IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w13 11/1 iphe. 16
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Ngaba Onke AmaKristu Athembekileyo Aya Ezulwini?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ngaba Bonke Abantu Abalungileyo Baya Ezulwini?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
w13 11/1 iphe. 16

IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA

Ngoobani abaza kuya ezulwini yaye ngoba?

Izigidi zabantu zikholelwa ukuba ziza kuya ezulwini zakufa. UYesu wathi abapostile bakhe abathembekileyo baza kuya khona. Ngaphambi kokuba afe, wabathembisa ukuba uza kubalungiselela indawo noYise osezulwini.—Funda uYohane 14:2.

Kutheni abantu abasemhlabeni beza kuvuselwa ezulwini? Baza kwenza ntoni apho? UYesu waxelela abapostile ukuba baza kuba ngookumkani. Baza kulawula umhlaba.—Funda uLuka 22:28-30; ISityhilelo 5:10.

Ngaba bonke abantu abalungileyo baya ezulwini?

Kumazwe amaninzi, bambalwa abantu abalawulayo. Ekubeni uYesu evusela abantu kubomi basezulwini ukuze balawule umhlaba, sinokulindela ukuba akhethe abantu abambalwa. (Luka 12:32) IBhayibhile iyalichaza inani labo baza kulawula noYesu.—Funda ISityhilelo 14:1.

UYesu ulungiselele abanye abalandeli bakhe indawo ezulwini. Ngaba uyazi ukuba baza kwenza ntoni apho?

Akuyi kuvuzwa abo baya ezulwini kuphela. Abantu abathembekileyo abaphila phantsi koBukumkani bukaYesu baza kunandipha ubomi ngonaphakade kwiparadesi esemhlabeni. (Yohane 3:16) Abanye baza kungena eParadesi ngokusinda xa kutshatyalaliswa le nkqubo ingendawo yezinto. Abanye baza kuvuselwa kuyo.—Funda INdumiso 37:29; Yohane 5:28, 29.

Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi, funda isahluko 8 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova

Ungazikhuphelela kwi-www.pr2711.com/xh

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share