IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w13 12/1 iphe. 16
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Ngaba UThixo Uza Kuzisa Urhulumente Oza Kulawula Ihlabathi Lonke?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • NgoBukumkani BukaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
w13 12/1 iphe. 16

IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA

Uza kubuyela ntoni uKristu?

Ngaphambi kokuba uYesu Kristu anyukele emazulwini ngonyaka ka-33, wathembisa ukuba uza kuphinda abuye. Wazifanisa nesidwangube esemka ixesha elide, saza sabuya sele sinegunya lokulawula njengokumkani. Injongo yokubuya kukaYesu kukuze azise urhulumente olungileyo ebantwini.—Funda uLuka 19:11, 12.

UYesu uza kuzisa urhulumente olungileyo ebantwini

Ubuya enomzimba onjani uKristu? Wavuswa enomzimba ongabonakaliyo. (1 Petros 3:18) Emva koko wanyukela ezulwini waza wahlala ngasekunene kukaThixo. (INdumiso 110:1) Kamva, uYesu waziswa phambi kukaYehova uThixo, ‘uNyangelemihla,’ owanika uYesu igunya lokulawula lonke uluntu. Ngoko uYesu akazukubuya enomzimba womntu, kunoko uza kubuya enguKumkani ongabonakaliyo.—Funda uDaniyeli 7:13, 14.

Uza kwenza ntoni uYesu xa efika?

Xa uYesu efika ehamba neengelosi, uza kugweba uluntu. Abenzi bobubi uza kubatshabalalisa, aze anike ubomi obungunaphakade abo bamamkelayo ukuba unguKumkani.—Funda uMateyu 25:31-33, 46.

Xa uYesu elawula njengoKumkani uya kwenza umhlaba ube yiparadesi. Uya kuvusa nabo bafileyo ukuze baphile eParadesi.—Funda uLuka 23:42, 43.

Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi funda iphepha 73-85 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova

Ungazikhuphelela kwi-www.pr2711.com/xh

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share