-38) Kuyacaca, ukuba iBhayibhile ayiyifundisi into yokuba indoda ayimele intywizise.