Funda KwiLizwi LikaThixo
Zisichaphazela Njani Izidalwa Zomoya?
Eli nqaku libuza imibuzo ekusenokwenzeka ukuba ukhe wazibuza yona lize libonise iimpendulo zayo eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukuthetha nawe ngeempendulo zale mibuzo.
1. Zingobani iingelosi?
Iingelosi zizidalwa zomoya eziphila ezulwini. Ziphila ubomi obuphezulu kunobo babantu. UThixo wenyaniso ongumoya, wazidala iingelosi ngaphambi kokuba adale umhlaba. (Yobhi 38:4, 7; Mateyu 18:10) UYehova ungqongwe zizigidi zeengelosi ezithembekileyo.—Funda iNdumiso 103:20, 21; Daniyeli 7:9, 10.
2. Ngaba ziyabanceda abantu iingelosi?
Iingelosi zanceda indoda elilungisa enguLote. Wayehlala kwisixeko uThixo awayezimisele ukusitshabalalisa ngenxa yobubi babantu. Iingelosi ezimbini zalumkisa uLote nentsapho yakhe ukuba basabe. Uninzi lwabantu aluzange lusinanze eso silumkiso. Kodwa uLote neentombi zakhe basinda ngenxa yokuba basithobela isilumkiso sikaThixo awasidlulisela ngeengelosi zakhe.—Funda iGenesis 19:1, 13-17, 26.
IBhayibhile ibonisa ukuba iingelosi ziyabanceda abantu namhlanje ngokukhokela abo bashumayela iindaba ezilungileyo ngoBukumkani bukaThixo ngokuthembeka. (Mateyu 24:14) Iindaba ezilungileyo ziquka isilumkiso. Njengesilumkiso esanikwa uLote aziyondlalo. Ziphuma kuThixo ngeengelosi.—Funda iSityhilelo 1:1; 14:6, 7.
UThixo usenokusebenzisa iingelosi ukuba zisomeleze xa sijamelana neemvavanyo. Wazisebenzisa ukuze omeleze uYesu.—Funda uLuka 22:41-43.
Kungekudala uThixo uza kuzisebenzisa iingelosi zakhe—naxa eshenxisa abantu abangendawo ababangela ukubandezeleka. Oko kuyakuzisa isiqabu esichulumancisayo kuluntu.—Funda eye-2 kwabaseTesalonika 1:6-8.
3. Zisichaphazela njani iidemon?
Njengoko abantu abaninzi emhlabeni beye benza izinto ezimbi zokungathobeli uThixo nasezulwini zininzi iingelosi eziye zamvukela uThixo. (2 Petros 2:4) Iingelosi ezingathobeliyo zibizwa ngokuba ziidemoni. Intshatsheli kuzo nguSathana uMtyholi. USathana needemon zakhe balahlekisa uluntu.—Funda iSityhilelo 12:9.
USathana uye wasebenzisa inkqubo yezoshishino eyonakeleyo, oorhulumente babantu nonqulo lobuxoki ukuze ashenxise abantu kuThixo. Ngoko, uSathana ngunobangela wokungabikho kokusesikweni, ugonyamelo, nokubandezeleka okucinezela uluntu.—Funda eyoku-1 kaYohane 5:19.
4. Zibalahlekisa njani abantu iidemon?
USathana ukhohlise abantu abaninzi ngemfundiso yokuba abantu abangasekhoyo bayakwazi ukunxibelelana nabantu. Kodwa ke, iBhayibhile ithi ngabafi abazi nto konke konke. (INtshumayeli 9:5) Kodwa iidemon ziqhubeka zikhohlisa abantu ngokwenza ngathi kuthetha loo mntu ungasekhoyo. (Isaya 8:19) Iidemon zilahlekisa abantu ngokuthetha nemimoya, nabaxeli thamsanqa, ukuxela ithamsanqa kwangaphambili, ukuvumisa nokuvumisa ngeenkwenkwezi. ILizwi likaThixo lisilumkisa nxamnye noqheliselo olunjalo. Ngoko simele silahle nantoni na esinayo enokusinxibelelanisa ngandlel’ ithile okanye ngokufihlakeleyo needemon.—Funda iDuteronomi 18:10, 11; IZenzo 19:19.
Ukuba siyamthanda uYehova, akukho sizathu sakuzoyika iidemon. Xa sifunda iLizwi likaThixo size senze ngokuvumelana nalo siyamchasa uMtyholi size sisondele kuThixo. UYehova unamandla lee kuneedemon. Iingelosi zakhe ezithembekileyo ziyasomeleza ngamaxesha obunzima.—Funda iNdumiso 34:7; Yakobi 4:7, 8.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 10 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.