IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w14 10/1 iphe. 16
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Buyintoni uBukumkani bukaThixo?
    Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
  • Yintoni UBukumkani BukaThixo?
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
w14 10/1 iphe. 16

IIMPENDULO ZEMIBUZO YEBHAYIBHILE

Kutheni simele sithandazele ukuba bufike uBukumkani bukaThixo?

UYesu Kristu uphalisa ihashe esiya koyisa iintshaba zobukumkani bukaThixo

Ngaba ufuna ukufunda ngakumbi ngoBukumkani bukaThixo kunye noko buza kukwenza?

UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wasezulwini. UYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba bathandazele ukufika kwabo kuba buza kubuyisela ubulungisa noxolo emhlabeni. Akakho urhulumente wabantu onokuphelisa ugonyamelo, umkhethe, okanye izifo; buBukumkani bukaThixo kuphela obunako. UThixo unyule uNyana wakhe uYesu, ukuba abe nguKumkani eBukumkanini bakhe. Kwakhona uYehova uye wanyula iqela labalandeli bakaYesu ukuba lilawule kunye naye eBukumkanini.—Funda uLuka 11:2; 22:28-30.

Kungekudala, uBukumkani bukaThixo buza kutshabalalisa bonke abantu abaluchasayo ulawulo lukaThixo. Ngoko xa sithandazela ukuba uBukumkani bukaThixo bufike, sicela ukuba urhulumente kaThixo athabath’ indawo yabo bonke oorhulumente babantu.—Funda uDaniyeli 7:13, 14; ISityhilelo 11:15, 18.

Kutheni uBukumkani bukaThixo bubalulekile nje ebantwini?

UYesu uyafaneleka njengoKumkani kuba unovelwano. Njengoko enguNyana kaThixo, ukwanamandla okunceda bonke abo bakhala kuThixo becela uncedo.—Funda iNdumiso 72:8, 12-14.

UBukumkani bukaThixo buya kubanceda bonke abo babuthandazela ngokunyanisekileyo nabaphila ngokuvumelana nokuthanda kukaThixo. Akusayi kuze uzisole ukuba ufunda oko kuthethwa yiBhayibhile ngoBukumkani bukaThixo.—Funda uLuka 18:16, 17; Yohane 4:23.

Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi, funda isahluko 8 sale ncwadi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova

Iyafumaneka nakwi-www.pr2711.com/xh

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share