IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w15 8/1 iphe. 3-4
  • Kwenzeka Ntoni Xa Umntu Eswelekile?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kwenzeka Ntoni Xa Umntu Eswelekile?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Bakwimeko enjani abantu abafileyo?
  • Kanye Kanye Yintoni Isihogo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Abantu Abaswelekileyo Baza Kuvuswa!
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Yintoni Isihogo? Ngaba Yindawo Yokuthuthunjiswa Ngonaphakade?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Ukufa Akusosiphelo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
w15 8/1 iphe. 3-4

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA ABAFILEYO BANGAPHILA KWAKHONA?

Kwenzeka Ntoni Xa Umntu Eswelekile?

Abantu abadala nabantwana bangqonge ibhokisi emangcwabeni

“Ndandicing’ ukuba kukho iindawo ezintathu abaya kuzo abantu xa besifa: ezulwini, esihogweni, okanye kwindawo yentlambululo-miphefumlo. Ndandisazi ukuba andilifanelanga izulu, kodwa noko andimbi kangako ukuba ndingade ndiye esihogweni. Ndandingaqinisekanga ncam ukuba kwenzeka ntoni kwindawo yentlambululo-miphefumlo. Zange khe ndive kuthethwa ngayo eBhayibhileni, yayingabantu nje abethetha ngayo.”—ULionel.

“Ndandifundiswe ukuba bonke abantu baya ezulwini xa besifa, kodwa ndingakuginyi ncam oko. Ndandicinga ukuba xa umntu efile kuphelile ngaye—akanakamva.”—UFernando.

Ngaba wakha wazibuza ukuba: ‘Yintoni kanye kanye eyenzekayo xa umntu esifa? Ngaba abantu abafileyo esibathandayo bayangcungcutheka ndaweni ithile? Ngaba siya kuze siphinde sibabone? Sinokuqiniseka njani?’ Nceda uhlole oko kufundiswa yiBhayibhile. Okokuqala, makhe sihlole ukuba ithi kunjani ukufa. Emva koko siza kuthetha ngethemba labafileyo elichazwe kuyo.

Bakwimeko enjani abantu abafileyo?

IMPENDULO YEBHAYIBHILE: “Abaphilayo bayazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo, abazi nto konke konke, abasenamvuzo, ngenxa yokuba balityelwe, abasakhunjulwa nganto. Konke esikufumanayo ukuba sikwenze isandla sakho kwenze ngamandla akho onke, kuba akukho msebenzi nakuyila nakwazi nakulumka eShiyol, kwindawo oya kuyo.”a—INtshumayeli 9:5, 10.

Lilonke, iNgcwaba yindawo ababekwa kuyo abantu xa besifa; abantu abalapho abeva nto yaye abakwazi kwenza nto. UYobhi othembekileyo wayesithi yindawo enjani iNgcwaba? Walahlekelwa yinto yonke awayenayo nabantwana bakhe ngamini-nye, kwathi kusenjalo wahlaselwa ngamathumba abuhlungu emzimbeni wonke. Wabongoza uThixo wathi: “Owu akwaba ubungandifihla eShiyol, undigcine ndifihlakele.” (Yobhi 1:13-19; 2:7; 14:13) Kucacile ukuba uYobhi wayengayijongi iShiyol okanye iNgcwaba njengesihogo somlilo, awayeza kuthuthunjiswa nangakumbi kuso. Kodwa wayeyijonga njengendawo yokuphumla.

Ikho nenye indlela esinokufunda ngayo ngemeko yabafi. Sinokufunda oko kuthethwa ziZibhalo ngabantu abasibhozo abavuswa ekufeni.—Funda ibhokisi ethi “Abantu Abasibhozo Abavuswayo Ekuthethwe Ngabo EBhayibhileni.”

Akukho nokuba abe mnye kwabo bantu basibhozo ekuthiwa wayekwindawo yolonwabo okanye yentuthumbo. Ukuba bebeye kwindawo enjalo, akucingi ukuba ngebabalisa ngayo? Yaye akucingi ukuba oko bekuya kubhalwa eBhayibhileni ukuze bonke abantu bakubone? Akukho kwanto injalo ikhankanywayo eZibhalweni. Kucacile ukuba abo bantu basibhozo babengenanto yokubalisa ngokufa kwabo. Ngoba? Kuba babengazi nto, okomntu olele yoyi. Ibe ke, neBhayibhile idla ngokuthi abantu abafileyo balele. Ngokomzekelo, ithi uDavide noStefano abathembekileyo ‘balala ekufeni.’—IZenzo 7:60; 13:36.

Ngoko banaliphi ithemba abafi? Ngaba bangaphinda bavuke?

a KwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele, igama lesiHebhere elithi “Shiyol” nelesiGrike elithi “Hadesi” abhekisela “kwiNgcwaba.” Ezinye iiBhayibhile zisebenzisa igama elithi “isihogo,” kodwa imfundiso yesihogo somlilo ekuthuthunjiswa kuso abantu abafileyo ayikho eZibhalweni.

ABANTU ABASIBHOZO ABAVUSWAYO EKUTHETHWE NGABO EBHAYIBHILENIb

Unyana womhlolokazi Umprofeti uEliya wavusa unyana womhlolokazi waseTsarefathi, ekumntla wakwaSirayeli.—1 Kumkani 17:17-24.

Inkwenkwana engumShunem Umprofeti uElisha, owangena ezihlangwini zikaEliya, wavusa inkwenkwana yakwidolophu iShunem waza wayibuyisela kubazali bayo.—2 Kumkani 4:32-37.

Indoda eyayisemangcwabeni Isidumbu sendoda eyayisandul’ ukufa saphoswa kwingcwaba elalinamathambo kaElisha. Xa eso sidumbu sachukumisa amathambo aloo mprofeti, le ndoda yavuka.—2 Kumkani 13:20, 21.

Unyana womhlolokazi waseNayin UYesu waya kumngcwabo owawungaphandle kweNayin waza wayivusa inkwenkwana eyayifile, wayibuyisela kunina owayesentlungwini.—Luka 7:11-15.

Intombi kaYayiro UYayiro owayeligosa kwindlu yesikhungu, wacenga uYesu ukuba aphilise intombi yakhe egulayo. UYesu wayivusa kamsinya nje emva kokufa kwayo.—Luka 8:41, 42, 49-56.

ULazaro, umhlobo kaYesu ULazaro wayeneentsuku ezine efile ukuvuswa kwakhe nguYesu phambi kwababukeli.—Yohane 11:38-44.

UDorkas Umpostile uPetros walivusa eli bhinqa lithandekayo, elalidume ngokuba nobubele.—IZenzo 9:36-42.

UYutiko Umfana onguYutiko wawa kwifestile ephakamileyo waza wafa; umpostile uPawulos wamvusa.—IZenzo 20:7-12.

b Olona vuko lubalulekileyo, lolukaYesu Kristu, ibe lwahluke kakhulu kolu lwaba bantu basibhozo, njengoko siza kubona kwinqaku elilandelayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share