IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w12 8/1 iphe. 15
  • Ukuba Ndiyatshaya Undijonga Njani UThixo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuba Ndiyatshaya Undijonga Njani UThixo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Sisono Ukutshaya?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Abo Bathethelela Icuba Baqalisa Ezabo Iibhaloni Ezinomoya Oshushu
    Vukani!—1995
  • Ngaba Umkhwa Wecuba Uyakhuthazwa?
    Vukani!—1991
  • UThixo Ukujonga Njani Ukutshaya?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
w12 8/1 iphe. 15

Imibuzo Yabafundi . . .

Ukuba Ndiyatshaya Undijonga Njani UThixo?

▪ Umntu onyanisekileyo usenokuwubuza loo mbuzo, ekubeni kungathethwa nto ngokutshaya eBhayibhileni. Kodwa ngaba oku kuthetha ukuba kunzima ukwazi imbono kaThixo ngalo mba? Nakanye.

IBhayibhile ithi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16) IZibhalo ziqulethe imigaqo nemilinganiselo ecacileyo ebonisa indlela uThixo afuna siyinyamekele ngayo impilo yethu. Okokuqala, makhe sijonge oko abaphandi baye bakufumanisa ngemiphumo yokusebenzisa icuba empilweni yabantu. Emva koko, siza kuqwalasela indlela ehlobene ngayo imilinganiselo eseBhayibhileni nolo phando.

Icuba liyayonakalisa impilo yaye lingunobangela wokufa obekunokuthintelwa. EUnited States, umntu omnye kwabahlanu ubulawa licuba. INational Institute on Drug Abuse ithi kwela lizwe, nyaka ngamnye icuba libulala abantu abaninzi ngakumbi “kunotywala, iziyobisi, ukubulala, ukuzibulala, iingozi zemoto kunye nogawulayo zidityanisiwe.”

Abo batshaya icuba babeka ubomi babanye esichengeni. Akukho ukukhuseleka kumsi wecuba. Abo bangatshayiyo abasezela umsi wecuba basethubeni lokufumana umhlaza wemiphunga nesifo sentliziyo ngama-30 ekhulwini. Kule minyaka yakutshanje, oogqirha baye bafumana enye ingozi abayibiza ngokuba “zizinto ezinokuba yingozi kwabo bangatshayiyo.” Eli binzana libhekisela kumsi wecuba oshiyekela empahleni ekhaphethini nakwezinye izinto emva kokutshaya. Loo michiza iyingozi inokuyenzakalisa impilo yabantwana namandla akhe engqondo.

Icuba liyachewula. Lenza lowo ulitshayayo abe likhoboka lalo mkhwa wenzakalisayo. Eneneni, abaphandi bakholelwa ukuba umchiza osecubeni owenza umntu abe yingedle yecuba, yeyona nto eyenza umntu anqanqatheke.

Imigaqo yeBhayibhile idibana njani nezibakala ezingasentla? Qaphela oku kulandelayo:

UThixo ufuna sibuhlonele ubomi. KuMthetho uThixo awawunika uhlanga lwakwaSirayeli, wabonisa ukuba abo bafuna ukumkholisa bamele babuhlonele ubomi. (Duteronomi 5:17) AmaSirayeli ayefanele enze ungqameko olujikeleze uphahla lwezindlu zawo. Ngoba? La maphahla ayethe tyaba kwaye aye kwayindawo yokuhlala. Olu ngqameko lwaluthintela usapho nabanye ukuba bangawi benzakale okanye bafe. (Duteronomi 22:8) Ukongezelela koko, amaSirayeli ayefanele aqinisekise ukuba izilwanyana zawo azibenzakalisi abanye. (Eksodus 21:28, 29) Umntu osebenzisa icuba utyeshela imigaqo exhasa loo mithetho. Wonakalisa ubomi bakhe ngabom. Ngaphezu koko, ukutshaya kwakhe kwenzakalisa impilo yabanye.

UThixo ulindele ukuba simthande yaye sithande nabamelwane bethu. UYesu Kristu wathi abalandeli bakhe babefanele bathobele imiyalelo emibini eyeyona mikhulu. Bamele bamthande uThixo ngentliziyo iphela, ngomphefumlo, ngengqondo nangamandla baze bathande nabamelwane babo njengabo. (Marko 12:28-31) Ekubeni ubomi busisipho esivela kuThixo, umntu otshayayo ubonisa ukungasixabisi ngokupheleleyo eso sipho nokungamthandi uThixo. (IZenzo 17:26-28) Umkhwa walo mntu wenzakalisa abanye, ngoko ke, akanakuze athi uyamthanda ummelwane wakhe.

UThixo ufuna siyiphephe imikhwa engacocekanga. IBhayibhile iyalela amaKristu ukuba ‘azihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya.’ (2 Korinte 7:1) Kucacile ke, ukuba icuba liyamngcolisa umntu. Abo bafuna ukuyeka ukutshaya kuba befuna ukukholisa uThixo bajongene nolona celomngeni. Kodwa uThixo unokuba nceda, bahlukane nalo mkhwa ungcolisayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share