IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w15 3/1 iphe. 16
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Amanqaku Afanayo
  • Sifanele Sikukhumbule Njani Ukufa KukaYesu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Umsitho WeSidlo SeNkosi Sangokuhlwa—Ufanele Wenziwe Njani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
w15 3/1 iphe. 16

IIMPENDULO ZEMIBUZO YEBHAYIBHILE

Kutheni kubalulekile ukuba sikhumbule ukufa kukaYesu?

Abantu abonwabileyo kumhlaba oyiparadesi

Ukufa kukaYesu kwenza sibe nethemba lekamva elinjani?—Isaya 25:8; 33:24

Ukufa kukaYesu sesona siganeko sibalulekileyo embalini—wafa ukuze abuyisele ubomi babantu kwinto obumele bube yiyo kakade. Umntu akazange adalwe eneengcinga zokwenza izinto ezimbi, agule okanye afe. (Genesis 1:31) Isono saqala emhlabeni ngenxa yendoda yokuqala, uAdam. UYesu wancama ubomi bakhe ukuze asisindise kwisono nokufa.—Funda uMateyu 20:28; eyabaseRoma 6:23.

Indlela uThixo asithanda ngayo yamenza wathumela uNyana wakhe emhlabeni ukuze asifele. (1 Yohane 4:9, 10) UYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bakhumbule ukufa kwakhe besebenzisa isonka newayini. Ukwenjenjalo nyaka ngamnye kuya kubonisa indlela esiluxabisa ngayo uthando lukaThixo nolukaYesu.—Funda uLuka 22:19, 20.

Ngubani omele atye kwesi sonka newayini?

Xa uYesu wayexelela abafundi bakhe ukuba bakhumbule ukufa kwakhe, wathetha ngomnqophiso okanye isivumelwano. (Mateyu 26:26-28) Esi sivumelwano savula ithuba lokuba bona kunye nenani eliqingqiweyo labantu, babe ngookumkani nababingeleli kunye naye ezulwini. Nangona izizigidi zabantu abakhumbula ukufa kukaYesu, ngaba kulo mnqophiso kuphela abatyayo kwisonka newayini.—Funda iSityhilelo 5:10.

Sekumalunga neminyaka eyi-2 000 uYehova ekhetha abo baza kuba ngookumkani. (Luka 12:32) Bona bambalwa kunabo baza kuphila emhlabeni ngonaphakade.—Funda iSityhilelo 7:4, 9, 17.

Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi, funda isahluko 5 sale ncwadi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova

Iyafumaneka nakwi-www.pr2711.com/xh

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share