IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w15 4/1 iphe. 4-7
  • Isifundo SeBhayibhile Somntu Wonke

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isifundo SeBhayibhile Somntu Wonke
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • IIMPENDULO ZEMIBUZO EDLA NGOKUBUZWA NGESIFUNDO SEBHAYIBHILE
  • Kuthetha Ukuthini Ukufundelwa IBhayibhile NgamaNgqina KaYehova?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
  • Sinokuzifumana Phi Iimpendulo Zemibuzo Ebalulekileyo Ngobomi?
    Sinokuzifumana Phi Iimpendulo Zemibuzo Ebalulekileyo Ngobomi?
  • Ndingenza Ntoni Ukuze Ndikunandiphe Ukufunda IBhayibhile?
    Vukani!—2012
  • Uzithandile izinto ozifundileyo?
    Phila Ubomi Obumnandi!—Qalisa Ukufunda IBhayibhile
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
w15 4/1 iphe. 4-7
Isifundo seBhayibhile

INQAKU ELINGUMXHOLO | AWUNGETHANDI UKUFUNDA IBHAYIBHILE?

Isifundo Sebhayibhile Somntu Wonke

AmaNgqina kaYehova aziwa kakhulu ngomsebenzi awenzayo wokuthetha nabantu ngeBhayibhile. Kodwa ubusazi na ukuba sikwafundisa abantu iBhayibhile emhlabeni wonke?

Indoda eqhutyelwa isifundo emsebenzini wayo

Ngo-2014 amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-8 000 000 akumazwe ayi-240 aye afundisa abantu abayi-9 500 000 iBhayibhile nyanga nganye.a Kubonakala ukuba inani labantu esifunda nabo iBhayibhile lide lodlule nenani labemi bamazwe athile!

Ukuze akwazi ukwenza lo msebenzi, amaNgqina kaYehova aye apapasha iiBhayibhile, iincwadi, iimagazini kunye nezinye izixhobo zokufunda iBhayibhile eziphantse zibe yibhiliyoni enesiqingatha nyaka ngamnye, ngeelwimi ezimalunga ne-700! Onke la malinge okupapasha izixhobo ezingaka enziwe ukuze mntu ngamnye afunde iBhayibhile ngolwimi aluthandayo.

“Ndandingafuni nokukubona ukufunda esikolweni, kodwa esi isifundo ndasithanda. Izinto endandizifunda zazisenza kuthi ngco entliziyweni!”—UKatlego waseMzantsi Afrika.

“Kwesi sifundo, yonke imibuzo endandinayo yaphendulwa.”—UBertha waseMexico.

“Sasiyifunda kwam iBhayibhile, ngexesha elithandwa ndim. Yintoni ke enye endandinokuyicela?”—UEziquiel waseBrazil.

“Sasifunda imizuzu eyi-15 okanye eyi-30, ngamany’ amaxesha sasifunda ixesha elidana, kwakuxhomekeka kum.”—UViniana waseOstreliya.

“Andizange ndihlawule nesenti, yayindichaza ke leyo!”—UAimé waseBenin.

“Umntu owayendifundisa iBhayibhile wayenomonde nobubele. Saye saba ngabahlobo abakhulu.”—UKaren wakuMntla Ireland.

“Abantu abaninzi baye bafunda iBhayibhile namaNgqina, kodwa akuzange kunyanzeleke ukuba babe ngawo.”—UDenton waseNgilani.

IIMPENDULO ZEMIBUZO EDLA NGOKUBUZWA NGESIFUNDO SEBHAYIBHILE

Siqhutywa njani esi sifundo?

Sifunda imixholo eyahlukahlukeneyo yeBhayibhile, size sijonge iivesi zeBhayibhile ezingena kuyo. Ngokomzekelo, iBhayibhile iphendula imibuzo efana nethi: Ngubani uThixo? Unjani? Ngaba unalo igama? Uhlala phi? Singanako na ukusondela kuye? Eyona nto idla ngokuba nzima kukukhangela iimpendulo eBhayibhileni.

Ukuze sincede abantu bafumane iimpendulo, sidla ngokusebenzisa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?b Le ncwadi yenzelwe ukunceda abantu baqonde iimfundiso ezisisiseko eziseBhayibhileni. Ifundisa ngoThixo, uYesu Kristu, isizathu sokuhlupheka kwabantu, ukuvuswa kwabafileyo, umthandazo, ndibala ntoni na!

Siqhutywa nini, ibe phi?

Isifundo siqhutywa ngexesha, nakwindawo efunwa nguwe.

Siba side kangakanani?

Abantu abaninzi bazibekela ixesha elingangeyure veki nganye, kodwa asiloxesha linyanzelekileyo elo. Sihamba ngexesha onalo. Abanye bafunda nje imizuzu eyi-10 okanye eyi-15 ngeveki.

Siba yimalini?

Akuhlawuli nesenti, ibe neencwadi uzifumana simahla. Kaloku uYesu wathi kubafundi bakhe: “Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.”—Mateyu 10:8.

Umntu ufunda ixesha elingakanani?

Kuthanda wena. Incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? inezifundo eziyi-19. Ikhethwa nguwe indlela ofuna ukuzifunda ngayo.

Ndinyanzelekile ke ukuba ndibe liNgqina likaYehova emva koko?

Tu ke! Siyayiqonda, ibe siyayihlonela into yokuba mntu ngamnye unelungelo lokukhetha ukuba ufuna ukukholelwa ntoni. Xa umntu eye wafunda iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile, utsho akwazi ukwenza isigqibo esifanelekileyo.

Ndingazifumana phi iinkcukacha ezingakumbi?

Ukuze ufumane iinkcukacha ezichanileyo ngeenkolelo zethu, nezinye izinto esizenzayo, ngena kwiWebhsayithi yamaNgqina kaYehova u-jw.org/xh.

Ndingasicela njani isifundo seBhayibhile?

  • Abantu abacela isifundo seBhayibhile ngeendlela ezahlukahlukeneyo: ngeIntanethi, ngeleta nangencwadi yefowuni

    Faka isicelo ku-www.pr2711.com/xh.

  • Bhalela kwiadresi ekufutshane nawe efumaneka kwiphepha lesibini lale magazini.

  • Dibana namaNgqina kaYehova kwingingqi okuyo ngokukhangela igama elithi “Jehovah’s Witnesses” kwincwadi eneenombolo zefowuni.

a Sidla ngokufunda nomntu omnye, okanye iqela elincinane labantu.

b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova. Kuye kwaprintwa izigidi ezingaphezu kwe-230 zale ncwadi, ngeelwimi ezingaphezu kwe-260.

UKUNCEDA IINTSAPHO

UEziquiel

“Emva kokuba umfazi wam eqalise ukufunda iBhayibhile, ndabona utshintsho olukhulu kuye. Intsapho yethu yatsho yonwaba. Ndaba nomdla wokwazi ukuba yintoni kanye kanye le ayifundayo, ndaza nam ndaqalisa ukufunda. Izinto endandizifunda zabuphucula ubuntu bam. Ukufunda iBhayibhile kwayenza yamanyana intsapho yam.”—UEziquiel.

UKaren

“Emva kokuqalisa kwam ukufunda iBhayibhile, ndayeka ukusebenzisa iziyobisi nokunxila, ndaza ndafunda nokulawula umsindo wam. Ngoku indlu yam icocekile ibe ibeth’ umoya. Ndiyithanda kakhulu ngoku intsapho yam, ibe kuba mnandi nakum xa ndiyenza yonwabe. Ndonwabe nyhani.”—UKaren.

UViniana

“Abanye abantu babendigxeka kuba ndifunda iBhayibhile. Kodwa umyeni wam wayendikhuthaza athi: ‘Andikhathali noba bathini na. Eyona nto indivuyisayo, kukubona wena utshintsha. Qhubeka wena sthandwa sam.’ Zange intsapho yethu yonwaba ngale ndlela!”—UViniana.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share