Funda KwiLizwi LikaThixo
Kutheni UThixo Evumela Ubungendawo Nokubandezeleka?
Eli nqaku libuza imibuzo ekunokwenzeka ukuba ukhe wazibuza yona lize likubonise iimpendulo zayo eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukuthetha nawe ngeempendulo zale mibuzo.
1. Baqala njani ubungendawo?
Ubungendawo baqala emhlabeni xa uSathana wathetha ubuxoki bokuqala. USathana wayengekho ngendawo ekudalweni kwakhe. Wayeyingelosi efezekileyo, kodwa ‘akazange eme enyanisweni.’ (Yohane 8:44) Wanqwenela ukunqulwa, nto leyo eyayifanele yenziwe kuYehova kuphela. USathana waxokisa ibhinqa lokuqala, uEva, waza waleyisela ukuba lithobele yena kunokuba lithobele uThixo. UAdam wathelela uEva ekungathobelini uThixo. Isigqibo sika-Adam saphumela ekubandezelekeni nasekufeni.—Funda iGenesis 3:1-6, 17-19.
Xa uSathana wathi uEva makangamthobeli uThixo, wayevukela ulongamo lukaThixo. Uninzi lwabantu luye lwathelela uSathana ekuvukeleni uThixo njengoMlawuli. Ngaloo ndlela uSathana uye waba ‘ngumlawuli wehlabathi.’—Funda uYohane 14:30; ISityhilelo 12:9.
2. Ngaba indalo kaThixo yayinesiphene?
Abantu neengelosi ezazidalwe nguThixo zazikwazi ukumthobela. (Duteronomi 32:5) UThixo wasidala sanenkululeko yokukhetha phakathi kokwenza okulungileyo nokubi. Loo nkululeko isivulela ithuba lokubonisa ukuba simthanda kangakanani uThixo.—Funda uYakobi 1:13-15; 1 Yohane 5:3.
3. Kutheni uThixo eye wavumela ukubandezeleka?
Kangangexesha elithile, uYehova uye wakunyamezela ukuvukelwa kolongamo lwakhe. Ngoba? Ukuze abonise ukuba abantu abanakuzilawula ngaphandle kwakhe. (Yeremiya 10:23) Emva kweminyaka engama-6 000 abantu bezilawula le mbambano iye yazinziswa. Abalawuli abangabantu baye basilela ukuphelisa imfazwe, ulwaphulo mthetho, ukungabikho kokusesikweni nezifo.—Funda INtshumayeli 7:29; 8:9; Roma 9:17.
Ngokwahlukileyo koko, abo bamkela uThixo njengoMlawuli wabo baye bazuza. (Isaya 48:17, 18) Kungekudala, uYehova uza kuphelisa bonke oorhulumente babantu. Ngabantu abakhetha ukulawulwa nguThixo kuphela abaya kuhlala emhlabeni.—Isaya 2:3, 4; 11:9; funda uDaniyeli 2:44.
4. Liliphi ithuba elisivulekelayo ngenxa yomonde kaThixo?
USathana wathi abantu abanakumthobela ngokunyaniseka uYehova. Umonde kaThixo uyasivumela sonke ukuba sibonise enokuba sikhetha ukulawulwa nguThixo okanye ngumntu. Ukhetho lwethu silubonisa ngendlela esiphila ngayo.—Funda uYobhi 1:8-11; IMizekeliso 27:11.
5. Simkhetha njani uThixo njengoMlawuli?
Sikhetha uThixo njengoMlawuli xa sifuna unqulo lokwenyaniso size siluqhelisele ngokuvisisana neLizwi lakhe, iBhayibhile. (Yohane 4:23) Kwakhona njengoYesu siyakuphepha ukubandakanyeka kwezopolitiko nakwiimfazwe.—Funda uYohane 17:14.
USathana usebenzisa amandla akhe ukuze akhuthaze ukuziphatha kakubi okunokusenzakalisa. Xa singavumi ukuziphatha ngaloo ndlela abahlobo nezalamane zethu zinokusigculela. (1 Petros 4:3, 4) Ngenxa yoko kufuneka sikhethe. Ngaba siza kunxulumana nabantu abathanda uThixo? Ngaba siza kuthobela imithetho yakhe yobulumko neyothando? Ukuba senjenjalo, sakuba sibonisa ukuba uSathana wayexoka xa wathi akakho umntu oza kuthobela uThixo.—Funda eyoku-1 Korinte 6:9, 10; 15:33.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 11 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 16]
UAdam wenza isigqibo esingendawo
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ukhetho lwethu luyabonisa enokuba sifuna uThixo njengoMlawuli