Imibuzo Yabantu Abaselula
Ndingenza Ntoni Ukuze Ndikunandiphe Ukufunda IBhayibhile?
Kutheni ufanele ufunde iBhayibhile? Khawucinge oku:
IBhayibhile inokukunceda ufumane ubuncwane. Le ncwadi ithengwa kakhulu ngabantu
● Inokukubonisa indlela yokuzilungiselela ukuphila ubomi obusemagqabini
● Inokukuxelela ngekamva—nezinto zexa elidluleyo—obungenakuze uzazi
● Inokukunceda uzazi bhetele uze uphucule ubuntu bakhoa
UKUFUNDA iBhayibhile kufuna umgudu, kodwa umvuzo awuthetheki! Ngaba ufuna ukwazi indlela elikwenza ngayo oku olunye ulutsha? Sika eli phepha lilandelayo uze uligobe. Uza kufunda ukuba iintanga zakho zenza ntoni ukuze zikwazi ukufunda iBhayibhile kunye nendlela okuye kwazinceda ngayo oko.
“IBhayibhile inenkcazelo enokunceda wonke umntu. Zininzi gqitha izinto esinokuzifunda kuyo!”—UValerie.b
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWebhusayithi ethi www.watchtower.org/ype
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngendlela iBhayibhile enokuzenza ngayo zonke ezi zinto, dibana namaNgqina kaYehova asekuhlaleni okanye ubhalele kwiadresi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5.
b Amanye amagama kweli nqaku atshintshiwe.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 19, 20]
INDLELA YOKUFUNDA IBHAYIBHILE
Ingxaki: AKUNAMDLA
“Andinamdla wakuhlala iyure yonke ndifunda.”—ULena.
Into enokukunceda: UMELE UZAZI IINGENELO ZOKUFUNDA
Ukuze ukunandiphe ukufunda iBhayibhile, umele uphendule lo mbuzo, Iza kundinceda ngantoni? Ngaba ufuna ukuba ngumhlobo kaThixo? ukwazi bhetele izinto ezenzeka ehlabathini? ukuphucula ubuntu bakho? IBhayibhile inokukunceda kuzo zonke ezi zinto—kwanezinye!
“Musa ukuyifanisa nokufunda umsebenzi wesikolo. Jonga ukufunda iBhayibhile njengendlela yokusondelelana noyena Mhlobo ubalaseleyo unokuba naye—uYehova uThixo.”—UBethany.
“Ixesha olichitha ufunda iBhayibhile lithuba lakho noYehova uThixo. Ukuba uchitha ixesha nomntu othile kuphela xa abazali bakho bekhona, ngaba loo mntu ungumhlobo wakho ngokwenene okanye ngumhlobo wabazali bakho? Ukuba uyazifundela iBhayibhile, uYehova unokuba ngumhlobo wakho.”—UBianca.
Khumbula oku: “Yonke into eseZibhalweni iLilizwi likaThixo. Yonke iyingenelo ekufundiseni, ekuncedeni abantu, ekubalungiseni nasekubaboniseni indlela yokuphila.” (2 Timoti 3:16, Contemporary English Version) Nawe inokukunceda kwezo nkalo!
“Ndiye ndizame ukunikel’ ingqalelo kwiingenelo. Ukuba kukho indawo endifanele ndilungise kuyo, ndiye ndincedwe lixesha endilichitha ndifunda iBhayibhile ukuze ndiphucule.”—UMax.
Oko unokucinga ngako:
Yintoni enokukunceda ukukhuthalele ukufunda iBhayibhile?
Ingxaki: UKUKRUQUKA
“Emva kwemizuzu eli-10 ndifunda, ndiyadinwa; emva kwengama-20, sendicinga ngenye into; kuthi kuphela engama-30, ndibe sendikruqukile!”—UAllison.
Omele ukwenze: CINGA
Yicingisise into oyifundayo, indlela oyifunda ngayo nendawo ofundela kuyo.
“Ziphe ixesha lokuphanda ngemibuzo onayo. Kuba mnandi xa ufunda ngento ekudala ufuna ukuyazi.”—URichard.
“Xa ufunda ngebali elithile, yiba ngathi ulapho nawe. Yiba ngathi ungumlinganiswa oyintloko okanye uyibukele yonke into eyenzekayo. Yiba nomfanekiso ngqondweni woko kwenzekayo.”—USteven.
“Kwenze kube mnandi ukufunda. Hlala ecaleni kwendlu neglasi yesiselo esibandayo. Ndithanda ukutya intwana-ntwana xa ndifunda. Ndiqinisekile andindedwa.”—UAlexandra.
Khumbula: Unokukoyisa ukukruquka, ngokulungisa imbono yakho. Ngoko ke, endaweni yokuthi “ukufunda kuyakruqula,” yithi “ndikruqukile.” Yazi ukuba nguwe onengxaki. Loo nto iya kukunceda ukwazi ukuyilungisa indlela oziva ngayo.—IMizekeliso 2:10, 11.
“Ukufunda akukruquli. Kuxhomekeka kwindlela oziva ngayo.”—UVanessa.
Into onokucinga ngayo:
Yintoni onokuyenza ukuze ukunandiphe ukufunda?
Ingxaki: UKUNGABI NAXESHA
“Ndingathanda ukufunda iBhayibhile, kodwa andinalo ixesha lokuhlala phantsi ndiyifunde!”—UMaria.
Oko ukudingayo: IZINTO EZIBALULEKILEYO
Ukukhula kuquka ukufunda ‘ukuzazi izinto ezibaluleke ngakumbi.’—Filipi 1:10.
“Umama wandinceda ndaqonda ukuba andinakuze ndibe nalo ixesha elingakumbi. Kwakufuneka ndilenze. Xa ndagqiba ekubeni ndifunde, ndabekela bucala ixesha.”—UNatanya.
“Njengoko ndikhula ndiye ndafunda ukuba kubalulekile ukuzibekela ixesha lokufunda, ibe ndifunda kanye ngelo xesha kungakhathaliseki ukuba yintoni enye eyenzekayo.”—UYolanda.
“Ukuba uthanda ukufunda ngaphezu kokuzonwabisa, uya kukunandipha nangakumbi—yaye akuyi kuba nasazela xa kufuneka uzonwabise.”—UDiana.
Khumbula: Ukuba akuqali ngezinto ezibalulekileyo uya kushiywa lixesha ungakwazi kulisebenzisa kakuhle. Kubhetele uqale ngokufunda.—Efese 5:15, 16.
“Ekubeni ndifunda kumabanga aphakamileyo kuba lula ukuxakeka zezinye izinto! Kodwa, eyona nto ibalulekileyo kum kukuba nexesha lokufunda iBhayibhile.”—UJordan.
Into onokucinga ngayo:
Liliphi ixesha onokufunda ngalo?
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 19]
OKO KUTHETHWA LOLUNYE ULUTSHA
UZachary—Musa ukufunda kuphela oko kufundwa ngabazali okanye ngabanye abantu. Xa kukho into ofuna ukuyazi, kuya kukunceda ukuzifundela ngokwakho.
UKaley—Qala kancinane. Unokuzama imizuzu emihlanu kuphela, kodwa yonke imihla. Ekuhambeni kwexesha unokulandisa ixesha lakho libe yimizuzu eli-10, eli-15 . . . Ekugqibeleni uya kude ukuthande ukufunda!
UDaniela—Nokwenza izinto nje ezincinane kuya kukunceda. Zifunele izinto zokubhala eziyimibala-bala nencwadi entle, okanye uzenzele ifayile kwikhompyutha uze uyibhale ‘ISifundo Sobuqu.’
UJordan—Ndikhetha umxholo endiwuthandayo, endiza kuwufunda ixesha elide. Ndithanda nokuhlala kwindawo ezolileyo. Andikwazi kufunda xa kukho ingxolo.
[Umzobo okwiphepha 18]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Sika apha
Ligobe