IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w14 3/1 iphe. 16
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Kutheni UYesu Waphathwa Kakubi Waza Wabulawa?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2016
  • Umbuzo 2: Kuza Kwenzeka Ntoni Xa Ndisifa?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Ukufa Nokuvuswa KukaYesu—Kunokuthetha Ntoni Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
w14 3/1 iphe. 16
Abantu bazipholele elunxwemeni eparadesi nabantwana bequbha

IIMPENDULO ZEMIBUZO YEBHAYIBHILE

Kusinceda ngantoni ukufa kukaYesu?

Xa uThixo wayedala abantu, wayefuna baphile ngonaphakade emhlabeni bengaguli okanye bafe. Noko ke, umntu wokuqala uAdam akazange amthobele uMdali, ngaloo ndlela waphulukana nethemba lokuphila ngonaphakade. Ekubeni siyinzala ka-Adam siyafa. (Roma 5:8, 12; 6:23) UThixo oyinyaniso uYehova wathumela uNyana wakhe uYesu apha emhlabeni ukuze asifele, aze abuyisele oko salahlekelwa kuko ngenxa ka-Adam.—Funda uYohane 3:16.

UYesu wafa ukuze abantu bafumane ubomi obungunaphakade. Xa ucinga, bekunokuba njani ukuphila ngonaphakade emhlabeni?

Ukufa kukaYesu kwenza sikwazi ukuxolelwa izono, nokuba sikwazi ukufumana ubomi obungunaphakade. IBhayibhile isenza sibe nombono wokuba buza kuba njani ubomi emhlabeni xa sele singasaluphali, sigule size sife.—Funda uIsaya 25:8; 33:24; ISityhilelo 21:4, 5.

Simele sikukhumbule njani ukufa kukaYesu?

Ngengokuhlwa yangaphambi kokuba afe, uYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba benze isikhumbuzo sokufa kwakhe. ISikhumbuzo sokufa kukaYesu esenziwa nyaka ngamnye sisinceda sicingisise ngendlela uYesu noYehova ababathanda ngayo abantu.—Funda uLuka 22:19, 20; 1 Yohane 4:9, 10.

Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi, funda isahluko 4 nese-5 sale ncwadi, epapashwe ngamaNgqina kaYehova

Ungazikhuphelela kwi-www.pr2711.com/xh

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share