IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w12 2/1 iphe. 10-13
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
w12 2/1 iphe. 10-13

IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu

YINTONI eyabangela umfama wecuba ukuba angatshintshi nje kuphela indlela aphila ngayo kodwa atshintshe neenkolelo zakhe zonqulo ezendeleyo? Yintoni eyanceda indlamanzi yakwazi ukutshintsha indlela eyayiphila ngayo? Funda ezi ngxelo ukuze ufumane iimpendulo.

“Ndiyakuthanda Ukuba Yinxalenye Yale Ntsapho.”—DINO ALI

UNYAKA WOKUZALWA: 1949

ILIZWE: EOSTRELIYA

UBOMI BANGAPHAMBILI: UMFAMA WECUBA

INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO: Abazali bam bafuduka eAlbania ngowe-1939 baza baya kuhlala kwidolophu encinane yaseMareeba eQueensland, eOstreliya. Kwakule dolophana, kwakukho amaBosniya, amaGrike amaTaliyane namaSebha nezinye iintlanga nto leyo eyayibangela kubekho iinkcubeko nezithethe ezahlukahlukeneyo. IMareeba yayingummandla ekulinywa kuwo icuba, yaye abazali bam baqalisa ukulilima.

Kungabanga ntsuku zatywala, kwazalwa udade wethu omkhulu, kwalandela abakhuluwa bam ababini kwaza kwalandela mna. Okubuhlungu, kukuba xa ndandinonyaka ndizelwe utata wasweleka ngenxa yesifo sentliziyo. Umama waphinda watshata waza waba nabanye oonyana abane. Sonke sakhulela kwifama katata wesibini.

Ndalishiya ikhaya xa ndandikwishumi elivisayo. Xa ndandigqiba kudibanisa amashumi amabini eminyaka ubudala, ndatshata noSaime naye owaye kunqulo lobuSilamsi. Zonke izalamane zam zazingamaSilamsi. Ndandifunda iKoran kwakunye nencwadi ethetha ngembali yomprofeti uMuhammad. Kwangaxeshanye, ndandifunda neBhayibhile. IKoran iyathetha ngabaprofeti abaseBhayibhileni, yaye ukufunda iBhayibhile kwandinceda ndaqonda ixesha ababephila ngalo.

AmaNgqina kaYehova ayesityelela rhoqo aze asishiyele amaphephancwadi neencwadi esasithanda ukuzifunda. Ndikhumbula iingxoxo ezishushu endandiba nazo namaNgqina ngemibandela eyahlukahlukeneyo yonqulo. Ngesinye isihlandlo, andiphendula ngeBhayibhile kunokuba achaze uluvo lwawo. Andizange ndiyilibale loo nto.

AmaNgqina acela ukufunda nam iBhayibhile aze andimemela enkonzweni yawo, kodwa ndandisala. Eyona nto yayiphambili kum yayikukuba nefama yam nentsapho enkulu. Andizange ndide ndibe nayo ifama, kodwa ndaba nabo abantwana abahlanu.

INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO IBHAYIBHILE UBOMI BAM: Ndandisahamba icawa yam kwanasemva kweminyaka elithoba ndadibana namaNgqina kaYehova. Noko ke, ndandikuthanda ukuzifunda iincwadi zawo. Rhoqo ngeeCawa, mna noSaime sasizipha ithuba lokufunda ezi ncwadi. Sasiwagcina onke amaphephancwadi esasiwafumene kwiminyaka yangaphambili. Aba luncedo kakhulu xa abanye babe vavanya ukholo lwam olwalukhula.

Ngokomzekelo, ndadibana nomshumayeli wevangeli owayefuna ukuba ndamkele uYesu njengomSindisi wam. Wakwazi ukweyisela umntakwabo Saime nomnye wabaninawa bam ukuba bamlandele. Akuzange kubekudala, abantu beenkonzo ezahlukahlukeneyo bazama ukundirhwebeshela kwiicawa zabo. Abanye babendinika uncwadi oluhlasela amaNgqina kaYehova. Ndandibacela ukuba bandibonise iimfundiso zabo apho zikhoyo eBhayibhileni, kodwa babengakwazi ukuyiphendula imibuzo yam.

Le nkcaso yandenza ndaphanda eBhayibhileni, ndisebenzisa uncwadi endandilufumene kumaNgqina. Ekugqibeleni, ndaqonda ukuba lifikile ixesha lokuba ndizenze izinto endandizifundile.

Kwakungekho mntu undifundisa iBhayibhile oliNgqina, ndandisiya nje kwinkonzo yawo. Ekuqaleni, ndandibambe umzimba yaye ndineentloni, kodwa ndadibana nabantu abanobuhlobo, yaye ndandizithanda izinto endandizifunda apho. Ndagqiba ekubeni ndiza kuba liNgqina likaYehova, yaye ngowe-1981, ndazinikela kuThixo ndaza ndabhaptizwa.

Umfazi wam akazange asichase isigqibo sam, nangona maxa wambi wayecinga ukuba ndilahlekisiwe. Sekunjalo, wayekho xa ndandibhaptizwa. Ndaqhubeka ndimbalisela ngeenyaniso ezininzi endandizifunda. Emva konyaka ndibhaptiziwe, njengoko sasibuya eholideyini, uSaime wathi naye ufuna ukuba liNgqina. Ndothuka ndaphantse ndayikhupha endlelen’ imoto! Yena wabhaptizwa ngowe-1982.

Kwakungelula ukwenza utshintsho olufunekayo kwindlela esasiphila ngayo. Ndayeka ukulima icuba kuba kuyangqubana nemigaqo yeBhayibhile. (2 Korinte 7:1; Yakobi 2:8) Kwathatha ixesha ngaphambi kokuba sifumane umsebenzi wokusixhasa. Kwakhona, kwadlula iminyaka ezinye izalamane zethu zingafuni ukusibona. Sazama ukuziphatha ngemigaqo yeBhayibhile ngokubonisa uthando kuzo. Ekugqibeleni, zayeka ukusichasa.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ukuvavanywa ngeendlela ezahlukahlukeneyo, enoba kukuba neentloni, iingxaki zemali, okanye ukuchaswa zizalamane, kwandifundisa indlela anomonde ngayo uYehova ukuze ndikwazi ukulungisa iingxaki zam. Ngokomzekelo, ngoku ndingumdala ebandleni yaye ndisoloko ndifundisa abantu eqongeni. Ukuthetha kuseyingxaki kum kuba ndilithintitha ngenxa yokoyika amehlo. Kodwa ngenxa yokusoloko ndithandaza nangoncedo lukaYehova, ndiyakwazi ukusiphumeza esi sabelo.

Ngoku mna nomfazi wam singumtya nethunga, yaye akungeni moya phakathi kwethu. Senza iimpazamo xa sasikhulisa abantwana bethu kodwa sazama ukuzibethelela kubo iinyaniso esasizifunda. (Duteronomi 6:6-9) Eneneni, izibulo lam nomfazi walo bangabathunywa bevangeli.

Ndikhumbula esinye isihlandlo, emva kokuba intsapho yam iqalise ukuhamba inkonzo yamaNgqina. Ndacima imoto ndaza ndakhangela ngaphakathi eholweni kubantu ababehlanganisene apho. Ndabuza intsapho yam, “nibona ntoni?” Ngaphakathi kwakukho abantu abaneenkcubeko, iimvelaphi neelwimi ezahlukahlukeneyo—abaseAlbhaniya, abaseCroatia, aBemi bomthonyama, nabaseOstreliya—bonke bonwabile. Ndiyakuthanda ukuba yinxalenye yale ntsapho inkulu kangaka yabazalwana noodade bokomoya, engekho eOstreliya kuphela kodwa ehlabathini lonke.—1 Petros 5:9.

“Udade Wethu Akazange Andincame.”—YELENA VLADIMIROVNA SYOMINA

UNYAKA WOKUZALWA: 1952

ILIZWE: ERASHIYA

UBOMI BANGAPHAMBILI: INDLAMANZI, EYAZAMA UKUZIBULALA

INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO: Ndazalelwa eKrasnogorsk, isixeko esincinane nesiseluxolweni kufutshane naseMoscow. Abazali bam babengootitshala. Ndandiphumelela emagqabini esikolweni ngenxa yoko ndafundela umculo. Ikamva lam lalibonakala liqaqambile.

Emva kokuba sitshatile nomyeni wam safudukela kwindawo apho ukuthuka, ukunxila nokutshaya yayizizinto zemihla ngemihla. Andizange ndibone ngelo xesha ukuba le ndawo sasihlala kuyo yayindiphembelela. Ekuqaleni ndandisiya kwiziyunguma ukuze ndicule ndize ndidlale nesiginkci. Kwezo ziyunguma abantu babendirhabulisa baze banditshayise icuba. Akuzange kube kudala ndaba yindlamanzi.

Lo mkhwa wokunxila waba yityhefu kubomi bam. Kwandithatha ixesha ngaphambi kokuba nditshone ndingaveli nangonwele kuwo, ndingatyi kwaukutya. Ndandifuna ukufa, ngenxa yoko ndazama ukuzibulala. Ndiyavuya kuba ndingazange ndiphumelele kwelo linge lokuzibulala.

Ngalo lonke eli xesha, udade wethu wayendityelela rhoqo. WayeliNgqina likaYehova, wazama ukundicacisela indlela iBhayibhile enokundinceda ngayo. Ndandingenamdla eBhayibhileni, ngenxa yoko ekuqaleni ndamchasa kodwa akazange andincame. Wabonakalisa umonde nothando kangangokuba ekugqibeleni ndavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.

INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Emva kokuba ndiqalise ukufunda iBhayibhile, ndenza isigqibo sokuba ndiyayeka ukusela. Mayela nelo xesha, ndabethwa ngummelwane wam owayenxilile. Ndaya kulala esibhedlele ndingxwelerhekile. Iimbambo zam ezine zazaphukile, neliso lam lenzakele. Noko ke, ukulala esibhedlele kwandinceda ndakwazi ukuxhathisa ukukhanuka utywala.

Ngalo lonke elo xesha, ndandizingisa emthandazweni. IZililo 3:55, 56 ezithi: “Ndimemeze igama lakho, Yehova, ndisenzulwini yomhadi. Umele ulive ilizwi lam. Musa ukuyifihla indlebe yakho ekukhululekeni kwam, ekukhaleleni kwam uncedo,” sesona sibhalo sandithuthuzela kakhulu.

Ndikholelwa ngokupheleleyo ukuba uYehova wayiphendula imithandazo yam. Wandinika amandla okuba ndingavukwa likakade. Akho amaxesha apho ndandikhe ndilingeke ndifune ukusela kwakhona. Ndiyavuya kuba ndingazange ndinikezele kwezo zilingo.

Njengoko ndandiqhubeka ndifunda iBhayibhile, ndafumanisa ukuba kwakuza kufuneka ndimxhase umyeni wam njengentloko ntsapho. (1 Petros 3:1, 2) Kwakungelula oko kuba ndandisele ndikuqhelile ukumehlisa ndimnyusa. Ndathandaza kuYehova ndicela uncedo. Utshintsho aluzange lwenzeke ngamininye, kodwa ngokuthe ngcembe ndaya ndiphucula.

Wathi akubona olu tshintsho umyeni wam wabamb’ ongezantsi. Kwade kwalelo xesha, engenamdla eBhayibhileni. Kodwa ndathi ndakuyeka ukutshaya, wathi: “Ukuba uyayeka ukutshaya, nam ndiza kufunda iBhayibhile!” Sobabini sayeka ngosuku olunye ukutshaya.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Umyeni wam wasigcina isithembiso sakhe waza waqala ukufundiswa iBhayibhile. Ngoku sifunda iBhayibhile kunye yonke imihla, sicamngce ngezinto esizifundileyo size sizisebenzise kubomi bethu.

Amazwi akanakuyichaza indlela eye yancedakala ngayo intsapho yethu—ndingasathethi ke ngam. Ndiyambulela uYehova ngokuba eye wanditsalela kuye. (Yohane 6:44) Ndiyambulela nodade wethu ongazange andincame. Umphumo ube kukuba ndiye ndazibonela ngokwam ukuba iBhayibhile iyabutshintsha ubomi babantu.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]

Ndaqonda ukuba lifikile ixesha lokuba ndizenze izinto endandizifundile

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 13]

Udade wethu wabonakalisa umonde nothando kangangokuba ekugqibeleni ndavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share