IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w15 9/1 iphe. 7
  • Kutheni Sishumayela Nje?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Sishumayela Nje?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Amanqaku Afanayo
  • Ezinye Izinto Ezinganceda Usapho
    Vukani!—2018
  • Sinokuzifumana Phi Iimpendulo Zemibuzo Ebalulekileyo Ngobomi?
    Sinokuzifumana Phi Iimpendulo Zemibuzo Ebalulekileyo Ngobomi?
  • Indlela Onokulufumana Uncedo Lokwazi IBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • “Hambani, . . . Niye Kubenza Abafundi Abantu Beentlanga Zonke”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
w15 9/1 iphe. 7
AmaNgqina kaYehova amabini ashumayela emizini

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGOOBANI AMANGQINA KAYEHOVA?

Kutheni sishumayela nje?

Mhlawumbi eyona nto saziwa ngayo kakhulu ngumsebenzi wethu wokushumayela emizini, nakuzo naziphi naa indawo abantu abafumaneka kuzo. Kutheni sishumayela nje?

AmaNgqina kaYehova ashumayela ukuze azukise uThixo nokuze azise abantu igama lakhe. (Hebhere 13:15) Kwakhona, sithobela umyalelo kaYesu Kristu othi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, . . . nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.”—Mateyu 28:19, 20.

Ngaphezu koko, siyabathanda abamelwane bethu. (Mateyu 22:39) Siyazi ukuba abantu abaninzi baneecawa zabo, ibe ayingomntu wonke onomdla kwizinto esithetha ngazo. Nangona kunjalo, siyaqonda ukuba iimfundiso zeBhayibhile zisindisa ubomi. Yiloo nto ke sishumayela ‘ngaphandle kokuyekelela sifundisa kwaye sivakalisa iindaba ezilungileyo ezingoKristu,’ njengamaKristu enkulungwane yokuqala.—IZenzo 5:41, 42.

Isazi Ngezentlalo uAntonio Cova Maduro sabhala “ngamanzithi-nzithi amaNgqina kaYehova atyhubela kuwo ukuze izibhalo ezingcwele zifikelele mbombo zone zomhlaba.”—Iphepha-ndaba iEl Universal laseVenezuela.

Abantu abaninzi abafunda iincwadi zethu abangomaNgqina kaYehova. Ibe izigidi esifunda nazo iBhayibhile zineecawa zazo. Nangona kunjalo, bayakuvuyela ukuncokola namaNgqina kaYehova.

Mhlawumbi ikhona eminye imibuzo onayo ngamaNgqina kaYehova. Usenokuzifumana iimpendulo

  • Ngokuncokola neNgqina likaYehova.

  • Ngokungena kwiwebhsayithi yethu u-www.pr2711.com/xh.

  • Ngokuya kwiintlanganiso zethu, kungenwa simahla ibe wonke umntu wamkelekile.

UYesu uthuma abafundi ababini ukuba baye kushumayela
Intaba enekhephu

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngamaNgqina kaYehova, bukela ividiyo ethi AmaNgqina KaYehova—Alungelelaniselwe Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo, ku-www.pr2711.com/xh. (Khangela phantsi kwendawo ethi IIMPAPASHO > IIVIDIYO)

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share