IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w14 5/1 iphe. 16
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Kutheni UThixo Evumela Ubungendawo Nokubandezeleka?
    Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
  • Kutheni UThixo Evumela Ubungendawo Nokubandezeleka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ngubani Olawula Ihlabathi?
    Ngubani Olawula Ihlabathi?
  • Kutheni Kusenzeka Izinto Ezimbi?
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
w14 5/1 iphe. 16

IIMPENDULO ZEMIBUZO YEBHAYIBHILE

Ngubani kanye kanye olawula ihlabathi?

Iimfazwe, ulwaphulo-mthetho, ugonyamelo neentlekele

Ukuba ibinguThixo olawulayo, ngaba ngekukho iintlungu ezingaka apha emhlabeni?

Abantu abaninzi bakholelwa ukuba nguThixo oyinyaniso olawula ihlabathi. Kodwa ukuba bekunjalo, ngaba ngekukho iintlungu ezingaka apha emhlabeni? (Duteronomi 32:4, 5) IBhayibhile ithi, ihlabathi lonke lilawulwa ngumntu ongendawo.​—Funda eyoku-1 kaYohane 5:19.

Lo mntu ungendawo wenza njani ukuze alawule ihlabathi lonke? Kwiminyaka embalwa emva kokuba uAdam noEva bedaliwe, ingelosi ethile yavukela uThixo yaza yabangela ukuba bone. (Genesis 3:1-6) Bakhetha ukuthobela uSathana, waza wabalawula. UThixo uSomandla nguye kuphela uMlawuli ofanelekayo, kodwa ke ufuna abantu bazikhethele ukumkhonza kuba bemthanda. (Duteronomi 6:6; 30:16, 19) Okubuhlungu kukuba, abantu abaninzi baye balahlekiswa, nabo benza ukhetho olubi njengoAdam noEva.​—Funda iSityhilelo 12:9.

Ngubani oza kulungisa iingxaki zabantu?

Ngaba uThixo uza kusoloko emyekile uSathana elawula kakubi? Hayi! UThixo uza kusebenzisa uYesu ekulungiseni iingxaki ezibangelwe nguSathana.​—Funda eyoku-1 kaYohane 3:8.

UYesu uza kunikwa amandla nguThixo ukuze atshabalalise uSathana. (Roma 16:20) Ngoko, uThixo uza kubalawula abantu ngokwakhe abenze baphile ngolonwabo nangoxolo kanye ngalaa ndlela wayefuna ngayo.​—Funda iSityhilelo 21:3-5.

Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi, funda isahluko 3 sale ncwadi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

Ungayifumana nakwi-www.pr2711.com/xh

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share