‘UNyana Uthanda Ukumtyhila UYise’
‘Akukho nabani na umaziyo uBawo ngaphandle kukaNyana, nalowo uNyana athanda ukumtyhila kuye.’—LUKA 10:22.
UBUYA KUPHENDULA UTHINI?
Kwakutheni ukuze uYesu akufanelekele ngokukhethekileyo ukutyhila uYise?
UYesu wamtyhila njani uYise kwabanye?
Ziziphi iindlela onokumxelisa ngazo uYesu ekutyhileni uYise?
1, 2. Nguwuphi umbuzo oxaka abantu abaninzi, yaye ngoba?
‘NGUBANI uThixo?’ Lo mbuzo uyabaxaka abantu abaninzi. Ngokomzekelo, nangona uninzi lwabo bazibanga bengamaKristu lukholelwa ukuba uThixo unguBathathu Emnye, abaninzi bayavuma ukuba le mfundiso ayinakuqondwa. Omnye umbhali nongumfundisi wavuma wathi: “Le mfundiso inzima gqitha. Amandla engqondo yomntu akanakukwazi ukuyibamba.” Kwelinye icala, abaninzi abayikholelwayo imfundiso yendaleko bathi akukho Thixo. Bacinga ukuba yonke le ndalo imangalisayo yabakho ngamabona-ndenzile. Sekunjalo, endaweni yokungavumi ukuba uThixo ukho, uCharles Darwin wathi: “Kum esona sigqibo sikhuselekileyo sesokuba wonke lo mbandela wendalo awunakuze uqondwe mntu.”
2 Abantu abaninzi, enoba bakholelwa entwenini, baye bayicingisisa imibuzo emininzi ephathelele ubukho bukaThixo. Noko ke, bathi bakungazifumani iimpendulo ezanelisayo, bagqibele beyekile ukufuna ukwazi ngoThixo. Eneneni, uSathana ‘uye wazimfamekisa iingqondo zabangakholwayo.’ (2 Kor 4:4) Ngoko ke, akumangalisi ukuba uluntu lushiyeke ludidekile yaye lungamazi kakuhle uBawo, uMdali wendalo yonke!—Isaya 45:18.
3. (a) Ngubani oye wasityhilela uMdali? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuthetha ngayo?
3 Sekunjalo, kubalulekile ukuba abantu bafunde inyaniso ngoThixo. Kutheni kunjalo nje? Kungenxa yokuba ngabo babiza “egameni likaYehova” kuphela abaya kusindiswa. (Roma 10:13) Ukubiza egameni likaThixo kuquka ukuba nobuhlobo noYehova njengoMntu. UYesu Kristu walutyhila kubafundi bakhe olu lwazi lubalulekileyo. Wamtyhila uYise kubo. (Funda uLuka 10:22.) Kutheni uYesu wakwaziyo ukumtyhila uYise kangangokude kungabikho bani ungomnye unokukwazi ukwenjenjalo? Wakwenza njani oko? Yaye sinokumxelisa njani uYesu ekutyhileni uYise kwabanye? Makhe sithethe ngale mibuzo.
UYESU KRISTU—UKUFANELEKELA NGOKUKHETHEKILEYO
4, 5. Kwakutheni ukuze uYesu abe kwisigxina esikhethekileyo sokutyhila uYise?
4 UYesu wayekufanelekele ngokukhethekileyo ukutyhila uYise. Ngoba? Kuba ngaphambi kokuba zonke izinto eziphilayo zidalwe, esi sidalwa singumoya esathi kamva saba ngumntu onguYesu, sasisele sikho emazulwini ‘singuNyana okuphela kozelwe nguThixo.’ (Yohane 1:14; 3:18) Sikhetheke ngokwenene eso sigxina! Ekubeni yayinguye kuphela isidalwa esasikho ngelo xesha, uNyana wafumana yonke ingqalelo kaYise waza wafunda Ngaye nangeempawu Zakhe. Zimele ukuba zininzi izinto abancokola ngazo kuloo mawakawaka eminyaka, baza bakha ubuhlobo obusenyongweni bobabini. (Yohane 5:20; 14:31) Ngenene imele ukuba ininzi into eyafundwa nguNyana ngobuntu bukaYise!—Funda eyabaseKolose 1:15-17.
5 UYise wakhetha uNyana wakhe ukuba abe sisithethi Sakhe, ‘uLizwi likaThixo.’ (ISityhi. 19:13) Ngoko, uYesu waba kwisigxina esikhethekileyo sokutyhila uYise kwabanye. Kungenxa yoko, umbhali weVangeli uYohane wamchaza uYesu, “uLizwi,” ‘njengokuphela kozelweyo osesifubeni sikaYise.’ (Yoh. 1:1, 18) Ngelo binzana, kusenokwenzeka ukuba uYohane wayecinga ngesiko elalixhaphakile ngemihla yakhe ngamaxesha ezidlo. Omnye umntu wayenokuhlala kanye phambi komnye esofeni. Xa behleli ngokusondeleleneyo, aba babini babenokuncokola ngokulula. Ngokufanayo, uNyana “osesifubeni” wakwazi ukuba neencoko zobuhlobo noYise.
6, 7. Ulwalamano phakathi kukaYise noNyana luqhubeke njani lukhula?
6 Ulwalamano phakathi koYise noNyana lwaqhubeka lukhula. UNyana ‘waba ngulowo [uThixo] wamthanda ngokukhethekileyo imihla ngemihla.’ (Funda iMizekeliso 8:22, 23, 30, 31.) Ngoko, kusengqiqweni ukuba ulwalamano oluphakathi kwabo bobabini lomelele ngakumbi njengoko besebenza kunye, nanjengoko uNyana exelisa iimpawu zikaYise. Njengoko kwakudalwa ezinye izidalwa ezikrelekrele, uNyana wayibona indlela uYehova awayeqhubana ngayo nesidalwa ngasinye, yaye ngokuqinisekileyo lwakhula uxabiso awayenalo ngoThixo.
7 Kwanaxa uSathana wacel’ umngeni ulongamo lukaYehova, uNyana wafunda indlela uYehova alubonakalisa ngayo uthando, ubulungisa, ubulumko namandla xa ejamelene nemeko enzima. Ngaphandle kwamathandabuzo kumele ukuba oku kwafundisa uYesu indlela yokujamelana neengxaki awadibana nazo kamva kubulungiseleli bakhe basemhlabeni.—Yoh. 5:19.
8. Iingxelo zeVangeli zisinceda njani sifunde okungakumbi ngeempawu zikaYise?
8 Ngenxa yolwalamano lwakhe olusondeleyo noYehova, uYesu wakwazi ukumtyhila ngokugqibeleleyo uYise ngaphezu kwakhe nabani na. Eyona ndlela ibalaseleyo kuthi yokufunda ngoYise kukufunda koko unyana okuphela kozelweyo wakufundisayo nawakwenzayo. Ngokomzekelo, khawucinge indlela ebekuya kuba nzima ngayo kuthi ukuqonda oko kuthethwa ligama elithi “uthando,” ukuba besifunda kuphela ingcaciso yalo kwisichazi-magama. Sekunjalo, xa sicinga ngoko sikufunda kubabhali beVangeli ngobulungiseleli bukaYesu nangeendlela zakhe zokukhathalela abanye, siya kuliqonda ngakumbi ibinzana elithi “UThixo uluthando.” (1 Yoh. 4:8, 16) Kuya kuba njalo nangezinye iimpawu zikaThixo, uYesu awazityhilela abafundi bakhe ngoxa wayesemhlabeni.
INDLELA UYESU AMTYHILA NGAYO UYISE
9. (a) Ziziphi iindlela ezimbini uYesu aye wamtyhila ngazo uYise? (b) Yenza umzekelo obonisa indlela uYesu awamtyhila ngayo uYise kwimfundiso yakhe.
9 UYesu wamtyhila njani uYise kubafundi bakhe nakwabo abathi kamva baba ngabalandeli bakhe? Wakwenza oko ngeendlela ezimbini: ngeemfundiso zakhe nangehambo yakhe. Okokuqala makhe sihlole iimfundiso zikaYesu. Oko uYesu wakufundisa abalandeli bakhe, kwabonisa ukuba uziqonda ngokupheleleyo iingcamango, iimvakalelo, kwakunye neendlela zikaYise. Ngokomzekelo, uYesu ufanisa uYise nomnini womhlambi onenkathalo othi ahambe aye kufuna imvu elahlekileyo. Uthi, xa eyifumana “uba nemihlali ngakumbi ngayo kunangezo zingamashumi asithoba anesithoba ezingakhange zibhadule.” Kwakutheni ukuze kusetyenziswe lo mzekeliso? UYesu uyacacisa: “Kwangokunjalo naye uBawo osezulwini akanqweneli ukuba kutshabalale namnye waba bancinane.” (Mat. 18:12-14) Yintoni oyifundayo ngoYehova kulo mzekeliso? Enoba maxa wambi uye uvakalelwe kukuba akuxabisekanga yaye ulityelwe, uYihlo wasemazulwini unomdla kuwe yaye ukukhathalele. Emehlweni akhe, ‘ungomnye wabancinane.’
10. UYesu uye wamtyhila njani uYise kwihambo yakhe?
10 Enye indlela yesibini uYesu aye wamtyhila ngayo uYise kubafundi bakhe kungehambo yakhe. Xa umpostile uFilipu wathi kuYesu: “Sibonise uYihlo,” wayefanele ukuthi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noBawo.” (Yoh. 14:8, 9) Ngoko nantsi eminye yemizekelo athe uYesu wabonisa ngayo iimpawu zikaYise. Xa wabongozwa ngumntu ‘owayezele liqhenqa’ ukuba amphilise, uYesu wamchukumisa waza wathi: “Ndiyathanda. Hlambuluka.” Ngaphandle kwamathandabuzo, lo mntu wayephiliswe kwiqhenqa lakhe waqonda ukuba nguYehova onike uYesu amandla okwenjenjalo. (Luka 5:12, 13) Kwakhona, xa uLazaro wafayo, abafundi bamele ukuba bayiva imfesane kaYise xa uYesu “wagcuma emoyeni, wakhathazeka” zaza zathi “waxa iinyembezi.” Nangona uYesu wayesazi ukuba uza kumvusa uLazaro, wayiva intlungu eyathi yabonakala kwintsapho nakubahlobo bakaLazaro. (Yoh. 11:32-35, 40-43) Ngokuqinisekileyo kusenokwenzeka ukuba nawe unawakho amabali eBhayibhile owathandayo ngoYesu, naye akunceda wabona inceba kaYise kuye.
11. (a) Xa uYesu wayecoca itempile, watyhila ntoni ngoYise? (b) Kutheni ingxelo kaYesu engokucoca itempile inesiqinisekiso kuthi?
11 Noko ke, ufunda ntoni kwibali likaYesu lokucoca kwakhe itempile? Yiba ngathi uyakubona oko kusenzeka: UYesu wenza iziniya ngentsontelo, waza wabagxotha etempileni bonke abo babethengisa iinkomo nezimvu. Wazisasaza iingqekembe zabatshintshi bemali waza wazibhukuqa iitafile zabo. (Yoh. 2:13-17) Elo nyathelo lirhabaxa lakhumbuza abafundi amazwi esiprofeto kaKumkani uDavide athi: “Kuba ukuzondelela indlu yakho ngokupheleleyo kundidlile.” (INdu. 69:9) Ngokugxotha aba bantu etempileni, uYesu wabonisa umnqweno onamandla wokukhusela unqulo lokwenyaniso. Ngaba ngoxa ufunda eli bali uyabubona ubuntu bukaYise? Le nto isikhumbuza ukuba uThixo unamandla ngokupheleleyo okususa ubungendawo apha emhlabeni, yaye unomnqweno wokwenjenjalo. Ukuthiya kukaYesu ububi, kusenza siqiniseke ukuba uYise uvakalelwa ngendlela efanayo xa ejonge ubungendawo obuqatseleyo apha emhlabeni. Oku kusomeleza ngokwenene xa sijamelene nokungabikho kobulungisa!
12, 13. Unokufunda ntoni ngoYehova kwindlela uYesu awaqhubana ngayo nabafundi bakhe?
12 Makhe sihlole omnye umzekelo—indlela uYesu awayeqhubana ngayo nabafundi bakhe. Babexoxisana ngokuba ngubani omkhulu. (Marko 9:33-35; 10:43; Luka 9:46) Ngenxa yokuba uYesu wachitha ixesha elininzi ekunye noYise, wayeyazi kakuhle indlela uYehova awayevakalelwa ngayo ngekratshi. (2 Sam. 22:28; INdu. 138:6) Ngaphezulu, wayeyibonile indlela yokuziphatha kaSathana uMtyholi. USathana sisidalwa esinekratshi kakhulu nesikhathalele izilangazelelo zaso kuphela. Ngoko, uYesu umele ukuba wayebuhlungu kakhulu ukubona abafundi bakhe benesimo sengqondo sokuziphakamisa ekubeni wayebafundisile! Lo moya wawukhona naphakathi kwabo wayebakhethe ukuba babe ngabapostile! Esi simo sengqondo basibonakalisa kwada kwaziintsuku zokugqibela zokuphila kukaYesu emhlabeni. (Luka 22:24-27) Sekunjalo, uYesu waqhubeka ebabongoza ngobubele, ngaphandle kokuphelelwa lithemba lokuba ekugqibeleni baya kufunda ukuxelisa isimo sengqondo sokuthobeka njengaye.—Fil. 2:5-8.
13 Ngaba uyasibona isandla sikaYise kwindlela uYesu awathi ngomonde wabalungisa ngayo abafundi bakhe ekwenzeni okubi? Kumazwi nakwizenzo zikaYesu, ngaba uyayibona indlela amxelisa ngayo uYise ongabatyesheliyo abantu bakhe enoba basilela ngokuphindaphindiweyo? Luluphi uphawu lukaThixo esilwaziyo, olusiqhubela ekubeni siguquke xa siphazamile?
UNYANA UKULUNGELE UKUMTYHILA UYISE
14. UYesu wakubonisa njani ukuba ukulungele ukumtyhila uYise?
14 Iinkokeli ezininzi zizama ukugcina abantu bephantsi kolawulo lwazo zize zibabhide ngokubafihlela inkcazelo. Ngokungafaniyo nazo, uYesu wayekulungele ukwabelana nabanye ngoko wayekwazi ngoYise, emtyhila ngokupheleleyo kubo. (Funda uMateyu 11:27.) Ukongezelela, uYesu wabanika abafundi bakhe ‘amandla okuqonda ukuze bamazi lowo uyinyaniso,’ uYehova uThixo. (1 Yoh. 5:20) Kwakutheth’ ukuthini oku? UYesu wazivula iingqondo zabalandeli bakhe ukuze baziqonde iimfundiso zakhe ngoYise. Akazange amfihle uYise ngokufundisa iimfundiso ezingaqondakaliyo, njengemfundiso kaBathathu Emnye.
15. Kwakutheni ukuze uYesu angayityhili yonke inkcazelo engoYise?
15 Ngaba uYesu ukutyhile konke oko ebekwazi ngoYise? Hayi, ngobulumko akazithethanga zonke izinto ebezazi. (Funda uYohane 16:12.) Ngoba? Kuba ngelo xesha abafundi bakhe ‘babengenakukwazi ukuyithwala’ loo mfundiso. Njengoko uYesu wacacisayo, ulwazi oluninzi lwaluya kutyhilwa ngexesha lokufika ‘komncedi,’ umoya oyingcwele, owawuza kubakhokelela “kuyo yonke inyaniso.” (Yoh. 16:7, 13) Kanye njengokuba abazali abalumkileyo benokungachazi yonke into ebantwaneni babo bade bakhule ngokwaneleyo ukuze baqonde, ngoko uYesu walinda bada bakhula ngokupheleleyo abafundi bakhe ukuze abafundise ngezinye iinkalo ngoYise. UYesu ngobubele wayekuqonda ukusikelwa kwabo umda.
XELISA UYESU NGOKUNCEDA ABANYE BAMAZI UYEHOVA
16, 17. Kutheni unelungelo lokutyhila uYise kwabanye?
16 Xa umntu othile umazi kakuhle yaye uzithanda iimpawu zakhe ezintle, ngaba oko akukwenzi ufune ukuxelela abanye ngaye? Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu wathetha ngoYise. (Yoh. 17:25, 26) Ngaba akunakwenzeka na ngathi ukuba sixelise uYesu ekuthetheni nabanye ngoYehova?
17 Njengoko sesifundile, uYesu wayemazi ngaphezu kwakhe nabani na uYise. Sekunjalo, wayekulungele ukwabelana nabanye ngolo lwazi, wada wenza nabalandeli bakhe baziqonda iimpawu zikaThixo. Ngokungafaniyo nabanye abantu namhlanje, siyayixabisa into yokuba uYesu esincede ukuba simazi uBawo. Sinombulelo ongazenzisiyo kuba uYesu ngokusuka kwiimfundiso nangehambo yakhe, uye wakulungela ukumtyhila uYise kuthi! Enyanisweni, singakwazi ukuqhayisa ngokupheleleyo kuba simazi uBawo. (Yer. 9:24; 1 Kor. 1:31) Njengoko siye sazabalazela ukusondela kuYehova, naye uye wasondela kuthi. (Yak. 4:8) Ngoko, sikulungele ukwabelana nabanye ngolu lwazi. Singakwenza njani oko?
18, 19. Ziziphi iindlela onokumtyhila ngazo uBawo kwabanye? Cacisa.
18 Xa sixelisa uYesu ngoko sikuthethayo nesikwenzayo, ngaloo ndlela sityhila uYise kwabanye. Khumbula ukuba abantu abaninzi esidibana nabo entsimini abamazi uThixo. Imbono yabo ngoThixo isenokuba igqwethwe ziimfundiso zobuxoki. Sinako ukwabelana nabo ngoko sikwaziyo ngegama likaThixo, injongo yakhe ngabantu neempawu zakhe, njengoko zityhiliwe eBhayibhileni. Ngaphezu koko, sisenokuxubusha nabazalwana bethu ngezinye iingxelo eziseBhayibhileni ezityhila uphawu lukaThixo ngendlela esenza siluxabise. Ngaloo ndlela, nabo banokusenza singenelwe ngakumbi.
19 Sifanele sixelise uYesu ekumtyhileni uYise kwindlela esiziphethe ngayo. Xa abantu bebona uthando esinalo ngoKristu kwindlela esenza ngayo izinto, nabo baya kufuna ukuba nolwalamano noYesu kunye noYise. (Efe. 5:1, 2) Umpostile uPawulos wathi: ‘Yibani ngabaxelisa yena, njengoko naye exelisa uKristu.’ (1 Kor. 11:1) Elinjani ilungelo esinalo lokunceda abantu babone uYehova kwindlela esiziphethe ngayo! Ewe, ngamana sonke singaqhubeka sixelisa uYesu ngokutyhila uYise kwabanye.