Ngaba UYehova Umjonga NjengoYihlo?
“NKOSI, sifundise ukuthandaza.” Xa omnye wabafundi bakhe wenza eso sicelo uYesu wathi: “Xa sukuba nithandaza, yithini, ‘Bawo, malingcwaliswe igama lakho.’” (Luka 11:1, 2) UYesu wayesenokubiza uYehova ngezi zibizo, ‘uSomandla,’ “umYaleli Ozukileyo,” “uMdali,” “uNyangelemihla” ‘noKumkani kanaphakade.’ (Gen. 49:25; Isa. 30:20; 40:28; Dan. 7:9; 1 Tim. 1:17) Kunoko, wakhetha ukumbiza ngokuthi “Bawo.” Kwakutheni? Mhlawumbi kungenxa yokuba ufuna sithethe noyena Mntu uphakamileyo ngendlela umntwana ebeya kuthetha ngayo noyise amthandayo.
Noko ke, abanye abantu bakufumanisa kunzima ukujonga uThixo njengoBawo. Omnye umKristu ogama linguAtsukoa uthi, “Emva kweminyaka ndibhaptiziwe ndandisakufumanisa kunzima ukuba nolwalamano olusondeleyo noYehova nokuthandaza kuye njengoBawo.” Echaza isizathu soko uthi, “Utata ondizalayo wayengenabubele.”
Kule mihla yokugqibela yamanqam, ootata abaninzi abanawo “umsa wemvelo.” (2 Tim. 3:1, 3) Ngoko kuqhelekile ukuba abantu bavakalelwe njengoAtsuko. Noko ke, kuyasikhuthaza ukwazi ukuba sinokujonga uYehova njengoBawo onothando.
UYehova—UMlungiseleli Onothando
Ukuze uYehova simjonge njengoBawo, simele simazi kakuhle. UYesu wathi: ‘Akukho nabani na umazi ngokupheleleyo uBawo ngaphandle kukaNyana naye nabani na lowo uNyana athanda ukumtyhila kuye.’ (Mat. 11:27) Eyona nto inokusinceda sijonge uYehova njengoBawo kukucinga ngoko kwachazwa nguYesu ngoThixo oyinyaniso. Ngoko, yintoni uYesu awasifundisa yona ngoYise?
Echaza uYehova njengoMthombo wobomi, uYesu wathi: “Ndiphila ngenxa kaBawo.” (Yoh. 6:57) Nathi siphila ngenxa kaBawo. (INdu. 36:9; IZe. 17:28) Yintoni eyabangela ukuba uYehova anike abantu ubomi? Ngaba wayengaqhutywa luthando? Nathi sifanele simthande uBawo wethu wasezulwini ngenxa yesi sipho.
Eyona ndlela uThixo awabonisa ngayo uthando kuluntu, lilungiselelo lakhe ledini lentlawulelo kaYesu. Ngoko abantu abanesono bayakwazi ukuba nolwalamano olusondeleyo noYehova ngenxa yoNyana wakhe amthandayo. (Roma 5:12; 1 Yoh. 4:9, 10) Ekubeni uBawo wethu wasezulwini ezizalisekisa izithembiso zakhe, sinokuqiniseka ukuba bonke abo bamthandayo nabamthobelayo baya kufumana ‘inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’—Roma 8:21.
UBawo wethu wasezulwini ‘wenza ilanga lakhe liphume’ yonke imihla. (Mat. 5:45) Asikhe sicinge ngokuthandazela ukuba ilanga liphume. Kodwa, siyabufuna ubushushu balo! Ngaphezulu, uBawo wethu unguMlungiseleli ongenakuthelekiswa namntu, ozaziyo izinto esizifunayo singekamceli. Ngoko, ngaba asifanele sizinike ixesha lokucingisisa size sibonakalise uxabiso ngendlela uBawo wethu osezulwini ayinyamekela ngayo indalo yakhe?—Mat. 6:8, 26.
UBawo Wethu—“UMkhuseli Onothando”
Isiprofeto sikaIsaya saqinisekisa abantu bakaThixo bamandulo: “Iintaba zingashenxiswa, neenduli zingashukuma, kodwa ubuhlobo bam abuyi kushenxiswa kuwe, nomnqophiso wam woxolo awuyi kushukuma, utsho uYehova, umkhuseli onothando.” (Isa. 54:10, The Bible in Living English) Ebethelela le ngongoma xa wayethandaza ngobusuku bakhe bokugqibela emhlabeni, uYesu wabonisa ukuba uYehova ngokwenene ‘ungumkhuseli onothando.’ Ethandazela abafundi bakhe, uYesu wathi: “Basehlabathini yaye mna ndiza kuwe. Bawo Ongcwele, balinde ngenxa yegama lakho ondinike lona.” (Yoh. 17:11, 14) UYehova uye wabanyamekela waza wabakhusela abalandeli bakaYesu.
Enye indlela uThixo asikhusela ngayo kumacebo kaSathana namhlanje kukusilungiselela ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo esebenzisa ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 24:45) Ukuze ‘sambathe sonke isikrweqe sikaThixo’ kubalulekile ukuba sizondle ngoku kutya. Ngokomzekelo, cinga ‘ngekhaka elikhulu lokholo’ elisinceda ‘sikwazi ukucima yonke imijukujelwa evuthayo yalowo ungendawo.’ (Efe. 6:11, 16) Ukholo lwethu luyasikhusela ngokomoya yaye lukwabubungqina bokuba siyaqonda ukuba uBawo wethu unawo amandla okusikhusela.
Singafunda ngakumbi ngothando lukaBawo wethu wasezulwini xa siqwalasela indlela awayephila ngayo uNyana kaThixo. Phawula ingxelo ekuMarko 10:13-16. Kule ngxelo kuthiwa uYesu wathi kubafundi bakhe: “Bayekeni abantwana abaselula beze kum.” UYesu wabawola waza wabasikelela abo bantwana. Bamele ukuba bazaliswa yimincili! Yaye ekubeni uYesu wathi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noBawo,” siyazi ukuba uThixo oyinyaniso ufuna sisondele kuye.—Yoh. 14:9.
UYehova uThixo ungowona Mthombo mkhulu wothando. UnguMlungiseleli noMkhuseli ongenakuthelekiswa namntu, ofuna ukuba sisondele kuye. (Yak. 4:8) Ngoko alithandabuzeki elokuba uBawo wethu onguYehova akanakuthelekiswa namntu!
Indlela Esingenelwa Ngayo!
Xa sikholosa ngoYehova njengoBawo wethu wasezulwini onothando, singenelwa kakhulu. (IMize. 3:5, 6) UYesu wancedwa kukukholosa ngoYise ngokupheleleyo. UKristu wathi kubafundi bakhe: “Andindedwa, kodwa uBawo ondithumileyo ukunye nam.” (Yoh. 8:16) UYesu wayeqinisekile ukuba uYehova uya kusoloko emxhasa. Ngokomzekelo xa wayebhaptizwa, uYise wamqinisekisa ukuba uyamthanda, kuba wathi: “Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.” (Mat. 3:15-17) Yaye ngaphambi kokuba afe, uYesu wathi: “Bawo, ndiwuyekela ezandleni zakho umoya wam.” (Luka 23:46) UYesu waqhubeka ekholose ngoYise.
Kunokuba njalo nakuthi. Xa uYehova engakuthi, yintoni esinokuyoyika? (INdu. 118:6) UAtsuko, ekuthethwe ngaye ekuqaleni, wayeqhele ukuthembela emandleni akhe xa eneengxaki. Kodwa wafunda ngobomi nobulungiseleli bukaYesu, ngokukodwa ulwalamano awayenalo noYise wasezulwini. Waba yintoni umphumo? UAtsuko uthi: “Ndafunda ukuba kuthetha ukuthini ukuba noBawo nokukholosa ngaye.” Wongezelela athi: “Ndaba noxolo nolonwabo lokwenene. Asinasizathu sakukhathazeka nangantoni na.”
Singenelwa njani ngokujonga uYehova njengoBawo? Ngokuqhelekileyo abantwana bayabathanda abazali babo yaye bafuna ukubakholisa. UNyana kaThixo ‘wayesoloko esenza izinto ezikholekileyo kuYise,’ kuba wayemthanda. (Yoh. 8:29) Ngokufanayo, xa simthanda uBawo wethu sinokwenza izinto ngobulumko size ‘simdumise esidlangalaleni.’—Mat. 11:25; Yoh. 5:19.
UBawo Wethu ‘Ubamba Isandla Sethu Sasekunene’
UBawo wethu wasezulwini usinike ‘nomncedi’—umoya wakhe oyingcwele. UYesu wathi, “uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso.” (Yoh. 14:15-17; 16:12, 13) Umoya oyingcwele kaThixo unokusinceda simazi ngakumbi uBawo wethu. Unokusinceda sibhukuqe “izinto ezinqatyisiweyo,” oko kukuthi iingcamango eziphosakeleyo nezigqwethekileyo esasinazo ngaphambili, ukuze ‘sithimbe zonke iingcamango sizenze zithobele uKristu.’ (2 Kor. 10:4, 5) Ngoko ke, masithandaze kuYehova sicele “umncedi,” siqinisekile ukuba ‘uBawo wasezulwini uya kubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo.’ (Luka 11:13) Sinokuwucela umoya oyingcwele ukuba usincede sisondele ngakumbi kuYehova.
Umntwana uziva ekhuselekile yaye akoyiki xa ehamba noyise embambe ngesandla. Ukuba uYehova umjonga njengoYihlo, la mazwi anokukuthuthuzela: “Mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene, ndithi kuwe, ‘Musa ukoyika. Mna ngokwam ndiza kukunceda.’” (Isa. 41:13) Unokufumana ilungelo elikhethekileyo ‘lokuhamba’ noThixo ngonaphakade. (Mika 6:8) Qhubeka usenza ukuthanda kwakhe yaye uya kufumana uthando, uvuyo nokhuseleko kuba ujonga uYehova njengoYihlo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Asilogama lakhe eli.