IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w14 9/1 iphe. 16
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngoobani Okanye Ziintoni Iingelosi?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Zisichaphazela Njani Izidalwa Zomoya?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Iingelosi—Indlela Ezisichaphazela Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Iingelosi—“Oomoya Abasebenzela Uwonke-Wonke”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
w14 9/1 iphe. 16

IIMPENDULO ZEMIBUZO YEBHAYIBHILE

Ngaba iingelosi zinokusinceda?

UDaniyeli ukhuselwe yingelosi emngxunyeni weengonyama

Njengoko mandulo iingelosi zanceda umkhonzi othembekileyo kaThixo uDaniyeli, namhlanje zinceda abantu beve iindaba ezilungileyo

UYehova uThixo wadala izigidi zeengelosi kwakude kudala ngaphambi kokuba adale abantu. (Yobhi 38:4, 7) Ezi ngelosi zizidalwa zomoya ezikhonza uThixo, ibe maxa wambi uzithuma ukuba zikhusele abakhonzi bakhe basemhlabeni. (INdumiso 91:10, 11) Namhlanje, iingelosi zinceda abantu bafumane iindaba ezilungileyo ezishunyayelwa ngabalandeli bakaYesu.—Funda iSityhilelo 14:6, 7.

Ngaba sifanele sithandaze kwiingelosi sicela uncedo? Akunjalo. Xa sithandaza siyanqula, ibe nguThixo kuphela esimele simnqule. (ISityhilelo 19:10) Ekubeni iingelosi zingabakhonzi bakaThixo, ziphulaphula yena kunabantu. Ngoko sifanele sithandaze kuThixo kuphela egameni likaYesu.—Funda iNdumiso 103:20, 21; Mateyu 26:53.

Ngaba zikho iingelosi ezingendawo?

Njengabantu, iingelosi zidalwe zanenkululeko yokuzikhethela, ngoko zinokukhetha ukwenza okulungileyo okanye okuphosakeleyo. Okubuhlungu kukuba, iingelosi ezininzi ziye zamvukela uThixo. (2 Petros 2:4) Kwaqala uSathana, nezinye zalandela zaza zaba ziidemon. Kamva, uSathana needemon zakhe bagxothwa ezulwini baza baphoswa emhlabeni.—Funda iSityhilelo 12:7-9.

Ukwanda kobungendawo nobundlobongela okuye kwaqatsela ukususela ngo-1914 kubonisa ukuba sele kukufutshane ukuba uThixo amtshabalalise uSathana needemon zakhe. Emva koko uThixo uza kubuyisela umhlaba kwimeko yawo entle yokuqala.—Funda iSityhilelo 12:12; 21:3, 4.

Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi, funda isahluko 10 sale ncwadi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova

Iyafumaneka nakwi-www.jw.org/xh

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share