IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w15 10/1 iphe. 9
  • Ngaba Ubusazi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ubusazi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Amanqaku Afanayo
  • UHerode Omkhulu—Ingcibi Yokwakha Enobuchule
    Vukani!—2009
  • “Ngemihla KaKumkani UHerode”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Kubulawa Umntu Kwipati KaHerode
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • ‘Baya Besanda Abantu Abakholwayo KwiLizwi LikaYehova’
    ‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
w15 10/1 iphe. 9

NGABA UBUSAZI?

Ziziphi iingxaki awaba nazo uHerode xa wayesakha itempile eYerusalem?

USolomon wayakha endulini itempile yokuqala, ibe wakha iindonga eziyijikelezileyo ngasempuma nasentshona ukuze zibambe umhlaba ungakhukuliseki ngakweso sakhiwo singcwele. Kuba uHerode wayefuna itempile yakhe ibe nobukhazi-khazi ngaphezu kwekaSolomon, waqalisa ukuyihlaziya waza wayandisa.

Umzobo wetempile neendonga eziyingqongileyo

Iingcali zokwakha zikaHerode zawandisela ngasemntla umhlaba othe tyaba. Ngasemzantsi, zakha iqonga eliphakame kakhulu. Ukuze zikwazi ukwenza lo msebenzi, kwafuneka zakhe isiseko seendonga zamatye abanzi. Ezi ndonga zaziphakeme ngeyona ndlela.

UHerode wazama ukuba angawakhubekisi amaYuda okanye aphazamise inkonzo nemibingelelo eyayisenziwa etempileni. Umbhali mbali ongumYuda uJosephus uthi uHerode wafundisa ababingeleli abangamaYuda ukuqingqa amatye nokuchwela, ukuze ibe ngabantu abavumelekileyo kuphela abangena kwiindawo ezingcwele.

UHerode wafa engawugqibanga lo msebenzi. Ngonyaka ka-30 emva kokuzalwa kukaYesu, lo msebenzi wawusele uqhubeke iminyaka eyi-46. (Yohane 2:20) Waye wagqityezelwa sisizukulwana sikaHerode uAgrippa II ngeminyaka yoo-50.

Kwakutheni ukuze abantu baseMalta bacinge ukuba uPawulos ngumbulali?

Isithixokazi sobulungisa sibetha isithixokazi sentswela-bulungisa

Isithixokazi sobulungisa (ekhohlo) sibetha isithixokazi sentswela-bulungisa

Kusenokwenzeka ukuba indlela ababecinga ngayo abanye abantu eMalta yayiphenjelelwa lunqulo lwamaGrike. Khawucinge ngoko kwenzeka xa inqanawa awayeyikhwele uPawulos yaphuka eMalta njengokuba sisiva kwincwadi yeZenzo. Xa uPawulos wayebasa ukuze abantu awayekhwele nabo bafudumale, watsityelwa yinyoka esandleni. Bakubona oko abantu beso siqithi bathi: “Ngokuqinisekileyo lo mntu ngumbulali, yaye nangona esindile elwandle, okusesikweni kwempindezelo akumvumeli ukuba aqhubeke ephila.”—IZenzo 28:4.

NgesiGrike igama elithi “Ubulungisa” elisetyenziswe apha “ngu-dike.” Eli gama lithetha uhlobo oluthile lobulungisa. Kwiintsomi zamaGrike uDike ligama lesithixokazi sobulungisa. Umsebenzi wakhe yayikukuxelela uZeyus ngabantu abonileyo baza ababhaqwa, ukuze abohlwaye. Omnye umbhali wathi, kusenokwenzeka ukuba abantu baseMalta babecinga ukuba: “Nakuba uPawulos wasinda kwingozi yaselwandle, wayebekw’ esweni nguDike . . . ibe le nyoka yayithunyelwa nguye.” Yathi isakungamenzakalisi, baqonda ukuba akonanga.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share